limbali zikampahleni
(Amabali amafutshane)





K.S. Bongela












AFRO PUBLISHERS

Isinikezelo

Le ncwadana ndiyinikezela kwintsapho yam nethe yandinika ifuthe, inkuthazo nenkxaso ekubhaleni kwam la mabali ngexesha endandigcinwe ndawonye yisamente emlenzeni.
Naba:
Xoliswa, umama wekhaya
Vuyokazi
Milisa
Singalakha

Ndithi kuni xa ninonke amandla namalinge omntu ngamnye onqandwa ziinkwenkwezi kuphela nokuba sendingasekho ehlabathini.  Mandilenze kwakhona elombulelo kuMaRhadebe intombi yakwatshevu eyendele kwasojini ecerhu nebindiphekela umhla nezolo ngeli xesha bendipanekile.  LTkwanda kwaliwa ngumthakathi.

Intshayelelo

Iimbali zikampahleni yincwadana yamabali amafutshane eli xesha.  Apha kuwo umbhali uzama ukunyakaza kwisimemelelo-busikhalazo esakha senziwa ngugqirha Themba Sirayi mini wayefunda iphepha eyunivesithi yaseTranskei ngowe-1989 nyakana kwakukho ifestac (Festival of Arts and Culture).  Iphepha eli lakhe lalingo ncwadi lwesixhosa jikelele.  Waluqala emva kwinkulungwane yeshumi elinethoba wenyuka nalo waza kula maxesha sikuwo.  Nasi ke esi sikhalazo sibangele ukuba umbhali enze eli linge lisabuphendula isikhalazo sakhe.
"In terms of the foregoing review of the Xhosa contemporary literature, it is evident that the 20th Century literary production tends to be static.  Definable thematic patterns which the early 19th Century literature evidences are missing in the contemporary literary production.  Instead there is a hammering of the Mission school tradition of the most earliest 19th Century literature.  Thus contemporary literature does not strike a balance between quantitative growth and qualitative growth it does not reflect socio-politico-economic-dynamics surrounding its emergence.  iti gives the impression that what happens in the country does not involve the Xhosa author - hence the production of literature that promotes church ethics and school-going community.  Even here the sensitive issues such as the segregated religious, educational and moral systems are not treated."
Bekusoloko kungelula ngaphambili ukungena kwimiba echukumisa imeko yezengqobhoko kwixesha lemfundo yabefundisi nezobupolitika kwixesha loo Rhulumente bamaNgesi, bamaBhulu nabamaphandle.  Nabashicileli-bapapashi zincwadi nabo kwelabo icala bebeqinisekisa ukuba umbhali ubhala ngokwemigaqo yabo hayi intando yakhe.  Siyathemba ukuba inkululeko esiyibambe ngowe-1994 yobenza ababhali banyawuke bafezekise le minqweno yale ngcaphephe ikhumshe apha ngasentla.

Abafundi bophawula ukuba la mabali akule ncwadi athetha ngeziganeko ezimbalwa ezithe zehla apha eMzantsi Afrika.  Injongo kukulungiselela isizukulwana esizayo ukuba zesazi noko ubuncinci ngezinto ezikhe zenzeka.  Kaloku ezinye iintlanga azilalanga ziyazibhala zonke iziganeko ezenzeka mihla le eli xa thina sisarhonayo.
Enye injongo kukwenza ukuba incwadi ingapheleli ebantwaneni kuphela njengoko iincwadi ezininzi bezisakulungiselelwa loo nto ngaphambili.  Nabantu abadala abazihlelele emakhaya mabakwazi ukuzifundela ngentlalo nabo abaphakathi kuyo, bakwazi ukuzikhumbula neziganeko ezehle ngexesha labo.
Maz'enethole mawaba nani mawasakazi.

K.S. Bongela
Mdumba 1996.

Umbulelo


	Umbhali nabashicileli benza ongazenzisiyo umbulelo ngoncedo abathe balufumana kumaphepha-ndaba anjengomthunywa
	neDaily Dispatch kwakunye nezi ncwadi: The hard right: the new white power in South Africa.  Johann van Rooyen.
	London: I.B. Tauris, 1994.  Vivid verse: an anthology of poetry.
	Book 2. Edited by J.J. Botha and J.L. Mackenzie.  Johannesburg:	Voortrekkerpers, 4th iti. 1970.

Iziqulathiso

1.	Isiqithi sikamakhanda 1
2.	Imibhiyozo 12
3.	Intlekele ebhisho 21
4.    Mhla laphuma igorha  29
5.	Nantso ke inkonyana yesizwe 34
6.	Utyelelo eMount Nelson 39
7.	KwaTyeke 54
8.	UMaqandeni 64
9.	"Uphumle kamnandi" 77
10.	Iinkumbulo 86
11.	Amahlathi aphelile 96

Isiqithi sikamakhanda

Ingqungqumbana emzimba usiqosholo, emdaka ngebala, uMpahleni igama, umfo wakwacikili ozalwa ebawa kwelaseGcuwa, nonamabali amnandi awabalisa ngokuweva ebantwini nakumava akhe, usivulela le mvaba namhlanje ngokusibalisela ngesiqithi sikaMakhanda.  Olu lwazi ngaso ulufumana kumfo wakwagadluma igama lingumi nenzima nowakha wachitha ithuba elide ekuso.  Incoko le isityhilela ukuba aba bafo bangoontanga kwaye bakhula kunye kule lali yaseBawa.  UMpahleni ubalisa enjenje:

"Ngomnye unyaka ndathi ndiseholideyini ekhaya ndagqiba kwelokuba makhe ndithi ukuhamba hamba elalini yakuthi ndityelele izihlobo nezizalwane.  Kaloku kuthi ibilithuba leeholide zekrisimesi kubuye abantu abaninzi abavela kwiidolophu ngeedolophu.  Ndigqibe kwelokuba mandiqale ngentang' am umfo wakwagadluma endandikhula naye.  Kubekho iimpukane eziluhlaza ezithe ntwii zathi lo mfo ukho ngekhaya eli, ukutsho oko ubuyile e'yunivesithi'.  Le yunivesithi ndithetha ngayo ibiligama elalisetyenziswa ngaloo mihla ukuhlonipha intolongo.

'Ndiye ngomdla omkhulu kuba lo mfo ebesenethuba leminyaka engapha kweshumi wadukayo kungekho mntu umaziyo icala awaya ngakulo.  Bakho nababesithi wafela emazweni.  Kaloku yayiyinto eqhelekileyo kwimihla yokulwela inkululeko ukuthi kuhleliwe nje kanti abantu abathile bayitsibile imida yeli lomzantsi Afrika baya kwamanye amazwe apho babefika baqeqeshwe kwezasemkhosini.  Imibutho eyayiphambili kolu qeqesho ngulowo kuthiwa ngumkhonto wesizwe kwakunye neApla.

'Ndithe emva kokuba ndinkqonkqozile ndaliva ilizwi engqokolayo lisithi,'Ngena!'.  Ndifike lukho olu xwabiya lo mfo lungqengqe phezu kwebhedi lufulathele umnyango phofu linxibe ibhulukhwe nehempe.  Guququ isilwana ukujonga kongenayo, dlambululu ukuma ngeenyawo; qheke uncumo

nobubele.  Nako ke sibulisana sixhawulana ngomoya oshushu nozele ulangazelelwano.
"'Molo ntangam Minenzima!'
"'Yitsho khwetha Mpahleni mfo kaCikili.  Uphuma phi?  Kunini ndakugqibela!'
"'Hi mfondini, ungathini ukuthi kudala wandigqibela indim nje umntu ekudala wakugqibela?  Mna ndisuka apho ndixelenga khona.'
"'Uxelenga phi na ntangam?'
'Kaloku ndingapha ebesuthwini kwelaseMadadiyela kwisikolo sikaMshweshwe.  Hi khwetha, wena uvela phi na mfo?
"'Hi mfondini, usabuza na?  Ndisazazi apho ndivela khona?' "Uthe ukuba atsho ndaphawula ukuba ubuso bakhe buya busihlwa kwanga kukuthi sithe kwelifu elimnyama kwilanga ebeliqaqambile.  Nditsho ndaphawula ukuba umfo lo unobuso obuthande ukuba neziva namanya.  Sikhona sona eso sasibalasele apha entlafunweni.
"'Awu, watsho Gadluma?'
" 'Ntangam, ndiminyaka ingaphaya kweshumi ndemkayo apha ekhaya ndisiya kusebenza eMonti njengoko nawe usazi ukuba usapho lonke lwasekhaya lwalusoloko luhlala khona ngeenjongo zokuxelenga.  Iminyaka elishumi elinantlanu ndandisebenza kwaMontayi kodwa esibhozo ndiyichithele esiqithini sikamakhanda.
" 'Le nto iqale mhla kwabakho ikwayala lwabasebenzi begwayimbela imivuzo ephantsi.  Bagqibe ekubeni bazibeke phantsi izixhobo zokusebenza waza wema umsebenzi.  Iinkokeli zethu ekwakukho phakathi kwazo umfo kaGwebi owayeliciko ngeyona ndlela, zagqiba ekubeni kunyulwe amadoda amane adibane neziphatha-mandla zomzi lo.  Kusuku lwesibini kuzanywe ukuthethathethana nabasemagunyeni kodwa endaweni yokuba kuvunyelwane kusuke kwabizwa amapolisa aza abamba le komiti yethu ngelithi yiyo le ixhokonxa abasebenzi.'
"'Ngumhlola wantoni lo uwuthethayo, Gadluma?'
" 'Yiva ukuba ndisitsho.  Kuthe ukuba kwenzeke le nto avundla amadoda, avatha iqaqa, agweva exerha.  Endaweni yokuba kuye iqaqobana e-ofisini kamakhonya kusuke ngoku

2

kwaya umndilili owawuthande ukungalawuleki, ukhwaza ufuna ukuqonda ukuba ooGwebi babanjelweni na.  Sithe siyabona nazo iiveni zoonongqayi zirhangqa umzi wonke bona bexhobe bafa amacala.  Kuvele induna yabo yahlokoma embhobheni isithi masibuyele emsebenzini okanye siphume siphele kumasango akwaMontayi.  Ningena phi nina senisithi gxwabhabha iimpumlo zenu ezinde kwimicimbi yakwaMontayi nathi?  Ukuba siyaphuma apha siza kubhatalwa imali yale cawa neyale nyanga yonke sithi sakugqiba sinikwe ibhonasi yonyaka, livakele lisitsho, ilizwi liphuma kumatsha-ntliziyo phakathi kwethu.
" 'Kungekudala azikhulula izinja amapolisa zangena emntwini eli xa wona ayebetha kwamntu uphambi kwawo ngeemvubu, ngeentonga nangemiva yemipu.  Zabakhona izithonga ezivakalayo.  Kwezo zithonga kwafa abantu abalishumi.  Izinja zona zazidlakaza inyama ngathi zidibene nesiziba.  Kwaba nguloo mbhodamo kugilwana ingumntu phezu komnye.'
'Yintoni mani le uyibalisayo, Gadluma, imbi kangaka?' ndivakele ndibuza intliziyo iphala okwenkabi yehashe kukubindeka.
"Njengoko usazi ukuba iifemeli ezininzi zidla ngokujikelezwa ngodonga nocingo, abantu abaninzi bazama ukugwencela elucingweni becinga ukuya kutsiba ngapha kwalo.  Yintoni!  Zazingabadli zazibaqwenga izinja zamapolisa, ziyithule indoda phezulu ziyiphose phantsi ziyenze ijacu neekiniki ngethutyana.  Abanye baya kuphuma ngesango bababeleka abazicatyana.  Kude qelele nomzi lo babuya badibana sekukho nabanye; ababengasebenzi kulo mzi.  Kulapho ke umsindo wabantu ndawubona khona.'
"'Njani?'ndabuza ndikhamnqekile.
" 'Bala ukuba bathi saa apha phandle bagcwale izitalato, kwayiloo mbonda simonye.  'Iimoto ezazizihambela zaqabuka sezimiswa, ezinye zizimela kuba zixakwe nguloo mbhodamo.  Kulapho kwatsalwa abantu ngeefestile bakhutshelwa phandle kwatshiswa iimoto zabo.  Abanye baxatyelwa kabuhlungu bengalindele.  Iinqwelo-zigulana zathutha zithuthile ukusa abantu ezibhedlele.  Abanye basebesisiwa emikhenkceni.
"'Ukususela ngoko akuzange kuphinde konwatywe.  Zagaleleka zigalelekile iinqwelo zamapolisa zikhokelwa ziinqwelo zomkhosi zisuka koomaQonce, Bhayi, Komani, njalo njalo.  Zajikeleza zigqogqa iilokishi zethu ezazinjengoomamekeni, New Brighton, Ziphunzana, Dankeni ukuya koomaWest Bank.  Abo bafunyenweyo (esingazi phofu ukuba bafunyanwa kanjani na) babefakwa ezivenini kumkiwe nabo baye kuvalelwa.
" 'Ndabanjwa xa kulapho ndisahamba esigingqini ndisiya ngakwaLoyiti ndaza ndaya kuphoswa kwanongqongqo.  Sasibaninzi ngeyona ndlela.  Sahlala iinyanga ezintandathu kuloo ntolongo de kwaxoxwa ityala.  Izityholo yayikukwenza izidubedube, ukubulala, nokonakalisa impahla yabelungu (malicious damage to property).  Kwabakho nezifakelwayo ke ezinjengokudela ubungangamsha bukarhulumente (undermining the Authority of the State) nokuzama ukubhukuqa uRhulumente, njalo njalo.'
"'Nanimbhukuqe phi, nini na lo Rhulumente esesezintanjeni
nje?'
"'Hi mfondini, ukufuna imali yethu esasiyisebenzele yaqala nini ukuba lubhukuqo lukaRhulumente ngaphandle nje kokuba urhulumente kaVerwoerd wayengamfuni nje umntu omnyama?  Likho lona eli polisa laliphambili kakhulu ekuzingeleni abantu nasekubabambeni.  Kwakusithiwa nguEhadi.  Mna ndabanjwa nguye kanye.  Ukundifaka kwakhe evenini kwayiwa ekhaya, kwaguqululwa endlwini yam kwemkiwa neencwadi zomzabalazo namaphepha.
" 'Zezo ncwadi ke ezandenzakalisayo ndaba ngomnye wababanjelwa ukusebenzisa nokufunda iincwadi ezivalwe ngokwasemthethweni.  Emva kwetyala ndasiwa kunye nenkitha yabanye ababanjelwe ukuba ngamalungu emibutho evalwe umlomo, esiqithini sikaMakhanda.  Kwelethu iqela sasingamadoda akumashumi amathandathu.  Oko ndaba lapho kukhona ndiphumayo kulo nyaka emva kokugwetywa iminyaka esibhozo.'
'Uthe emva kokuba etshilo waphakama waya ewodrobhini yakhe wakhupha enye ihempe.  Uye wayikhulula le bendifike eyinxibile waza wanxiba le.  Uthe akuma ngogaga, ndabona umhlola owandihambisela umzimba.  Umzimba lo wonke wawuzele ziziva endingazi nokuba zazingaphi na, zenziwe ngasiphi na isixhobo.  Ngelifuna ukwazi ndiye ndabuza:

4

"'Gadluma, yintoni ukuba neziva ezingaka?  Kwenzeka ntoni emzimbeni wakho?'
"'Musa ukungxama ndiza kukubalisela.'
"Uthe gatya gatya ukutshintsha waba sel esithi, 'Into ebhetele masithathe izitulo siye phaya emthunzini phantsi komthi size kubethwa ngumoya.  Ngathi kushushu apha endlwini.'
"Kwangoko siphume phandle kwaba sekusiza intwazana isiphathele intloko yegusha, amafetshu kunye namarhewu.  Sizibethe zabomvu eli xa sincokolayo.  Ndimcelile umhlobo lo wam ukuba andichazele ngesi siqithi sikaMakhanda sidume okwehashe leresisi.  Yintoni!  The ngathi ebendilindele kuba
ulwazi abenalo ngale ndawo lundenze ndabamba ongezantsi ndaziva ndisisishwayimbana.  Uhambise wenjenje:
"'Kude kufuphi nesixeko saseKapa, kuloo ntywankantywili yolwandle lweatlantiki, mayela nesithuba seekhilomitha ezilishumi elinanye, kuthe zinzi isiqithi esaziwayo sikaMakhanda.  Sothiwe yidolophu enkulu yaseKapa iti yathi
ngobukhulu bayo yanga isinika umbele wayo owaziwa ngokuba yiSea Point.  Ngemva kwalo mbele kuphongome umanqanqa nomxwebethu wentaba ephakamileyo eyaziwa ngokuba yiNtaba yeTafile.
"'Le ntaba yodumo ilengalenga phezu kwesixeko saseKapa,
	iwabonile amazolo, izivile iingqele, yatshizwa ngamaqhwa yada, ngenxa yokutshaziswa ziimeko zezulu, yagqiba
	kwelokuba mayizifunele iqhiya emhlophe iyithwale khona
	ukuze imimoya namaqhwa ingayenzakalisi ebuchotsheni.
	Izibonile iziganeko ezisezimbalini zoMzantsi Afrika.
"Ewe izibonile iinqanawa nezikhephe zamadoda amaPhuthukezi asezimbalini, izinto zooVasco da Gama, ooBartholomew Diaz, ooDiogo Cam, awayegqitha kuloo ncam yeKapa
	esinga kwelase-Indiya ngezorhwebo.  Ikwazibonile iinqanawa zorhwebo zamaDatshi zidlula apha kwada ngenye imini ngonyaka we-1652 ngomhla we-6 kutshaziimpuzi, kwangena uxwabiya lwenqanawa ekuthiwa yiDromedaris eyayonganyelwe sisikhulu nenqeberhu yomfo wasemaDatshini uJan
	van Riebeeck owayehamba neqela lakhe beze kuhlala ngonaphakade kule,ncam yekapa.
"'Le ntaba ijamelene nesi siqithi sikamakhanda yada yangathi icela umngeni kuso.  Nangona esi siqithi siqale ukubaluleka ngakumbi ngexesha lempatho yorhulumente wamanashinali sibenawo umqela kwakwinkulungwane zangaphambili.
"'Ukumkani uJames wokuqala waseNgilane kwisithuba sowe-1618 waba nengxaki yokungalawuleki kwabantu bakhe.  Wabamba amadoda alithoba waza wathi kuwo akhetha ntoni na phakathi kokuba awaxhome okanye asiwe kweyona ndawo yakha yafihlakala emhlabeni.  Akhetha ukusiwa ekufihlakaleni aza ngoko aziswa kwesi siqithi sikamakhanda esaziwa ngokuba yiRobben Island  ngesilungu.
"'Kwakhona kunyaka we-1658 umfo othile ekwakusithiwa nguHarry, igwangqa apha elali inwele ziqaqasholo nelalitolikela uJan van Riebeeck, laphawula ukuba la mabhulu, phezu kwezinto awayeze kuzenza kweli lizwe, athabatha umhlaba wooyisemkhulu.  Yabhidana ibhobhile waqhawuka unobathana.  Wathi ndum ndum kwabakubo wathi malududulwe utshaba lubuyele emva.  Kuloo madulubhentsu okuhlangana kogaga, intsimbi nelophisi, wabanjwa uHarry waya kuthiwa tshwa esiqithini sikamakhanda njengomqhwayi-nkathazo nodushe ekungafanelekile ke ngoko ukuba angahlala phakathi kwabantu.  Akukho bani waziyo nokokuba lo mfo kaHarry waphuma esaphila na apho okanye wafela kwesi siqithi kusini.
"'Kwathi kunyaka olandelayo emveni kokuba laa madoda alithoba asengilane eze kuvalelwa apha, kwadlula inqanawa yaseBritane.  Yakhwazwa ngamadoda amabini kula alithoba acela ukuba makabuyiselwe eBritane kuba ayesele ekulungele ukuxhonywa.
"'Ukususela ngaloo maxesha akukho nto intsha ikhe yenza inguqulelo kwesi siqithi ukususela kwisithuba seminyaka engama-377 ngaphandle nje kokwaziwa njengendawo yokuhlala amabanjwa angabaqhekezi, ababulali nezigwinta.  Kodwa udumo lwale ndawo lubalasele kumaxesha ombuso wocalucalulo lorhulumente wabamhlophe abazibiza ngokuba ngamanashinali.  Aqala ukuxhuzula iintambo ngonyaka we1948 xeshikweni iqela lamanhshinali elalikhokelwe ngugqirha D.F. Malan laphumelela uvoto laza iintambo lazihlutha kwiqela elalisaziwa ngokuba yiUnited Party eyayiphantsi konjengele Smuts.

6

44 Onke amabanjwa ezobupolitika aqala ukuziswa apha kwesi siqithi emva kokuba egwetywe ezinkundleni zamatyala.  Apha kwakungumndilili wamaqela abantu abamnyama nabelunga, amasilamsi, abaneqhenkqa, amafaca, abagula ngengqondo nabo banezifo ezinganyangekiyo.  Ngokuya kuhamba ixesha ezinye iindidi zamabanjwa ezinjengabelungu nezinye iindidi esesizikhankanyile zasuswa kwesi siqithi kwashiyeka kuphela amabanjwa abantu abamnyama ezobupolitika.
"'Ngako oko ke le yindawo ezele yimbali yosizi, eyempathekombi nongcungcutheko yada yaqwela ngokungcikiva bonke abo babesilwela amalungelo esizwe esimnyama awayehluthwe lucalucalulo ngokwebala lomntu.  Mna le ndawo ndiyifumene iyindawo yeenkumbulo ezingcungcuthekisa imiphefumlo yabantu apho amagorha amaninzi athi afela khona.  Apha kwakungekho kwanto iza.apha ngaphandle kwesikhitshana esasibizwa ngokuba yiFerry of Tears.  Ophumayo wayekhweliswa kuso kanti nohambela phaya wayeziswa ngaso.
"'Xa ufika elunxwemeni lwesi siqithi wawusamkelwa luphawu olubhaliweyo emqadini wamasango enkomponi yentolongo othi, Wamkelekile esiqithini sikamakhanda.  Umntu ngamnye othe weziswa apha wayesazi ukuba akuyi lubuyayo.  Indoda ebuye isaphila yayibulela imisebenzi yezinyanya zakokwayo ngenxa yempatheko-mbi yemihla ngemihla.  Maninzi amagorha namaxhwangusha kwezomzabalazo athe agqitha apha.  Ndingabalula nje abe mbalwa: iinto zooMandela, ooMbheki, ooKathadra, ooMlambo, ooSisulu, ooSobukhwe, ooMoseneke, ooTefu, ooNyathi, ooPokela, ooMosemola, ooMakhwethu, ooMothopeng, ooNkosi, ooMlangeni, njalo njalo. Xa ndibiza la madela-kufa ndiziva ndinelunda.
44	'Yintoni le ikwenza ilunda ngokuba lapha?'ndiye ndabuza ngenjongo yokufuna ukuba abhodle.
"'Okokuqala kukuza kunyathela kwesi siqithi sika-Makhanda.  Ndifike kukho inkolo yokuba umshologu kaMakhanda uvuthuza imihla nezolo kwesi siqithi.  Uhamba uphefumlela umoya wobugorha, uzuko nokuba lulutho esizweni kuwo onke amafela-ndawonye namadela-kufa athe aza kulala apha ngendaba yokulwela amalungelo esizwe.) "'Ngubani kanye lo Makhanda?  Wayebaluleke ngantoni?' "'UMakhanda owayelinxele ngendalo, waphila ngesithuba senkulungwane yeshumi elinesithoba waza walixhoba lokuqala lokuphoswa kwesi siqithi ngezobupolitika.  Kwakungexesha amaXhosa ayesilwa iimfazwe nabelungu ababebonakala ezingqondweni zabantu njengabaphangi bomhlaba emveni kokuba befike kweli lizwe besuka eYurophu.
"'Waba yinkokeli yamaXhosa eyaba nevuso sesi senzo sokumka komhlaba waza wakhokela iqela elazabalaza likhalazela esi senzo.  Wathatyathwa waza kuvalelwa kwesi siqithi.  Kuvakala ukuba wazama ukuphuncula ngesikhitshana kodwa eso sikhitshana sazika waza ke warhaxwa wafa.  Kwiminyaka engaphezu kwamashumi amathathu zibe zininzi kakhulu iziganeko zokukhalaza kwabantu ngezobupolitika baphelele ekubeni baphoswe kwesi siqithi apho kwaziwayo
ukuba abasoze baphuncule.'
"'Ndiyakuva Gadluma.  Ngamanye amazwi wonke umntu othe waza kunyathela apha uthatyathwa njengegorha, umlweli-sizwe nomfela-ndawonye wemidaka.'
"'Kunjalo kanye.  Okwesibini kukuziva nawe wenze igalelo ekulweni utshaba lomntu ontsundu, ucalucalulo nengcinezelo ebangwa yimithetho ethe yenziwa xeshikweni olu calucalulo

belunyanzeliswa ...'
"'Qhuba khe sibe nomfanekiso-ngqondweni wale ndawo.'
"'Iindonga zale ndawo zazakhiwe ngqindilili kwaza kwafakwa iintsimbi ezikwangqindilili nasezifestileni.  Kwakusetyenziswa amabhakethi ngakumbi kule ntolongo indala kuba amanzi ayenqabile.  Umtu ngamnye wayenikwa isepha neempahla zokutshintsha.  Thina mabanjwa ezobupolitika sabekwa sodwa sahlulwa kwabo baphule umthetho ngeendlela

ngeendlela.'
"'Owona msebenzi naniwenza yayiyintoni kule minyaka ingaka?'
"'Onke amabanjwa ayesetyenziswa entolongweni ukwakha izindlu zasesiqithini.  Akukho mini kwakungasetyenzwayo.  Nokuba selibanda liqotholisa izandla, nokuba seligqatse ubhobhoyi kwakufana.  Xakusiyiwa kusetyenzwa naniphuma ningumqokozo nibetha ngezikatshiwo niphethe izixhobo zokusebenza.  Abanye babehamba bebotshwe ngamatyathanga kulungiselelwa ukuze bangaphuncuki babaleke.
"'Owona msebenzi wawunzima yayingulowo wokuthutha amatye ngeekiliva niwase elunxwemeni lolwandle.  Nanigadwa ngoonqawayiphuzwa abamhlophe abaphethe oombaxa.  Ngabona bantu babebenza ubomi bentolongo bukrakre abo.  Kwakukhethwa awona mabhulu anentiyo eyondeleyo ngakumntu omnyama.  Ayehlala ebonakalisa eyona nzondo imbi kubo bonke abantu abagwetyelwe ezobupolitika.
"'Babethatha bonke abantu abalwela inkululeko kumakhamandela ocalucalulo njengabantu abasebenzela ukuhlutha umlungu inqatha emlonyeni layo yonke into ayisebenzeleyo Nangani kwakungekho mthetho ubagunyazisa ukuba baphathe amabanjwa kakubi, kodwa babeyenza le nto ukophula umoya wabo bazabalazi bangafuni kuzijika izimvo zabo.' "'Hi mfondini, uthetha ukuba naniphatheke olu hlobo
kanti?'

"'Ubona le mivumbo nemivilambo nezi ziva nje apha emzimbeni yiloo mpatho.  Nakwala xa niqala ukukhalaza kuthiwe yiyani kooNkrumah, ooSobukhwe nooMandela.  Mna andithandi kuzithetha zonke izinto ezazisenzeka kuthi kuba zisuka zindivuselele iinkumbulo ezimbi.'
"Khawundicacisele le nto.  Le mpatheko-mbi uyibabazayo ingaba yayigunyaziswe ngabasemagunyeni nokuba abenzi bayo babezenzela?'
"Abasemagunyeni phi ke?  Uthetha urhulumente okanye abaphathi-ntolongo?  Kokwam ukubona into yokuphatha umntu kakubi asiyonto ibhaliweyo nevumelekileyo ukuba yenzlwe koko yenziwa ngabantu abaphethwe yinkohlakalo, inzondo, intiyo nokungazi okuninzi okudibene nokungamcingeli omnye umntu ukuba unegazi nenyama.  Heyi mfo ,Wakuthi, okona undigocagoca ngezi zinto kokona zindiphatha
kakubi iinkumbulo zasesiqithini.'
"Uthe ukuba atsho ndabona amehlo la akhe egungqugungquza iti angathi aza kusuka atake.  Ndiye ndaqonda nam ukuba mandibuye nganeno hleze ugadluma lo andixake.  Nangona kunjalo ndiye ndabuza imibuzwana yokugqibela:
"Ndiva ngathi esi siqithi kuzezi ntsuku nje asizi kuba isasetyenziswa njengentolongo yamabanjwa, yinyani loo ntol "'Ewe kunjalo.  Onke amabanjwa alapha asiwa kwezinye iintolongo ezisemhlabeni eMzantsi Afrika.  Sona isiqithi esi soshiyeka sisisikhumbuzo (national monument) esohlala sikhona ezimbalini zeli lizwe, ze nabakhenkethi abasuka kwamanye amazwe bakwazi ukuza kusibona.'
"'Ingaba uziva unenqala ngakwabamhlophe ngokuphatheka ngolu hlobo ulibanjwa ngenxa yokuba wawusilwela amalungelo akho nawesizwe sakho?'
" 'Inqala ayakhi sizwe.  Ukuba ngaba singavukela bonke abantu abamhlophe ngesi senzo ingaba asazi apho sijonge khona. Khumbula ukuba inkululeko ayizange inikwe abantu okwenduku yomnquma.
" 'Asikho isizwe apha ehlabathini esakhe sayifumana olo hlobo ngaphandle koonomgogwana bamaphandle.  Ukuba ngaba ikhonsathi zonke iinkokeli ngakumbi ezi zimnyama apha eMerika wophawula ukuba zonke ziqale zangamabanjwa iminyaka ngeminyaka phambi kokuba ziyifumane inkululeko yezizwe zazo.  Nazo zaziphatheka kakubi oku kwethu.  Ukwenza umzekelo, ikhonsathi yakhokelelwa kwinkululeko yayo ligqala uJomo Khenyatha owayekhokela iqela elalisaziwa ngokuba yiMau Mau.  AmaNgesi ambamba amvalela entolongweni iminyaka eliqela.  Kwaba njalo nakuJulius Nyerere waseTanzania, uRobert Mugabe waseZimbabwe nenkitha yabaninzi.
" 'Izizwe ezininzi ziqala ngokuyilwela inkululeko phambi kokuba ziyifumane.  Ekuyilweleni abantu bayatshutshiswa, bayangcikivwa, bayabanjwa, bayabulawa.  Khangela naba ooMozambikwe, Angola, Namibhiya, Nigeria, Zaire, Ghana, ndibala ntoni na?  Amanye ekudala aba semfuthweni iminyaka asalwa nanamhlanje.  Khangela iIreland kwakunye nezizwe ezininzi ezikuMbindi-Mpuma nalapha eAfrika zisalwela inkululeko okokoko.  Ukuba angathi la mabanjwa ezobupolitika selekhutshwe ngaphandle ahambe enqoloba zonke iintshaba zawo asingeze siqhubele phambili.'
"'Lilonke ushumayela uxolelwaniso neentshaba zethu?'
" 'Kanye ke.  Ukuhlala ngokulwa akuzi kusisa ndawo.  Into mna endiyibona inokuba luncedo kuthi njengesizwe kukuhlala phantsi kuthethwe kuboniswane neentshaba zethu ngekamva loMzantsi Afrika hayi ngokuhlala siphakamise izigalo.
" 'Uyaqonda phofu ukuba kuzezi mini nje akusalwi bantu bamnyama nabamhlophe koko kulwa kwa abantu abamnyama bodwa?  Yenzeka njani loo nto?  Mna ndisuka ndingazi ukuba kwenzeka ntoni na.  Yiyo ke le nto kufuneka kuthethathe-
thwane khona ukuze kuhlaliswane ngoxolo, omhlophe nomnyama, omnyama nomnyama, omhlophe nomhlophe.  Yimibono yamadoda alwela inkululeko ukubona lo Mzantsi Afrika mtsha ungomanyeneyo nohlelisene ngoxolo.' 'Kuthe xa sikwesi sithuba saphazanyiswa kukusuka imazi yenkomo yalapha isukele intwazana eminyaka ilishumi esuke yasondela ecaleni kwayo isancancisa ithole layo ebilizele ngephezolo.  Nako ke sibaleka sisiya kunceda loo ntwazana ibikhala esimantshiyane ngenxa yale ngxaki.  'Tyhini madoda!  Nanko umtshithi wophondo entsuleni yomntwana."

Imibhiyozo

"Kutheni na mfo kaCikili usuke wanqaba kangaka nje?  Uyazi ndinento engaphaya kweenyanga ezintlanu ndingasakuboni?  Ubuphi?" kwabuza igqomogqomo lomfo onesithomo, umfo wakwandondo emazizini nowayengummelwane kampahleni xeshikweni wayehlala emsobomvu eGcuwa.
"Kaloku Dlamini, ndisoloko ndingekho kutshanje, ndiseCiskei kwelasebhisho nasemdantsane."
"Ufuna ntoni apho le ibangela ukuba iti usilahle?"
"Asikuba ndinilahlile mfo wakuthi koko bendisaye kuthatha amanqaku kulaa mbhodamo kaSebe."
"Kanene urhulumente kaSebe ubhukuqiwe.  Ndingathini ukulibala into ebisoloko ithethwa kangaka?"
"Yiloo nto kanye le ibangele ukuba ndikhe ndichithe iiveki ezimbalwa kweliya cala.  Eyona nto wena andifuni kuphoswa zezi ziganeko kuba ndilungiselela ukubhala ithisisi yam yemasters emxholo wayo usekwe phezu kweziganeko zobupolitika ezenziwa kukutshintsha kwemeko yobupolitika eMzantsi Afrika."
"Njengokuba uye kuzifaka kwizixholoxholo zelinye ilizwe nje awoyiki kuchatshazelwa ligazi?"
"Ukuze ndibufumane ubunyani bezinto kufuneka ndiphakathi emsini ndixele intatheli yamaphepha-ndaba okanye umabona-kude."
"Khawusewundibalisela yonke into oyibonileyo neyenzekileyo ngexesha lobhukuqo-mbuso."
"Into ebhetele, fika phaya kumalume usandi eVuli Valley ngentsimbi yesixhenx'e ngorhatya.  Kulapho ndofumana khona ithuba lokukuchazela yonke into.  Kaloku ngoku sendawuthengisa umzi wam ndaya empnti." Baye badibana kwaninalume ngokwezigqibo.  UMpahleni waqhuba wathi:
"KwelakwaRharhabe ngexesha loorhulumente bamaPhandle, ulawulo lwemveli lwaluphantsi kukankosi uL.L.W. Sebe.  Yile nkosi eyenza ukuba iCiskei ifumane inkululeko ngowe-1980.  Yile nkosi eyakhe isizwe saseCiskei yasiphucula ngokwakha izinto ezininzi ezinjengamashishini, amadami, iilokishi, yagqibelisa ngokwakha le dolophu yaseBhisho eyayiqala ethafeni emveni kokuba oontamo-lukhuni bamaBhulu bala ukuba iQonce lenziwe intloko dolophu ephambili (capital) yaseCiskei.
, "Emva kweminyaka engaphaya kweshumi unkosi usebe ephethe uye wasuswa esihlalweni kwaphatha ibhunga lomkhosi elalikhokelwa ngubrigadiya Oupa Ggozo. Isiganeko sokubhukuqwa korhulumente waseCiskei saba sisiganeko esaba sikhulu nesabanokungalibaleki ezimbalini zala mazwana.  Le nto yenzeka ngomatshi kowe-1990 xeshikweni umongameli Sebe wayethabathe uhambo oluya eJaphani. Nangona wayehamba kwasekucacile ukuba ikho intshukumo ekhoyo kwelo zwe laseCiskei.
'Ngentlazane yomhla wesine kumatshi 1990, iRadio Ciskei yahlokomisa iindaba zokuba urhulumente kaSebe ubhukuqiwe ngamajoni akhe awayekhokelwe ngubrigadiya Oupa Gqozo ngentseni yecawa yomhla wesine.  Kwangoko abantu baqokelelana ezitalatweni beyiyizela bevuya.  Babecula iingoma bephakamise amanqindi benguloo mdolomba.  Ixilongo lababizela esisa Dukashe eMdantsane.  Umlawuli omtsha wayeza kwenza intetho.  Kuxwebhu awalifundayo okagqozo wachaphazela le mibandela. "Okokuba umkhosi waseCiskei ulawulo uluthabathele kuwo usebenzisa iqumrhu lomkhosi ukukhusela izakhiwo zikarhulumente, iziko losasazo nezinye iindawo.  Kwasekuvalelwe intloko yecandelo eliphezulu (Elite Unit) eyomkhosi woKhuselo (Defence Force), eyengqwayingqwayi yomkhosi (Chief of Army), namalungu ekhabhinethi ali- 18.
"Ibhotwe likankosi uSebe lashiywa likhamisile bengekho nabo badla ngokuligada.  EMdantsane ubrigadiya Gqozo wayixelela loo nginginya yayitsibatsiba luchulumanco okokuba injongo yorhulumente wakhe yayikukudibanisa iCiskei noMzantsi Afrika.  Ethetha phantsi kweflegi yeA.N.C., neS.A.C.P, okagqozo wayixelela loo nyambalala ukuba urhulumente wakhe ujonge ikamva labo.  Abantu ngoko mabahlale ngezenzeke ngexesha kwakuphethe unkosi uSebe.
"Waphinda wenza enye intetho kwindlu yowiso-mthetho eBhisho apho wacacisa ukuba kukho ikomiti entsha eyiliweyo yokuncedisana nequmrhu lomkhosi eza kuphatha imicimbi yaseCiskei.  Wacacisa ukuba yena akazi kufana nalo Rhulumente mdala.  Iinkundla zomthetho ziza kusebenza njengesiqhelo.  Zonke izigqibo nezibhambathiso zoosomashishini noRhulumente azizi kuphazanyiswa.  Abakhenkethi abamhlophe abalapha eCiskei abazi kuphazanyiswa.  urhulumente ozayo wacacisa ukuba yayiza kuba ngurhulumente wabantu nomkhosi.
"Wathembisa ukuba onke amabanjwa ezobupolitika abanjwe phantsi ko 'Section 26'wezoMthetho wokhuselo waseCiskei aza kukhululwa ngoko nangoko.  IBhunga lomkhosi lacengana namaCiskei ukuba umthetho noxolo ze angazilahli. kuba nenza imibhiyozo zemyenze ngoxolo ningenzi mpindezelo.  Wanga uThixo angathoba iintsikelelo zakhe aninike amandla okuba zonke izinto zibuyele kundalashe,'utshilo ubrigadiya Gqozo.
"Nangona esi siyalo sasenziwe esidlangalaleni kodwa imivuyo nemigcobo yabenza abantu babhiyoza ngale yabo indlela.  Asinakho ukwazi okwakuqhubeka ngaphakathi ezindlwini kodwa okwakuqhubeka ezitalatweni kwabasezimbalini zoMzantsi Afrika nehlabathi liphela.
"KwelaseBhisho amawakawaka abemi agcwalisa izitalato ecula amagwijo esenza imikhwazo.  Ulutsha lwalugqiba zonke izitalato  lutoyitoya.  Lwathi lusebhisho lwabe lukwazwelitsha nasephakamisa.  Amanye amajoni ahlangabezana nabantu esenza umxhentso ecula okwawo.  Iimoto zazizulazula izitalato zithe nkxwe-e.
"AbaseMdantsane nakwezinye iilokishi babengathi basemfazweni.  Kwathi kwakuhlwa ngakumbi emdantsane kwakrotyozwa iivenkile, zimbi zitshiswa, zimbi zibhombishwa.  Luninzi lwezi venkile lolo lwaluseLennox Sebe Complex.  Izicima-mlilo zazingafumani thuba lakusondela kuba ikhaba lalifunza kuzo lizibethe zibhace luzikhombisa apho zivela khona.
"Zazivakala zivakele izithonga ezivela kwiziphaluka ngeziphaluka zelokishi.  Amaphepha-ndaba ayemana ekhupha iingxelo zokuba umonakalo owenziweyo ukwizigidi ngezigidi zeerandi.  Emva kwethuba wabuya wakhutshwa umyalelo wokuba bonke abo benza imbubhiso ezivenkileni nakumashishini babanjwe.  Nangona itoyitoyi yayibonakalisa ukuba
	umoya isengowokubhiyoza kodwa labakhona iqela elininzi lootsotsi elalinenjongo yokutyhuthula nokukhuthuza.
	Abanye abanini-mizi-mveliso bazama ukugada imizi yabo
	kodwa ethubeni babuya babhaca bayishiya yodwa loo mizi-
	mveliso.  Abanye kubo babebukela kuphorhozwa iivenkile zabo
	kusimkiwa nempahla nezinye izinto ezithengiswayo.  Umoya
	wawunuka ithunga lembubhiso.  Nomsi wawuzixela iindawo ezitshayo ngakumbi imizi-mveliso.  Abefundisi belizwi bazama
ukuthetha nabantu ukuba bawukhuleke umsindo wabo.  Usizi ke lolokuba amanye amashishini ayengakhuselwanga ngokwaneleyo zii-inshorensi.  Indoda yayiwabona amandla ayo evuthuluka esitsha.  Yiyo ke le nto kwabakho amadoda alishiyayo eli phakade zizifo zeentliziyo zawo. 'Yada imibhiyozo yafikelela esiphelweni.  Abonakala amaxhwayelo apho kwakutshiswa izinto, izindlu okanye amashishini." Kwesi sithuba uMpahleni uye waqhwitha watshaya
umdiza wakhe.  UDIamini owayemamele engaqhwanyazi nokuqhwanyaza ufumene ithuba lokukhe athi gabalala ufuba. Uthe ngesingqala esikhulu wavakala esithi: 'Mfondini, imbi le nto uyibalisayo.  Ngathi kum ubalisa intsomi.  Yintoni kodwa abantu bakuthi ukuzitshabalalisa olu hlobo?" "Andikagqibi Dlamini ndingekafikeleli kwiziqhamo zale mibhiyozo.  Ingxaki enkulu ke mfo wasemazizini ekwakufuneka kujongenwe nayo yayikukuba azi kuza kwenzeka ntoni na emisebenzini yabantu.  Iqela elininzi labantu laliyimbumba lileqa bonke abo bafuna ukuphindela emisebenzini yabo.  Abo bathe bakwazi ukufikelela emisebenzi yabo bafika kukhala ibhungane kumnyama luthuthu, yimbi imizi iqhogwe ngezitshixo.  Indlala yahlala ebantwini iiveki ngeeveki neenyanga ngeenyanga.  Ilahleko koosomashishini yayiqikelelwa
kwizigidi ngezigidi. "Kwaba nzima ukulala kubadlezana bekhalelwa ngabantwana.  Amadoda asuka ayitshikilela imizi yawo kuba kaloku ayedinwe kukufunwa into etyiwayo ziintsapho zawo.  Amanye abaleka ukubanjwa nokubethwa.  Kaloku ngoku amapolisa ayejikeleza eqokelela bonke abo kufunyenwe kubo izinto ezibiwe kwezo venkile kwakuqhekezwa kuzo.  Ayeziwola azifake

15
ezivenini iimpahla ezingenamaphepha abonakalisa ukuba zithengiwe."

"Mfo kaCikili nguNongqawuse lo," umane ephazamisa udlamini.

"UNkosi uSebe waziva iindaba zobhukuqo lombuso wakhe eseJaphani.  Wathi ukubuya kwakhe wageinwa epitoli phantsi kokhuseleko lorhulumente woMzantsi Afrika de waxolelwa ngubrigadiya Gqozo emva kothethathethwano oluthathe isithuba sonyaka.  Olu thethathethwano lwenza ukuba avalwe umlomo ngakwicala lezobupolitika baseCiskei."
Uthe akufika apho, wema uMpahleni wajonga kuDlamini owasuka amadlu wenjenje ukuthetha:
"Mna ke, mfo kaCikili, ndiqhaba andazi nto ngezobupolitika.  Ehawundiphe le nto.  Yintoni le ithi xa kubhukuqwa urhulumente makutshatyalaliswe?  Ezi venkile zabantu nala mashishini abo ayetshatyalaliselwa ntoni?  Khona andithi uthi emveni kwale nto yonke abantu balamba emva kokuba kutshatyalaliswe iindawo zabo zokusebenza, amashishini, imizimveliso?"

"Kunjalo kanye.  Iyonke le nto ibonakalisa ukuba abantu kwasekuqaleni kwale nto yala maphandle karhulumente woMzantsi Afrika babengazange babuzwe ukuba bayawafuna nokuba abawafuni na.  Asuka enziwa kwaza kwenyulwa abantu ngokokuthanda kukarhulumente woMzantsi Afrika hayi okwabantu.  Kaloku amaphandle zizinto eziphambili ekucalucaluleni abantu ngokweentlanga zabo."
"Hayi ke uyabhuda kuleyo yokucalucalula kwamaphandle.  Amaphandle ayengenaapateti. Iapateti yayiseMzantsiAfrika.  Masibuyele kumbuzo wam.  Umbuzo wam uthi yintoni na le ibangela ukuba abantu bathi xa bebhiyoza batshabalalise izinto bade batshabalalise nezibancedayo?"

"Nangani bangalikhuphiyo Dlamini kodwa batshabalalisa iapateti ngeliphandle."

"Mfondini andithandi ukuthi xa ndithetha ngento ndibuza umbuzo ocacileyo, ukuze ndifumane impendulo engavakaliyo.  Kukuthini ukuthetha ngokutshabalalisa iapateti mna ndithetha ngokutshabalalisa imizi-mveliso namashishini abantu abazisokolelayo?  Imizi-mveliso yiapateti?  Unani ungathi uyoyiswa kukuwuphendula lo mbuzo Mpahleni?" ibuze

16

iwathe phuhlu amehlo le ndoda kucaca ukuba iyafudumala.
"Andoyiswa koko ndizama ukukutyhilela into yokuba izinto ezenziwa ngabantu ngexesha lezidubedube zenziwa phantsi kweemeko zonxunguphalo olwenziwa yingcinezelo abantu abebesoloko bephantsi kwayo iminyaka ngeminyaka."
'Mpahleni, ummo lo wam ndikuthatha njengendoda enobuchopho nefundisiweyo.  Ubugqiba kundixelela ukuba uhamba ufuna ulwazi lwethisisi yakho yeMasters.  Kodwa ngoku uyandibhida.  Kaloku mna ndiliqaba.  Mandikungqale ngoku. Iifem neevenkile ezondla abantu nezibanika imisebenzi luphawu lwengcinezelo?  Into ephilisa abantu yingcinezelo?"
"Hayi Dlamini asilulo
"Ke uthetha ukuthini ukuthi xa kutshatyalaliswa zona kutshatyalaliswa iapateti?  Kanti iapateti le yinto etyisa abantu?"
"Andikhange nditsho ukuthi i-apateti ityisa abantu. Iapateti ityisa abantu abamhlophe bodwa."
"AbaMhlophe bodwa?  Njengokuba amaphandle ebelishumi nje apha eMzantsi Afrika ezelwe yiapateti bekusitya abantu abamhlophe bodwa kuwo?  Njengokuba besinoorhulumente babantu abamnyama ababezenzela yonke into ndawonye nobutyebi, kukwakho nabanye abantu abaninzi abebeme kakuhle benezinto zabo, beneemali zabo ibingabelungu bodwa abo?  Ingathi kum unento eninzi yokuphazama.  Into ebhetele masibuyele kumbuzo wam.  Into endithetha ngayo yimbubhiso le xa kuvuywa, kugcotywa, konwatyiwe kungaliwa.
"Luvuyo olunjani olu lutshabalalisa kwale nto umntu atya yona, avuya esuka kuyo, ejonge nokuphindela kwakuyo akudinwa kukuvuya?  Ifana nale nto ndiyibona apha phandle sekungasabhiyozwa ke ngoku."
"Yintoni leyo?"
"Le nto yokutshatyalaliswa kwezinto ezinjengezikolo, izindlu zangasese zikawonkewonke, izindlu zokonwaba zikawonkewonke, iinqwelo zokuhamba zikawonkewonke, izibane zedolophu, iindawo zokuncathama kwabantu abahamba iindlela belindele izinto zokukhwela, njalo njalo.  Khawundixelele ke ukuba yintoni le ibangela ukuba abantwana besikolo nabo bengengabo abesikolo bathi xa besilwa izinto ezingqamene nentlalo nezopolitiko bavuthulule, batshise izikolo ezi bafunda kuzo?"

17
"Kaloku bathi ezi zikolo zakhiwe ngurhulumente we-Apateti..."

"Urhulumente imali yokwakha izikolo uyithatha phi?  Akayithathi kubarhafi?  Ngoobani abarhafi, asinguwe nam?  Unokuba bhetele wena kuba unomsebenzi wakho wobutitshala.  Kukanjani koluya sizana lomzali elirhafiswa ngurhulumente elungiselela ukwakha ezi zinto ndizibalileyo, baze abantwana bethu bajike batshabalalise kwa izinto ezinceda bona nezisokolelwa ngabazali babo?"
"Kaloku bakhala ngokuba balwa ucalucalulo."
"Balulwa ngokuzenzakalisa?  Kwezi zikolo zingamawakawaka zatshiswa apha eMzantsi Afrika zingaphi ezabelungu ezatshiswayo?  Uya kufumanisa ukuba zibini zithathu.  Into ebuhlungu kukuba kutshiswa yonke into ebiqokelelwe ilungiselelwe ukufundisa kwa abantwana bethu.  Ezinye zezi zinto zizipho (donations) ezisuka kwiinkampani zoshishino.  Ucinga xa kunokutshiswa iincwadi kwithala leencwadi ziza kuphinda zifumaneke phi ezo ncwadi?  Xa kunokutshiswa amathala eencwadi eziqokelelwe eziyunivesithi nasezikolweni iminyaka ngeminyaka, zimbi zivela Phesheya ziza kuphinda ziqokelelwe phi ezo ncwadi njani, ngubani?
"Uyayibona le yokutshabalalisa nezinto ezisezimbalini zethu?  Ukhe ubone indlela imifanekiso nezitatshu zabantu abebephethe baza ke mhlawumbi babhukuqwa, ezitshatyalaliswa ngayo?  Sisisizwe esinjani esi singenamva?  Iphi imifanekiso yeenkosi zethu zakudala, nditsho ooHintsa, ooTshiwo, ooSarhili?  Nantso Phesheya.  Asinayo thina kweli lethu ilizwe kuba kaloku sibhubhisa kwanto iphambi kwethu, entle nembi.  Masibuyele kumcimbi wemibhiyozo eCiskei.
Ezinye zeziya venkile yayingezovenkile zabantu ababezakhele ngokwabo bengathathi ntweni?  Bambi bancediswe ngurhulumente ngeemali enceda bona.  Akunjalo?"
"Kunjalo kanye."

"Ke kutheni le nto kuthi xa kubhiyozwa kutshatyalaliswe nazo kodwa ikwaziivenkile zabantu abamnyama abahlupheke njengabanye abantu?"

"Kaloku ndithe le nto yenzeka phantsi kwempembelelo yomsindo nokudinwa yimeko ebiqhubeka phambi kokuba kutshintshwe izinto."

18

"Hayi woyisiwe mfo kaCikili kukuthetha inyaniso.  Uyankqwilankqwila.  Unamagwebelele ajikelezayo nazama ukundisa kwinto mna endingafuni kuyithatha njengento efanelekileyo.  Indlala ebangwa ngamabom asiyonto ifanelekileyo.  Mandikuxelele le nto.  Iminyaka eziinkulungwane umntu omnyama waphatheka kakubi phantsi kwedyokhwe yabaMhlophe.
"Ephatheke kakubi enjalo, kodwa ayithethi kuthi azikho izinto ezintle neziphilisayo ezakhe zenziwa ngabamhlophe bezenzela uhlanga lwethu.  Kukho amadoda aziingingi nasenkcochoyini yobomi namhlanje nantlalo iphucukileyo kweli lizwe ngenxa yokuthubeleza phantsi kwentlalo yempatho yabaMhlophe.  Zange loo madoda aphuculwe ngabamhlophe ngqo ngaphandle kokuzisebenzela esebenzisa loo meko kanye umntu omnyama wayephantsi kwayo.  Loo nto ithetha ukuthi abaMhlophe bawayeka la madoda akhula ezisebenzela iti asemafini nabo benesandla abasifakileyo.  Ikwasithi thina bantu abasuka batshabalalisa imizi nala mashishini akhiwa nzima ngaba bantu ngelithi baziimpimpi baziintoni.  Kutheni le nto umntu onesono angabanjwayo agwetywe enkundleni?  Uyazibona ke izinto zomona?"
"Ndikuphulaphule Dlamini."
"Into ebuhlungu ke yile yokuba nabatyali-zimali ababeze kweli lizwe phantsi kwaba Rhulumente ingengabo, baza baphilisa abantu, ngoku xa bebona le mbubhiso nale ntshabalaliso, bayenika.  Siza kushiyeka sisondliwa ngubani singenamali nje? Khona loo Rhulumente mtsha uya kuze angene uya kuyithatha phi imali yokuvusa ezi zinto?  Siza kushiyeka sisondliwa yimisindo?  Ndisabuza ke nangoku itshatyalaliselwa ntoni imizimveliso namashishini xa kuvuywa?  Ukubhiyoza akuthethi kuvuya na?"
"Kuko Dlamini, kodwa ndivumele xa ndisithi xa abantu benganeliswanga benza nantoni na
"Kusuke ngathi thina ngokwethu kufanelekile ukuba sifundise abantwana bethu into yokuba ukutshabalalisa izinto esezikho zizezethu asikokulwela amalungelo ethu.  Oko kusiphindisela kweziya meko zooNongqawuse zantlandlolo.  Ngesikhe sifunde ukuzinonophela izinto esesizibambe ngezandla zethu nezithe zabizwa ngokuba zezethu.  Le nto yokutshabalalisa izinto ezakhiwe ngabantu esithi basicinezele ifana nento yokuba singasuka sithi emveni kokuba sifumene inkululeko sizidilize zonke izinto ezazakhiwe ngexesha lokuphatha kwabacinezeli, siqale ekuqaleni."
"Dlamini ndiyakungqinela mfo wakuthi.  Indiphilisile le ngxoxo yakho.  Kukho izinto ezingenakuphikwa kuba ziyinyani.  Ngelishwa ixesha lam liphelile.  Kufuneka ndileqe idinga endinalo edolophini.  Sobuya siyiqhube le ncoko yethu xa siphinde safumana ixesha.  Enkosi," utsho wangena emotweni uMpahleni waphela emehlweni.	
	

INGCACISO-MAGAMA	
		
		
	
A.N.C.     = African National Congress	
	
S.A.C.P  = South African Communist Party

		
		












20

Intlekele eBhisho

Ngentsasa ezolileyo kwinyanga yomsintsi kunyaka we-1992, kuma ngxishishi imoto esibhedlele eFrere, ikhwele uMamJwarha inkosikazi kaMpahleni namantombazana amabini, oNotozi.  Wona alandela emva komfo ongemdala kuyaphi. Abaphozisi maseko koko bathi ngqo eziwadini bethe cwaka. Eyona wadi batsazele kuyo ngu G4 apho kulele,usomabali owaziwayo uMphahleni. Ngethamsanqa bafika ehleli kubonakala ukuba akakho zintlungwini zingako.
"Molweni lusapho lwasekhaya.  Kutheni navuka kangaka? Nicinga ukuba  sendibheke koobawo omkhulu ndinishiya nodwa na?" labuza eli qharhaqharha ngoncumo kuphela kodwa gezantsi lingakwazi ukuwushukumisa.  Nalo libamba ngezandla bonke.  Lithi xa lifika enkosikazini ligeze, "Kowu ukuzenza akufani nokwenziwa.  Ngeba ndithi munxu kweli Jwarha intonayo zindipanile iintsimbi zabeLungu."
"iti uze kupanwa ziintsimbi zabeLungu nje ubuze nini apha?" kwabuza olu xwabiya lomfo ekuthe kanti ngumninawa wakhe uDiki.
"Lusuku lwesithathu olu Ntukela. Undibona ndipanwe ndada ndangathi ndinesifombo ngaphambili nje ndophuke umlenze ethangeni kufutshane nenyonga ngokubethwa yimbumbulu, gcwizi ingngeni kula mathambo anjengesikrotyana." 
"Bekutheni na yise kaTamara  kodwa?"
"Kaloku Jwarha ndizibone sendisedabini eBhisho kulaanyambalala ibisiya kuQgozo."
"Kanti ubungatshongo na ukuphuma kwakho ekhaya ukuba uya eDikeni?"
"Jwarha benditshilo kakuhle mntwan'asemzini. Kodwa uyindoda awukwazi ukuthi ufika amadoda ephethele equlile esiya edabini ube wena ucwezela  kude ngathi ulibhenqa negwala  letyutyusi."
"Uziva njani ngoku Ntikela?" kwabuza uDiki.

21

"Hayi Mwelase ndingathi inkosi ingecala lam.  IX-Ray ithi kwaphuke nje ithambo lethanga kuphela.  Nalo selijonge ekungcibekeni kuba kuthe kanti imbumbulu iliqwibile ayangena ngqo koko igqobhoze inyama ubukhulu becala.  Nina nivuka njani Ngwekazi?"
"Hayi siyavuka Sivunda.  Asiboni nto.  Mna ndidibene nale nto izolo xa bendihambele apha kuwe eMonti.  Ukungabuyi kwakho ngokwezigqibo kwenze unxunguphalo elusatsheni lwakho.  Eyona nto isinxunguphalise ngakumbi yingxelo yoomabona-kude namaphepha-ndaba abalisa le ntlekele yaseBhisho.  Xa kuphela iveki yonke ungabuyi kucingwa ukuba useDikeni njengoko wawutshilo."
"UMamJwarha uwenzile amatiletile okufuna wena kwada kwafika isijoli esithi ubonwe ulayishwa ekhumbini wenzakele.  Ingxaki ibikukufuna esona sibhedlele ubusiwe kuso kuba kaloku kuthiwa bonke ababenzakele bathiwa saa kwezi zibhedlele zinje ngoomaGrey, Makhiwane, Victoria, Frere, njalo njalo.  Sincedwe yile ntwana kangowaphi ethi ibikulayishile yaza kukubeka eFrere ngokwazi ukuba ulapha eMonti."
"Kunjalo kanye Ntukela.  Eyona nto wena imeko le ibimbi ngolona hlobo.  Ndiyacinga ndize kubhadla ngokupheleleyo apha esibhedlele, ndase ndilifumana lonke ibali kulaa mfo ulele phaya yena mntu ubengenzakalanga kakhulu," watsho ekhomba komnye umfo owayelele ngaphesheya kwakhe.
"Kanye kwenzeke ntoni tata?" kwabuza uTamara ngomdla.
Uqalile ke uyise ukubabalisela:
"Umhla we-7 kuSeptemba kowe-1992 ngumhla endingasokuze ndiwulibale ebomini bam nasezimbalini zomzi kaXhosa wona usisizukulwana sengangalala nendembelele ukumkani uPhalo kaTshiwo owathi wenza igalelo kule ngingqi yaseT'ranskei naseCiskei.  Kaloku wasizalela oonyana ababini uGcaleka noRharhabe.  Bona bangooyise bezi zizwana zibini ezithe zayimbalasane kumsebenzi wezandla zocalucalulo lwamaBhulu ngokuthi zithabathe usonkululeko wamaphandle.
"Ngalo mhla intsasa yelanga lentlakohlaza yayizolile, ipholile, iphephezela umoyana osululunga umzimba.  Idolophu yaseQonce yayizele iphuphuma yinyambalala nenginginya yemidaka ebetha kumawakawaka akumashumi asixhenxe, uninzi ilugwece lomlisela nomthinjana.

22


"Ibala laseQonce ekuthiwa yiVictoria lalizele liphuphuma ngamatsha-ntliziyo awayephuphuma iintliziyo ngumoya wobugorha, umoya wemfazwe, umoya wonxunguphalo, umoya wempindezelo, umoya wokudikwa, umoya wokwanela nokuzinikela.  Ukuzola kwakungekho kuba la matsha-ntliziyo ayengqungqa; ayeshukuma; ayeguya; ayexhentsa, esina, etyityimba.  Lo yeyingengomxhentso apho kwakusinwa iingodwane kubethwa unongelemba koko yayingumxhentso owodwa obizwa ngokuba yitoyitoyi apho ezi zinto, mfondini, zazisima ngomlenze omnye zixel' inkunz' enkuku, zibethe ngesingqi omnye uthiwe qhiwu esibhakabhakeni.
"Ezi nkxentsi zazisombelelwa ziimvumi eli xa iiflegi ezimibalabala zaziphithizela zinika ihlombe kulo mbutho ungunxantathu: iA.N.C, iKhosatu (Cosatu) neS.A.C.P. Abaququzeleli nabaqoqoshi-ndimbane babephithizela belungalunganisa izihlwele ngokwezithwalandwe zasemkhosini.
"Intsasa yonke kwada kwayintlazane yachithwa kwiintetha ezazisenziwa ziinkokeli zale mibutho, iinto zooChris Hani, zooSteve Tshwete, iinto zooCyril Ramaphosa, nezinye iindwalutho.  Zonke zazihlokoza amaqhawe la kwiinjongo zohambo olu lwesiganeko sokuya kwikomkhulu laseBisho ukuya kuqhankqalazela ukungavunyelwa kokudakasa kwemibutho yopolitiko ivunyelwe ukuba idibane namalungu ayo kumzi waseciskei ngokwasemthethweni ilungiselele unyulo oluzayo.  Kwakucetywa ukuba kusiwe noxwebhu kubrigadiya Gqozo eofisini yakhe.
"Le nto yayingazi kwenziwa ngazigalo nangandlondlo ngokutsho kwezithethi koko yayiza kwenziwa ngenzolo nangoxolo.  Kaloku indlondlo ibiya kuba ibeka aba bafazi, la mantombazana, aba bantwana, la maxhego, naba bafana esichengeni sokudutyulwa bengaxhobanga.  'Njengasizwe sicinezelweyo, kumelwe ukuba siwenze umsebenzi wokusibona sikhululekile kumakhamandela namatyathanga eapateti kungene idemokhrasi,'sitshilo esinye isithethi.
"Uthe wakufunquka lo mndilili avakala amakhwelo nemiyeyezelo kwabasetyhini.  Yavakala itsholoza ingoma yanga yeyamakhwenkwe aya edabini.  Mntakwethu, nam ndatsho ndakhumbula iimini zam sisilwa namakhwenkwe asefama kaBikitsha phezu kweGcuwa sizama ukuxutha iinkomo zasemakhaya awayezithimbe ngokusuka zingene emasimini asefama.  Awukho wena usezigusheni.  Latshona emini loo mini engasibethi amakhwenkwe asefama esibhaxeka selencediswa nangamadoda.  Salwa seza nazo ezo nkomo.  Kwakungowe-1950 ngoko.  Masibuyele eBhisho.
"Ngelo xesha ke kwakuyinyambalala ngamapolisa aseMzantsi Afrika.  Uphephela (helicopter) wawo wayendanda endandile, athi ngamanye amaxesha eme dzu esibhakabhakeni axele intambanane isina.  Njengesiqhelo ngeemini zeematshi okanye ke umngcelele wabaqhankqalazi, kwakukhokela amadoda amakhulu nezikrwalaxu ezisuka kwamanye amazwe.  Kaloku kwakukho namaqela enational Peace Secretariat iinto zoogqirha Antonie Geldenhuys, oomnumzana John Hall nabanye benational Peace Accord abebeze kupopola okwakuza kwenzeka nokuza kuqhubeka mayela nolu qhankqalazo.
'Kweso sithuba ndibone usosiba weA.N.C. jikelele umnu.  Cyril Ramaphosa esiza kugaleleka kucingo olubukhali okwencakuba olwalugxunyekwe isikhawu nguRhulumente waseCiskei.  Wathi xa aqala ukuthethathethana nala madoda enational Peace Secretariat, suka kwaqephuka iqela elininzi labantu lantinga ukuya kwiqonga lenkululeko laseBhisho (Independence Stadium).
"Ndabuza komnye endandimatsha naye ukuba kuyiwa phi na kuba kaloku kwakuthiwe kuyiwa eziofisini.  Wandiphendula ngokuthi nale nto yenziwayo ilungiselwe.  Imvume ifumanekile kumantyi wakuZwelitsha okokuba angasetyenziswa la mabala xa sifuna ukuthetha.  Ndathi ndakuliqwalasela ndafumanisa ukuba eli qela lilandela ilungu lenational Executive yakwaS.A.C.P.
"Ngapha kweli cala lingentla kweqonga ndaqaphela ukuba kukho isithuba esikhulu esivulekileyo esasingagadwanga eli xa zonke ezinye iindawo zazirhangqwe ngamajoni ase Ciskei awayephethe oombaxa noombayimbayi banamhlanje awayebajolise ebantwini elindele ukutshisa kwakuvela umyalelo.
"Esi sithuba socingo oluqhawukileyo ndicinga ukuba siso esaba ngunobangela wokuhlahlamba kweembumbulu ezadala umonakalo wokufa kwabantu abaninzi nokwenzakala kwabanye.  Elungqamekweni ngentla kwesi sithuba sivulekileyo kwakumi ugxudululu lwamakhulukhulu abantu ababesenza imikhwazo besithi eli qela malibuye kuba lalibona ingozi.  Kaloku laliwabona la majoni ayechophe kudana endleleni evathe iqaqa.  Kula matsha-ntliziyo kubekho akhwaza abaya baselungqamekweni besithi nabo mabeze kujoyina bona.
"Kwangoko kwathi qephu iqela elikhulu kwabaya baselungqamekweni lehla seligabadula lisadula kuyiloo mikhwazo namayeyeye.  Nalo linguloo mndilili uphuma kweso sithuba kungekho waziyo nanamhla ukuba sasenzelwe ntoni na.  Bhuu okweenyosi zilandela inkosazana.  Bathi bengahambanga neemitha ezingamashumi amabini savakala isithonga sokugragrama kweengxukuma zemipu yemikhosi kabrigadiya Gqozo. Ga-ga-ga-ga-ga!  Didli!  Mbakra!  Kungakhange kwenziwe nesilumkiso.  Enyanisweni ndandicinga ukuba itsho emoyeni kanti itsho esikhumbeni somntu.
"Kophulaphuleyo kwaba ngathi kukukrazuka komhlaba kweli cala laba bantu bavela ngasemabaleni.  Iimbumbulu zeza zisisiphitshongwana, zanyubeleza engceni zingena esikhumbeni kwezithe zagagana naye.  Njengoko loo ndimbane yayisenza isiyaluyalu nombhodamo ukubuya umva, iimbumbulu zazisenza umtswino, incwina nenzwinini ebuhlungu emilonyeni yemipu eli xa izithonga zeziqhushumbisi zezandla zazididliza phezu kwabantu.  Kube kusisikhalo kuyingxuba-kaxaka, amadulubhentsu nemisunduzo yabantu abakwimeko engaphaya kokulawuleka kwabo.  Ngelo xesha
Umntu wakhwela phezu komnye umntu kwelaseBhisho.  Zathululisana zigilana iimbumbulu kwelaseBhisho.  Lakrazuka ibhayi leflegi ngesaquphe kwelasebBisho.  Wabhong'umfazi yabharhamla indoda kwelasebBisho.  Latsawul'igazi zatak'iimbuphu zerhuluwa kwelaseBisho.  Yatsawula inja ngentlola nomkhulungwane kwelasebBisho.  Zakhamnqa izinyanya zooRharhabe nooMlawu kwelaseBhisho.
Yancwina imilondekhaya yakwagcaleka kwelaseBhisho.  Yakhuz'inkosi uPhalo ibon'umhlola kwelaseBhisho.  Yathi,'Yini na le, yini na le, bantwana bakaTshiwo?  Nakha nababona phi na abantwana bomntu omnye bebulalana?
Nakha nasibona phi na isizwe esingakhokelwa ngabantwana begazi.

25

Abantwana bomthonyama amankonyana ohlanga? Sasingayinqandanga na le nto mini yathi inyuswa iflegi Yaba isiwa, iphuncuka ezandleni abantu beyiphethe? Namhlanje nisibonisa inyhikityha yokufa kwelasebhisho. Nize nazi ukuba niwashukumisile amathambo Nalikhweba ishwangusha kumzi kaXhosa.'
"Iintatheli ezazizama ukuzikhusela kuloo mvula yeembumbulu zomkhosi zaxelelwa ukuba zezizame ukuncathama zingabi sasuka kuba imikhosi yaseCiskei yayingaseva ntambo ngoku.  Mna ndithe ndisabaleka nomnye umndilili ndeva imbumbulu isitsho ethangeni kuloo mbhodamo.  Kwangelo xesha ndigilwe ndawa ndacinezelwa ndinyathelwa.  Khange ndibe savuka apho de kwathi cwaka ethubeni.  Abasaphilayo nabangakhange bachanwe bakhawuleze bathi hlasi iingxwelerha bezithwalela bambi bazirhuqela kude kule ndawo yayinoqhoqhozo.  Nam ndibe kwelo qela lithatyathwayo.
"Zazivakala neemoto zabantu ababeze kunika uncedo kwiingxwelerha.  Zaziphaphatheka ngokwenene.  Zazifika zilayishe zibangxale abantu de abanye zibafake nasezibhuthini zibabalekisele eGrey.  Abo babesebecacile ukuba bambethe ingubo kaqaqaqa babegqunywa ngeengubo bashiywe khe kuqwalaselwe abo bashukumayo.  Izijwili neencwina zabantu zazinganyamezeleki ezindlebeni.
"ikhonsathi yena lo wayegxwala edlabhuke emqolo.  Ngelo xesha kwasekuyekiwe ukudutyulwa.  Zaqhuba iimoto neenqwelo zezigulana ukuthutha abantu ukubasa kwiziko lomnqamlezo obomvu, ezibhedlele edikeni nasemonti.
"Njengoko nam ndandiziswe apha emonti, ubhayi lo silele kunye apha uthi wayibona into eyayisenzeka kuba yena wafika wabekwa kwiziko lomnqamlezo nanjengomntu owayengenzakalanga kakhulu kwabalekiswa abo babemeko-mbi.  Uthi umndilili wemiqodi yamatsha-ntliziyo owawusindile wahlehla ukubuyela ngaseQonce uwise iintloko.  Bambi kubo babekhupha imvula yezithuko, izinyembo neentsongelo.  Bambi kubo babenezingqala, bentlinintlini kukubindeka nakukothuka.  Iinkokeh zona zakhangeleka ngathi azivanga nto kuba ubutsolo bamazwi azo babusekho.  Zazikhwaza zikhwazile ukukhuthaza abantu zinika inkxaso kwabo babephelelwe lithemba lokudlokoviswa ziimbumbulu bengenamandla okuphindisa.

26

"Endleleni yalo kwakukho umzila wegazi elalihamba ligumthombo libuye libe ngamahlwili.  Imbonakalo yaloo ndlela namacala ayo ngakumbi ukususela ngaseBhisho yayizele zizihlangu, iminqwazi, iiflegi, nezinye izinto ezaziphethwe ngamagorha lawo ayeqhankqalazela idemokhrasi kwilizwe lawo lokuzalwa.
"Lo yayingumzuzu wonxunguphalo kuye wonke owayekho ngale mini kule ndawo.  Iintatheli ngokwazo ezazixwaye oomabona-kude neekhamera, nobunye ubuxhakaxhaka bokucholachola iindaba, zabuya zarhangqa ababali-maxhoba.  Ezo zazingafunyanwanga ziimbumbulu zenza umsebenzi wazo ngononophelo.
"Iintetha ngeentetha zangqubangqubana zimbi zibonisa ububi bokudutyulwa kwabantu bengaxhobanga.  Abanye babegxeka amapolisa estability Unit ngokungabonakalisi nkathalo ngexesha lokubulawa kwabantu ngale mini.
"Ethubeni into kagqozo yafika irhangqwe zizixhiliphothi zamajoni okhuselo.  Yahlolahlola izidumbu nako konke okwenzekayo ngalo mhla weshwangusha.  Ndisatshaya ke nto zikaNgelengele."
"Umbuzo endinawo ke mna Sigasa ngowokuba bekungasekho ndlela yimbi yokulwela ilungelo lokuvunyelwa kokudakasa eCiskei ngaphandle kokuba kududulwe abantwana bethu bengaxhobanga basiwe emlonyeni wengonyama?" wabuza uDiki.
"Ingxaki yabo bonke abantu ababeziinkokeli zamaphandle kukuba abafuni kwahlukana nezihlalo zabo de kusetyenziswe amacebo okubulala okanye okwenzakalisa abantu ngelithi bazama ukubhukuqa urhulumente.  Into yokubulala abantu yinto ethathwa lula.  Ininzi kakhulu ke le nto kwiinkokeli zamazwe amaninzi apha eafrika nasehlabathini liphela.  Iinjongo zolu hambo luya ebhisho yayingekokubulalisa abantu ngaphandle kokuhamba abantu beyimbumba ethetha ngelizwi elinye nangona bebaninzi.
"Wokhumbula ukuba eli nyathelo kwasekudala lithatyathiwe kwiindawo ngeendawo zeli loMzantsi Afrika akwenzeka nto ifana nale.  Lo ngumndilili wabantu abamnyama oya kwakubantu abamnyama nabantetho inye usiya kuqhankqalazo olugabula indlela eya `kwidemokhrasi eyayisoloko ingekho kulo lonke eli laseMzantsi Afrika.  Akukho ndlela ingenye ekwakugqitywe kuyo.  Ilizwi labantu lilizwi lesininzi."
27

"Kuthiwani ke ngaba bantu benzakeleyo naba bafileyo?  Kuza kuthiwani ngeentsapho zabo?"
"Ihlabathi liphela lihlokomile ngesi senzo.  Akukho nasinye isizwe esikhe sayincoma into eyenziwe yimikhosi kagqozo ngaphandle koontamo-lukhuni ababuthatha ubomi bomntu omnyama njengobomi benja.  Khumbula ukuba xa amajoni esiya edabini kulindeleke ukuba kubekho awayo nokuba ikhonsathi asindileyo.  Nangoku ke la matsha-ntliziyo abuye nendwe kuba idemokhrasi iza kungena eciskei.  urhulumente ophetheyo okanye ozayo uza kuba nalo icebo ngaba bantu.  Akufanga zinja kaloku."
"Uyavakala."
Emva koko kukhutshwe izimuncumuncu zanikwa umguli.  Kuthethe ixhego elibe lisekoneni nelithe kanti eli bali belimanyelwe yiwodi yonke lilichukumisile.  Lithe makuguqwe ngabakwaziyo kubethwe ucingo kuSomandla kuthandazelwe ukuza komhla wama-26 kuTshazimpuzi we-1994.

28
Mhla laphuma igorha

"Mmelwane uya phi ingathi uxhabashile nje?,, kwabuza uSam ummelwane kaMpahleni eMonti ngenye intsasa embona efaka iisuthikheyisi ebhuthini yemoto.
"Nditsiba eKapa, Meli.  Kaloku kukho intlanganiso yebhodi yolwimi lwesixhosa eqala ngomhla wesi-7 kude kuye ngowe-9Februwari."
"Ingathi uphethe impahla eninzi nje akuzi kuba sabuya?"
"Hayi, Meli, ndiza kubuya kodwa ke ndiceba ukuchitha impela-veki emva kwentlanganiso ndise ndifumana nethuba lokubakho xa kwamkelwa ixhwangusha eli ukuphuma kwalo entolongweni."

"Kanene umnu.  Mandela uphuma kule mpela-veki izayo entolongweni?  Besendiyilibele loo nto."
"Kulungile, Mmelwane, sobonana ukubuya kwam."
Okwenene wemka umpahleni waya kukhwela kwisiehululoNqwelo-Moya sasemonti esasisakubizwa ngokuba yiBen Schoeman waza wathi akufika eKapa waqasha imoto yokumsa ngapha nangapha.  Emva kwentlanganiso walinda umhla wokuphuma kukagqirha Mandela entolongweni efuna ukuba ngomnye wabantu abaze kumamkela.  Nanku ke awakuncokolela
uSam ukubuya kwakhe:
"Umhla we-11 kuFebruwari kowe-1990 ngumhla ongasoze ulibaleke ezimbalinizoMzantsiAfrika jikelele.  Izigidi ngezigidi zabantu abamnyama namawakawaka abamhlophe balujonga olu suku ngomonde njengolo lomhla uNongqawuse wathi ilanga liza kujika esibhakabhakeni libuye liye kutshona empuma.  Babekho abo babengakholwa ukuba izigigaba zolu suku ziza kwenzeka ngokwenene.  Kaloku ugqirha Mandela wayeza kuphuma entolongweni emva kweminyaka engama27 uninzi lwayo aluchithe esiqithini sikamakhanda yaza intsalela yayo wayigqibela eVictor Verster, intolongo ekufutshane nasePaarl.
"Lwathi lwakuvakala olu daba ngoonomathotholo noomabona-kude yacimba imiqodi yabantu ukuya khona.  Abanye balalela kufutshane.  Iyure yokuphuma kwakhe yayiyintsimb' yesithathu emva kwemini.  Inyambalala ekuma-30 000 eyayikwibala igrand Parade yafuna ukusondela kufutshane nentolongo.  Kwakuzele ziintatheli zehlabathi zoomabona-kude ezazisuka kumazwe aphesheya.  Kwakulipolisa, kungumcuphi, kuyinkungu nelanga.  Abalungalungisi zinginginya (iimashali) basebenza besebenzile ukulungisa abantu.  Ingoma yomzabalazo yahlokoma ihlokomile imana ukuphazanyiswa yimikhwazo,'Amandla!!  Ngawethu!  Viva!'.
"UMadiba loo mini wafana nomtshakazi ongaphumiyo endlwini kuba yabetha intsimbi yesithathu kwada kwabetha neyesine engekaphumi.  Bakho abakhwela ezipalini, ezibhasini nakuyo yonke indawo ephakamileyo befuna ukutyebisa amehlo.  Abanye bonzakaliswa kukuhodoka kwamaphahla ezo ndawo babekhwele kuzo.  UMadiba wemka entolongweni ngomkhono emva kwentsimbi yesine.  Wathi gqi ehamba noWinnie inkosikazi yakhe kwakunye nekomiti yolwamkelo eyayibandakanya abanumzana Walter Sisulu, Govan Mbeki, Alfred Nzo, Ahmed Kathrada nabanye.
"Wathi ukuba avele yahlokoma inginginya eyayize kumamkela.  Bayiyizela abafazi babonga iimbongi, akhala amaxilongo eemoto`, zaphithizela iintatheli neemashali zizama ukuqoqosha loo nginginya.  Waya kungeniswa emotweni engqongwe libubu labantu.  Imoto yakhe yakhaba udaka ukusinga ehotele apho wayeza kwamkelwa khona.  Ngentsimbi yesibhozo loo mini wenza intetho yokuqala emva kokuvalelwa iminyaka ekuma-27.
"Phakathi kwezinto awazithethayo wathi, 'Ndiyanibulisa egameni loxolo, idemokhrasi nenkululeko kumntu wonke weli lizwe.'Wabulela bonke ababenegalelo ekumenzeni abe ngokhululekileyo waza wamncoma uprezidanti F.W. de Klerk njengendoda yamadoda.  Wayigxininisa injongo ephambili yeA.N.C.'yokuzabalaza ngezigalo'nocinezelo kuqhankqalazo."
"Njengokuba ndikumamele uchaza nje melwane, kuyabonakala ukuba le yinkokheli yenene kwale nto yokuba yamkelwe yinginginya engaka."
"Bebengathini kaloku abantu ukungamamkeli umntu obafele ngolu hlobo wahlala iminyaka engama-27 entolongweni evalelwe ngenxa yenyaniso ayithetheyo yokungafuni ingcinezelo yomntu omnyama phantsi kwedyokhwe yobukhoboka yombuso womntu omhlophe?"
"Khawundithele gqaba gqaba, melwane, ngezigigaba ezabangela ukuba uMandela nabanye babanjwe."
"Isibhaxu sokuhlala iminyaka ephantse yawafinca amashumi amathathu kukaGqirha Mandela nabanye siqala ngonyaka we-1963 xeshikweni uMzantsi Afrika wawuphethwe yinkulumbuso ugqirha H.F. Verwoerd owayephekezelelwa ngumnu.  B.J. Vorster umphathiswa wezobulungisa.
"Elo xesha ugqirha Mandela wayesengumfana owayeligqwetha eRhawutini encediswa nguGqirha Oliver Tambo.  Amahlandinyuke okulwa i-apateti eyayiseyikhulele kwiqondo lobushushu ngaloo mihla asekhe amfaka entolongweni iminyaka emihlanu ngaphambili ngakumbi emva kwedefiance Campaign yowe-1950.  Kodwa ke esi siganeko sokugwetyelwa ubomi entolongweni sona siqala ngomhla we-11 Julayi 1963.
"Ngale mini la madoda alishumi angala: Nelson Mandela, Walter Sisulu, Dennis Goldberg, Govan Mbeki, Ahmed Kathrada, Lionel Bernstein, Raymond Mhlaba, James Cantor, Elias Motsoaledi noAndrew Mlangeni, ayebambe intlanganiso yombutho weA.N.C. kwifama ilillieslief eyayikwindawo ekuthiwa yiRivonia emantla eRhawuti.
"Kwafika amapolisa arhangqa ifama le aza ababamba emva kwesityholo sokuba baceba ukubhukuqa umbuso.  Nawo ke kuvakala ukuba ayethelwe ntwi kwangumntu omnyama owathi kanti unolwazi ngale ntlanganiso.  Abanye abantu ababanjwayo ngaloo mini yaba nguArthur Goldrich umqeshi wale fama nowayesebenza kunye noCantor kwakunye noHarold Wolpe.  Emveni kokuba bebanjiwe uHarold Wolpe noArthur Goldrich baqhawula entolongweni ngokuthi banyobe ipolisa lentolongo ngemali ekumaR4 000.  Enye indoda eyabanjwayo nguBob Hepple nowafuna ukuzenza ingqina likarhulumente kodwa wabuya wabaleka akunikwa ibheyile.
'Ityala laqala ngomhla we-9 kuOktobha 1963, urhulumente emangalele umkhonto wesizwe owawusebenzisa ubuchuphathi bawo obabusaziwa ngokuba yiM-Plan ebizwa ngokuba ngumayibuye iAfrika owayilwa nguNelson Mandela.  Inkundla yayifuna ukumangalela ababanjiweyo ngesityholo apha esibi ekuthiwa yiHigh Treason kodwa igqwetha elikhulu `likaRhulumente (Attorney General) lala emva kokusadalala kwetyala elikhulu iHigh Treason ngowe-1956.
"Phaya ebhentshini kwakuhleli ijaji Prezidanti yaseTransvala, ohloniphekileyo uQuartus de Wet kwakunye nomtshutshisi owayesaziwa kakhulu ngezo mini uGqirha Percy Yutar nowayengumhlobo kamnumzana Mandela.  Kweli cala labamangalelwa kwakuhleli igqwetha elaziwayo uBraam Fischer.  UFischer lo wayelilungu lombutho wamakomanisi aseMzantsi Afrika nto leyo eyamenza ukuba naye azichithe ekuhambeni kwexesha.
"Esinye sezityholo esabekwayo sesokuba abamangalelwa bagaye abantu ukuba baye kuqeqeshelwa ukusebenzisa izixhobo zokulwa.  Esinye sasibandakanya izinto ezininzi ekwakusithiwa zijongiswe ekubhukuqeni uRhulumente owayephethe ngelo xesha.  Esinye sasikhalazela ukuba bezibandakanya nobukomanisi.  Zazikhona nezinye izityholo ezazinxulumene nokwaphulwa komthetho.  Kwabizwa amangqina akwi-173.
"Ekupheleni kwetyala uJames Cantor wakhutshwa kwathiwa akanatyala.  UMandela yena wenza intetho ende apho kwizinto awazithethayo wayezichaza ngokwakhe ukuba ungumseki womkhonto wesizwe, ulilungu leA.N.C. nokuba wayigqobhagqobha iAfrika efumana uqeqesho lwasemkhosini.  Wayichazela inkundla ukuba umzabalazo womntu omnyama wawungakhuthazwa zizizwe zangaphandle koko yimpathekombi ebantwini apha ngaphakathi.  Wacacisa ukuba iminyaka engama-37 ukususela kowe-1912 ngoko, iA.N.C. yayingenanjongo zakulwa ingcinezelo ngakusebenzisa izigalo ukuba nje kwakunokumanyelwa izikhalazo zomzi ontsundu.  Kodwa urhulumente akazange agungqe nakancinci ekulungiseleleni abantu amalungelo abo.
"Wazibala zazininzi izigaba apho lo mbutho wawuzabalaza ngoxolo ungalufuni udushe.'Wazibala iziganeko zokubulawa kwabantu bengalwi wada waza kufika eSharpeville apho iP.A.C. yathabatha inxaxheba enkulu ekupheliseni umthetho wamapasi.
"Kwathi kwakuthiwa akusetyenzwa kulo lonke xeshikweni kwakuzalwa iRiphablikhi ngowe-1961 ngakumbi emveni kokuba lo kaMandela ecele intlanganiso kazwelonke (National Convention) yaza yaliwa, urhulumente wathumela iinqwelo zomkhosi ezazisakubizwa ngokuba ziiSaraseni (Saracen) ezilokishini.  Lolu xhokonxo olwenza ukuba lo mbutho kwakunye neminye imibutho elwela inkululeko incame, ibhenele ekubeni makusetyenziswe izigalo kuyilwe umkhonto wesizwe."
"Makhe ndibuze ke, Meli, ukuba umahluko ngokweenjongo wawuyintoni phakathi kweA.N.C. neqela lamakomanisi aseMzantsi Afrika?" kwabuza uSam.
"Umahluko phakathi kweA.N.C. neS.A.C.P yayingowokuba iA.N.C. yayisilwela amalungelo abantu abamnyama ngokubanzi, ukanti iS.A.C.P yayifuna ukususa uRhulumente woohlohlesakhe ifake abantu abangabasebenzi.  Kodwa ke le mibutho mibini yayitsala ngentambo enye kodwa ingathethi kuthi imele into enye.
"Yathi inkundla yakufika esiphelweni setyala kwawiswa isigwebo sokuba onke loo mafela-ndawonye aya kuhlala ubomi bawo bonke entolongweni."
"Le nto yokuphuma kwawo emva kweminyaka engama-27 yenzeka njani?" wabuza uSam ethe shwace iintshiyi.
"Into ethe yenzeka ngeli xesha lokudontsa kwawo kukuba imibutho ngemibutho yalapha noninzi lwawo olukwihlabathi liphela luye lwacinezela urhulumente kaP.W. Botha ngelithi makakhulule uMandela.  iti waphuma esihlalweni Up.W. Botha engakhange ayenze loo nto de kwaphatha uF.W. de Klerk.  Yena uqale ngokukhulula amatyathanga omthetho ogxotha nobulala ubukho bemibutho elwela inkululeko.  Loo nto yenzeka ngoFebruwari kowe-1990.  Kwaqala kwaphuma amahlakani kaRholihlahla anjengooGovan Mbeki, Walter Sisulu, Ahmed Kathrada, Alfred Nzo, njalo njalo kwaza ekugqibeleni kwakhululwa yena ubuqu."
"Ndiyabulela, Mmelwane, ngale nkcaza."
"Enkosi.

33

Nantso ke ingonyana yesizwe

"Umhla we-10 kuMeyi kowe-1994 ngumhla ongasoze ulibaleke ezimbalini zoMzantsi Afrika nehlabathi liphela.  Lo yayingumhla wokubekwa kweprezidanti yomntu omnyama okokuqala ezimbalini zeli lizwe ukuba iphathe uMzantsi Afrika uphela.  IPitoli ngale mini ngakumbi indawo ekuthiwa yiunion Buildings, yayimbejembeje bubuqaqawuli nobuyokoyoko obabulungiselelwe le mini.
"Kwakuyokozela iibhaloni, kuphephezela iiflegi, izihombiso, iimpempe njengoko inyambalala yabantu yayithontelana ivela kulo lonke ilizwe nehlabathi ize kuzibonela ngamehlo, hayi ngokuviswa.  Wawuthi usasondela kwezi zakhiwo uve ngohlwahlwane lwengoma, isiqhazolo sentsini nemiyeyezelo iti igqithise ngakumbi xa kumana kufika amaxhwangusha aziwayo kwizigalo zokulwela inkululeko yomntu ocinezelweyo.  Nditsho iinto zooArafathi, ooMugabe, ooNkomo, ooNyerere, ooCastro, OoHuddleston, ooSlovo, njalo njalo.
"Zazikho ke nezinye iindedeba ezinjengooZwelithini, ooButhelezi, ooHurd, ooKhalagani, ooHawke, ooBulger, ooAl Gore, ooJackson, ooMoi, nezinye izikrwalaxu ezisuka koomaChina, Afghanistan, Burkina Faso, Turkey, Liberia, Lybia, Nigeria, Niger, njalo njalo.  Kula madoda, ayembalwa awayekhe anyathela kumhlaba weli lizwe lethu.  Onke ke ayeze kuzimasa ukubekwa kwenkonyana yesizwe, ugqirha Nelson Rholihlahla Mandela njengePrezidanti.
"Ndandisithi ndakuphosa iliso kwezi zawukawu, ndifike kuzele zizinto ezithengiswayo eziziintlobo ngeentlobo kwakunye neendidi ngeendidi zezinto - iiflegi, amalaphu amibalabala ebonisa imbasa yesizwe, izikhenkcele nezikhenkcelana ezimiliswe bunkciyorha.  Njengoko kwakukho iqonga, elikhulu lokubeka egcakini wonke umntu onento afuna ukuyibonakalisa nokuyithetha, kulo kwakuthululisana amaqela eemvumi, ikwayala, awepop, izicathamiya naweendlami.
"Kwakunxityiwe ngabasetyhini hayi le nqala.  Ndithetha mna ukusuka kwimipitso etsho iimpundwana ezi zibe ngamaqhekezana ezonka, namathangana la abethe umoya, kude kuye kwimiwunduzo yakwaNtu naleyo yasentshona naseMpuma. Onxaniweyo wayezibethangeshampeni
aze athi osaba bumthanjiswa afunxe kwezinomkhenkce ezizele incindi.  Amadoda nawo ayefake ezithandwa ngawo.  Uninzi lwabantu abakhulu lwalunxibe iisuti ezintle ukanti ugwece lwabafana lona lwaluzinxibele iijini neehempe ezimibalabala lungaqhinanga.  Kaloku lwalusazi ukuba ayisoze ingabikho itoyitoyi, -umxhentso wale mihla othandwa kakhulu lulutsha.
"Ukuzigcina ngeli xesha kusalindwe izihandiba zoRhuluniente woMzantsi Afrika owawusewuphelelwa ngaloo mini, kwakunye namadela-kufa ezihandiba ezayilwela le mini iminyaka engaphaya kwamashumi asibhozo, loo nyambalala yabantu eyayingaphaya kwama-50 000 yayicula ezetoyitoyi, ikhwaza, Viva!!  Viva A.N.C.!!! Hamba ngoxolo mfo kaApateti!!!  Inkululeko ekugqibeleni!!!' "Kanye ngelo xesha esibhakabhakeni kwakubhabha iinqwelo-moya ekuthiwa ziiskwadroni ezazimana ukuphuma umsi oyimibala yeflegi entsha yeli loMzantsi Afrika.  Emveni kwazo kwakulandela ezibizwa ngokuba ziimirage Jets.
"Ethubeni iti yavela loo ndedeba ekudala ilindelwe, ufafa olude olumadolo, into mfondini emile okwengcongolo yodada yona idalelwe ukumana igoba xa kukho isikhukhula esizalisa
umlambo iti ngamanye amaxesha itshone ngaphantsi ibuye ivele.  Lo ngumfo kaMandela owayehamba negwangqa eliMhlophe into kade Klerk umfo owaba ngowokuqala kuhlanga olumhlophe lwamanashinali ukuthi, 'Maxhalanga ndidleni, ndiyayinikezela le nkululeko ekudala isilwelwa ngala madoda amnyama.'
"Eli gwangqa lika De Klerk libuso busiqhendevu nelimpandla impenyelele, ukuza kuthi ga kwesi sithuba lathulelwa umnqwazi ziincutshe neengcaphephe zabaphononongi bemilo yezobupolitika ehlabathini liphela.  Laliyinzalelwane yamabhulu okuqala eyakha yanesibindi sokuyiwela iRubicon ngokuthi linikezele lonke uxanduva lokuphatha emzantsi, Afrika kwiingalo zemidaka eyazijula ijacu ukususela ngonyaka we-1912 emveni kokuyilwa korhulumente wamangesi phantsi kwembasa yomdibaniso woMzantsi Afrika ngowe-1910.

35

"Owesithathu ibe yiponi 'erawundi ngokwesheleni' umde ngeentonga, ingqungqumbana nomdakasholwana onomkhitha umfo kaMbeki ozalwa apha empukane kwelasengqamakhwe.
"Sithe ukuba sithi thu esi sithathu, wavakala umzi uhlahlamba, yasika inimba kwabasetyhini, yathululwa yayimityangampo imiyeyezelo, zavakala zisithi mpo-o izigodlo.  Babenokuthini ukungavakalelwa oomama xa bebona le ndedeba izalwa ebathenjini, umadiba, unyana kagadla kamphakanyiswa Mandela, inkosi yasemvezo embhashe?
"Yaba luhlwahlwane lwesaqhwabe.  Avintyoza amakhwelo.  Zachisimla zithululisana iimbongi, yayileyo yadubula izigaqa zamazwi, igweba ngekhohlo ihlabanisela ngesasekunene ngegqudu okanye ngomkhonto.  Amehlo ziindlulutya anga abona umshologu.  Yini na le lusapho lukaXhosa, lukaMalangana, lukaTshiwo, lukaPhalo, lukaMshweshwe, lukaSenzangakhona, lukaKhama, lukaVan Riebeeck, lukaGhandi?  Ngumhlola wani na lo?  Izigidi ngezigidi zamehlo awayebukele iziganeko zale mini ayengakholelwa kwakubonayo.  Lo yayinguNongqawuse wooNongqawuse, isimanga sezimanga ukuthi inabulele, isilo sasemlanjeni siphume size kuhambahamba phakathi kwabantu baze abantu bangelami.
"Chu abafo abakhulu ngolo ndiliseko neso sidima de baya kufika eqongeni.  Zange kulityaziswe nomzuzu ngabaququzeleli balo msitho.  OkaMbeki wabekwa walisekela Prezidanti lokuqala waza okaDe Klerk walisekela Prezidanti lesibini.  Akuzange kubekho nomthandazwana lo wokuvula.  Ijaji yangena emxholweni vawutyeshela umsina-ndozele wezithethi yagxumeka amadoda ezikhundleni zawo, yaphela into ebithethwa.  'Funga Mandela,'watsho umyalelo ongqongqo.
"'Phambi kwabo bonke aba bantu badibene kule ndawo, ndiluqonda kakuhle ubizo ekufuneka ndiluthathile njengePrezidanti ezimisele ukukhonza iriphablikhi yeli loMzantsi Afrika, mna Rholihlahla Mandela, ndiyafunga okokuba ndiya kunyaniseka kwiriphablikhi yoMzantsi Afrika, ndaye ndiyathembisa ngawo onke amaxesha okokuba ndiya kukhuthaza konke oko kuya kuba yinkqubela-phambili, ndilwe konke oko kuya kuthi kudodobalise kwenzakalise iriphablikhi.  Ndiya kwenza umsebenzi wam ngawo onke amandla am neziphiwo endinazo ngako konke endinakho; ndiya kwenza konke okulungileyo ndizimisele ekuphuculeni iRiphablikhi nabantu bayo.  Wanga uThixo angandinceda.'
'Emva kokuba ebekiwe wenza intetho egxininisa kwinto yokuba ixesha lokupholisa nelokunyanga amanxeba lifikile.  Wachaphazela nento yokuba uyayibulela inxaxheba ethatyathwe ngumndilili wabantu baseMzantsi Afrika abanjengabasetyhini, ulutsha, oosomashishini, iinkosi, nabanye abantu ekwenzeni ukuba eli lizwe lide lifikelele kwinqanaba lenkululeko ngenxa yokuzinikela kwabo.
"'Omnye umntu endifuna ukumbulela lisekela lam lesibini, umnu.  Frederik de Klerk.  Sithanda ukubulela umkhosi wamapolisa namajoni kuwo onke amanqanaba ngenxaxheba oyithathileyo kolu nyulo oluthe lwasibeka kwidemokhrasi nethe yasikhulula koontamo-lukhuni abangekavumi ukulibona ilitha nokukhanya.'
"Le nqeberhu yazimisela ukuba yobulwa ubuhlwempu, intlupheko, nocalucalulo.  'Ekugqibeleni siyifumene inkululeko ngokwezombuso.  Ngoku sifuna ukukhulula abantu bethu konmye wemiba yobomi babo - indlala.  Sifuna ukwakha uxolo phakathi kwazo zonke iintlanga zoMzantsi Afrika.  Singena kwisifungo sokuba siya kusakha isizwe soMzantsi Afrika esiquka abamhlophe nabamnyama.  Wonke umntu uya kukhululeka azive onwabile entliziyweni kuba kaloku woba eqinisekile ngobuntu, isidima nesithozela sakhe.  Wanga uThixo anganisikelela,'yagqibezela yatsho iPrezidanti yoMzantsi Afrika entsha.
"Emveni kokubekwa kukaGqirha Mandela kwabakho izidlo nezawukawu emabaleni aluhlaza ezakhiwo zikaRhulumente (Union Buildings, Smuts Lawn).  Kulapho zatyiselwa khona iindwendwe ezibalulekileyo nomndilili wabantu.  Kwelinye icala iqela lomlisela nomthinjana lalisoja inyama lisitya nezinye izimuncumuncu.  ikwayala yeA.N.C. namanye amaqela ayesonwabisa ngomculo opholileyo noludlwabevu xeshikweni wonke umntu wayehakaza kukwesikamlebese, kuxhelwe exhukwane."
Le ngxelo yenziwa nguMpahleni awaba ngomnye wabantu abathunyelwa ngumbutho weetitshala ukuba aye kumela zona kubeko lweprezidanti entsha yoMzantsi Afrika emnyama ngomhla we-10 kumeyi ka-1994.  Le ngxelo wayeyinika kwintlanganiso yalo mbutho eyayisemonti ngojuni ka-1994.

37

INGCACISO-MAGAMA

	UArafathi	-	Yasser Arafat inkokeli yepalestinian 
				Liberation Organisation (RL.O.)
	UMugabe	-	Robert Mugabe iprezidanti yaseZimbabwe
	UNkomo	-	Joshua Nkomo isekela Prezidanti yase-
				Zimbabwe.
	UZwelithini	-	UKumkani ugoodwill Zwelithini wakwaZulu.
	UButhelezi	-	UNkosi umangosuthu Gatsha Buthelezi
				iprezidanti yenkatha.
	UHurd		-	Douglas Hurd usibakhulu wezangaphandle kwelaseBritane.
	UKhalagani	-	Lord James Callaghan owayesakuba yinkulumbuso yaseBritane.
	UHawke	-	Bob Hawke owayesakuba yinkulumbuso yase-Australia.
	UBulger	-	Jim Bulger inkulumbuso yasenew Zealand.
	UNyerere	-	Julius Nyerere umseki nowayesakuba yiprezidanti yaseTanzania.
	U-Al Gore	-	Al Gore usekela Prezidanti waseMerika.
	UJackson	-	Umfundisi Jesse Jackson waseMerika.
	UDaniel Arap Moi  Uprezidanti waseKhenya.
	UHuddleston	-	UBishop Trevor Huddleston umliwi-Apateti waseBritane nowakha
				wangumfundisi eSoweto.
	UCastro	-	Gqirha Fidel Castro uprezidanti waseCuba.
	uSlovo	-	Joe Slovo owayengusihlalo weqela lamaKomanisi aseMzantsi Afrika.


38

Utyelelo eMount Nelson


Ngonyaka we-1984 ngenyanga kantulikazi kwaye kumi umgrugra webhasi phambi kweTranskei Hotele emthatha ulindele ukuba kukhwele abakhenkethi ababesiya eswazini.  Ezi yayiziititshala ezisuka kulo lonke eli lasetranskei ukusuka kwingingqi yasempuma ukuya kweyasentshona nasemazantsi.  Zazikumbutho owawusaziwa ngokuba yiT.T.A. (Transkei Teachers'Association) ontloko yawo yayingumfo onomkhitha nogazi elinzima ngathi uzelwe ebukhosini.  Lowo ke yayingumfo kaTshaka.
Naye wayekho kweli qela labakhenkethi ababeza khuphuma ngetheku baye kungena emanzini.  Apho babeza kutyelela iindawo ezininzi ezidibanisa nemizi-mveliso.  Uhambo olo lwaluza kuqhuba luye kuma embabane apho babeza kutyelela isikolo ekuthiwa yiwaterford International School eyayisaziwa ngegalelo elikhulu ekunyuseni umgangatho wemfundo yomntu omnyama eafrika.  iti yasuka le bhasi.
Phakathi kwaba bakhenkethi bakule bhasi kwaye kukho nosozindaba wethu umpahleni umfo kacikili owayefundisa kwesinye sezikolo zasemthatha.  Wayeneqhuzu kulo mbutho kuba wayengusibakhulu.  Nanko ke ehleli neqela labafana neetitshalakazi ekoneni esemva ebhasini.  Kule kona kusisaqhwabe kuyintsini ngenxa yamabali kampahleni osoloko enento yokuthetha.
Namhlanje ke ubalisela abalingane bakhe ngotyelelo lwakhe nokuhlangana kwakhe noKhotso umfo owayedume ngokuba sisityebi esaziwayo kulo lonke eloMzantsi Afrika.
Le ndedeba yayihlala kufutshane nedolophu yaseLusikisiki.  Ingxikela yomzi wayo ogama liyiMount Nelson wawuqatywe blowu namhlophe.  Kwakudla ngokuba yimiqodi yabakhenkethi abasuka kulo lonke eli loMzantsi Afrika kude kuye kumazwe aphesheya.  Ngezo mini wayesaziwa njengesona sityebi somntu omnyama esaziwayo nesakha sabaluleka.  Loo nto ke yamenzela udumo nentlonipho.  Thina kwelethu icala sasimazi njengexhwele elalithwalisa abantu abafuna ubutyebi.
"Khanime madoda ndinibalisele ngeehambo zam ezinzima zobomi," utshilo unkabi ekhupha umdiza.
"Hambo zini na ezo, thole leduna?" kwabuza enye ititshala egama linguthambo ibaze iindlebe.  Kaloku bekugqitywa kuhlekwa elinye lamabali kampahleni.
"Hayi Sonny, musa ukungxama.  Uza kumbhuda ubra Ciks umbhuduzelela nje.  Yitsho Bra Ciks," kwatsho enye ingqungqumbana egama linguseth.
"Hi bafana, ubonanje kolu rhaqazo lwethu singabafana ndazibona ngenye imini sendithana gaga nengwenya, usozimali walapha kweli lase'Transkei."
"Ngubani lowo, nguoppenheimer?" kwabuza omnye ogama linguspokes.
"Hayi, mani, andithethi ngooppenheimer mna, ndixela ingwebedla le kuthiwa ngukhotso."
"Hi!  Ingingi le yawuyeka kudala ukuwotha umlilo?" wabuya wabuza kwakhona uspokes.  "Mfo kacikili wawuye kuxwaya na?"
"Uyabona ke wena kwedini kantsenge, ndiza kuliyeka eli bali ukuba awunyawuki nale mibuzo yakho.  Umntu oya kuEhotso ngoya kuthwala kuphela kakade?" wabuza umpahleni emthe ntsho.
'Kodwa nawe Bra Ciks usuke wangathi ufumene.  Ndibona ngale nkqayi yakho usuke wathanda ukuba nayo kutshanje," utshilo uspokes.
Uphakame kwangoko wangumntu ozifunisa into ebhasini.  Kushiyekwe kuhlekwa, nompahleni ephulula intloko yakhe.  Enyanisweni yayingasiyiyo nenkqayi koko wayesandula ukucheba intloko elungiselela uhambo olu.  Intokunayo ezi ntwana ziyamgezela ngayo.  iti ekugqibeleni waqalisa emva kokuba kuzolelwe ukumanyelwa.
"Ubomi bam obuninzi ndandingazange ndimbone ngala wam amehlo kodwa kwenzeka ndambona amaxesha amabini.  Okokuqala ndathi ndisazula apha edolophini egcuwa, ndabona kukho isiqhu sabantu benqundene kwenye igaraji ekwqkusithiwa ngaMoore & Taylor.  Xa ndiyayo ndiphawula ukuba sikho esi sinquntsu somfo sibuso butyhilekileyo nesibetha ngenkqayi emenyezelayo, simi ecaleni komcagogo wemoto eludidi lungafane lubonakale luqhutywa ng-umntu omnyama.  Yayilolu hlobo kuthiwa yiKhadilakhi.
'Babeyibuka ngokungenakuzinceda abantu, abanye kubo bemangalisiwe nakukubona umntu ofana nowasentsomini nowaziwa ngokufuma.  Libekho elinye iqhajana kwalapha elizincamileyo labuza,'Mhlekazi, yinyani into yokuba ungumntu onemali eninzi?'Akakhange alibazise lo mfo.  Uphendule wathi, 'Uyabona mfo wethu, mna imali endinayo ingangale ngca uyibonayo.  Ndihamba nje ndizele imali ndonke.  Ukuba ufaka isandla ezipokothini nokuba zezangaphakathi nokuba zezangaphandle unkamfula imali.  Nale moto ndiyiqhubayo nithe gqwa yiyo ndayithenga khetshi mfo wethu.'
"Ndasuka ndanga ndingathi makakhe andithele khephu nokuba kukule isepokothini ngaphandle kuba ngelo xesha kule yam ipokotho ndandineesheleni ezintlanu kuphela."
"Ewe, kwekwe, inyanga iba mbi ibe njalo endodeni, ube namaxesha okucanda umcinga wematshisi kubini uqhwithe ngehafu', enye ubuye uqhwithe ngayo," kwaphendula useth encumile.
"Okwesibini ndadibana naye kwakhe emva kweminyaka ndiphangela."
"Wamyela kokwabo?  Hayi ke ngoku uyamqhela," kwatsho uSpokes.
"Umthetho wam ndandingumntu othanda ukujikeleza ndibona ilizwe.  Ngenye iholide kadisemba ndibambe iqegu lam mfondini ekwakusithiwa yizephyr Six, ixhwangusha lakwaFord, ndenjenjeya ukubhekisa amabombo ngasesajonisi apho ndalala khona ndachitha usuku ndibuka."
"Wedwa nje qha Bra Ciks?" wayawabuza uspokes.  Ibe ngukru-kru-kru.
"Ayifuni wena loo nto (watsho encumile).  Ndithe ndandihamba ndodwa.  Ukuphuma apho ndinyukele elusikisiki ndijonge ukuya kuphuma ngesiphaqa, ndiqabele ekokstad ndize ndibuye ngeMt Ayliff ukusinga eGcuwa.  Ndithe ndakufika elusikisiki ndakhumbula ukuba kukho enye ititshala yalapha esasifunda nayo.
"Ndakube ndilele usuku apha, sigqibe kwelokuba ikhe indibonise iindawandawana zeli lakokwayo.  Sigqithe komnye umhlobo wayo oye wavumela phezulu ukusikhapha.  Sibe bane emotweni."

41

"Bekhe ndatsho.  Uvela phi lo wesine ngoku?" labuza eli geza linguSpokes.
"Hi kwedini, ufuna ntoni kakade apha phakathi kwethu?
Iintanga zakho akuziboni apho zihleli khona kule bhasi?" ubu-
zwe lo mbuzo kuhlekwa.
"Qhuba wena Bra Ciks," wakhuthaza unokuzola.
"lzulu ke ngale mini lalisina kakhulu.  Ithe bhije bhije imoto yathi thu ngakwelo pomakazi lomzi kaKhotso.
"'Hi madoda, kunjani ukuba sikhe singene apha kwaKhotso sifumane ithuba lokumngcambazisa ngento yonke asixelele nokuba obu butyebi wabufumana phi na, njani na.  Mhlawumbi singaphuma siphethe into nokuba ayizalanga' kubuze lo mhlobo wam bendifikele kuye ... 'O, ilula loo nto.  Masitsho sisiya,'kuphendule omnye.
"Nako sijika imoto sisondela.  Akuzange kubekho namnye, nditsho kwaba balapha eLusikisiki owakha wasilumkisa ngelithi akungenwa nakanjani na kwakhotso.  Yonke into sayithatha lula.  Ithe imoto xa ijonge esangweni elalivaliwe ngeegeyithi ezinkulu kwakho umbuzo, 'Hi bethuna, siya kuthini ukuza kuqala uKhotso emzini wakhe ezihlalele?  Ukuba usuke wasixaka apha siya kuthini?'Kwakubuza eli nenekazi
sihamba nalo.
" 'Wasixaka?  Singaxakwa ngukhotso thina?  Uyasiqonda ukuba sizizifundiswa?  Singaxakwa njani nguye?  Uya kuxaka amaqaba la aqhele ukuza kuthwala apha kuye, hayi thina.  Asizanga kuthwala kuye thina singasoze sithwale futhi,' yaphendula le ngqungqumbana yakwamnguni ndandifikele kuyo apha eLusikisiki.
"Sithe sifika nje kula masango sabe sihlangatyezwa sisiquququ somfo othe wakusingenisa wasikhombisa indawo yokupaka wabuya watshixa wemka nesitshixo.  Mna ndodwa andizange ndiyithande into yokutshixelwa ngaphakathi emzini wenye indoda.  Kuthiwe masiphume sihlale eshedini. phandle nabanye abantu esasifike belapha.  Akuzange kubekho nomnye umntu oze kusibuza into esiyihambeleyo. Iye yaphela iyure sikule shedi.  Into ke ebe mbi'yeyokuba nala madod a sifike elapha akathethi adle imu.  Sasimana ukujongana naba bantu
kungekho mntu uthetha nomnye.
"Uye wabuya laa mfo ebesingenisile wasitshixela.  Ndithe xa ndizama ukuthetha naye ngelimchazela ukuba besifuna nje ukubona umhlekazi, wasuka loo mfo wandigwexa wathi mandingamfundekeli ndimphazamise emsebenzini wakhe awenzayo.  'Ukuba eli fufunyana unalo likuxakile, linda uza kulinyanga uNtathe.'UMnguni uye waphendula xa kulapho wathi, 'Hi mfondini, asiphambananga silapha nje.  Asizanga kufuna mayeza enu thina.  Vula laa geyithi siphume.  Kudala nisiqhotse apha ningasihoyi.  Xa singenakumbona ukhotso siyekeni sihambe.  Akuphela kwento esinokulala sitye yona le.  Hamba uye kuvula laa geyithi!'
"Uye wasiqwalasela xa sisonke wanikina intloko lo mfo ndaqonda nje ukuba uqinisekile ngaphakathi kuye ukuba la wethu amafufunyana, ngakumbi la kamnguni angapha kwethu, kwaye norhotso aza kumsokolisa.  Kuthe kungekudalanga saliva ilizwi lengqagrama.ligragrama likhwaza phofu ingavelanga apha kuthi.  Sasingaqondi kakuhle ukuba ingxolela ntoni na.  Sabona ngala madoda asekuhleni ephithizela.  Yafika laa ndoda yasesangweni, yathi xhiphu omnye umfo kwaba besifike behleli eshedini.  Nako imqweqwedisa imsa ngasemnyangweni weli pomakazi.  Imthe gximfi emnyango ingathethi yabuya yaqubula ibhakethi.
"Nako ilizalisa ngamanzi isiza kule ndoda.  Ithathe unyawo lwayo yalubeka endaweni ebuqethuka.  Ikhuphe ibrashi yasihlamba sacoceka isihlangu umntu waso ebukele.  Ithe yakuyigqiba le ndoda yayingenisa ngaphakathi.  Yenze le nto kuthi sonke ingathethi.
"Nako ke sithe qwelele ngaphakathi kweli gumbi libuofisana.  Tyhini, kucocekile apha.  Amehlo athe akulaqaza abona ubumenyemenye obuninzi.  Nangona kunjalo libekho ixhala esibe nalo kuba ingxolo le yalo mfo ibinganyamezeleki - wena wakha wayiva inkomanda emkhosini.  Ethubeni siphawule ukuba likho iqela labafazi abaninzi abanxibe iyunifomu eluhlaza ende.  Aba bafazi bayasebenza bathi belapha babe bengapha bebhexeshwa ngulo mfo.  Omnye uthi esekukorobheni abe omnye epolisha, ecoca.  Aba baphandle bahamba ngezingqi, bayagajaza bubaleka.  UKhotso uthi esendlwlini abe ephandle.  Uyinto ibila endodeni nasemfazini.  Uyakhwaza:
"'Heyi Thembekile!  Nobantu!  Bethinja!  Kutheni le nto nirhuqa iinyawo!  Nilibele ukuba iinkomo zam zikumakwenu?

43
Nicinga ukuba ndandinilobolela ukuba nize kudlala iindolotyi apha?  Yindawo yokuza kurhona le?  Gijimani bafazi bamaXhosa!  Izinto ezilotyolwa ngeenkomo ezininzi zezifike zirhone ubuthongo emzini, zitye zilele ngecala!  Sis!  Yini le!  Ukuba aniqondi kakuhle kukwaKhotso apha!  Asiyondawo yobuthongo le! Kuyasetyenzwa apha!  Kuyasetyenzwa!'
"Watsho lo mfo ndabethelwa luvalo.  Ukhe wathi gqi kule ofisana yethu wadlula ecaleni kwethu engabulisanga.  Sema ngeenyawo sonke kungakhange kubekho kwamntu uthi,'Phakamani!' Dlwayi!  Dlwayi!  Nanko etshona kwamanye amagumbi ale ndlu inkulu sabuhotele.  Ndithe ndakuthi krwaqu ewotshini ndaqaphela ukuba kuphela eyesibini iyure.  Sasingadikwanga ngako.
"Ethubeni sibone kungena enye yalaa makhosikazi isizisele iti. lye yasincokolisa ibuza ukuba aba bantu baqhuba UCDE ngabaphi na. (UCDE wayeyinombolo yasengqamakhwe ngezo mini.) Sithe sakuyichazela yasixelela ukuba izalwa engqamakhwe emthwaku.  Yayendele komnye umfo owayegada umzi kaKhotso oseqonce, koko lo mfo wabanjwa wagwetywa ubomi bakhe entolongweni.  Yona ibe lilifa likaKhotso owasuka wayixelela ukuba iza kuba ngomnye wabafazi bakhe.
"Njengoko imana ukunika umntu ngamnye ikomityi, uye wangena kweso sithuba umhlekazi wafika kanye xa ikomityi le ithatyathwa leli nenekazi sihamba nalo.Yho! Yehl'intlekele!  Akazange abe namsindo uKhotso.'Heyi, ung-umntwana waphi lo ungenasimilo ngolu hlobo?  Ungathini ukuthi umfazi wam ekunika iti uhlale nyhadavu phantsi?  Ugabadele, hi?  Yiva apha, noVerwoerd ngokwakhe uma ngeenyawo kule yam indlu xa enikwa iti ngumkam.  Yhini le!'Wathi eyigqiba loo ntlamba saba simi ngeenyawo sonke, oyifumeneyo, nosaphungayo nongekayifumani.  Uthe gwiqi wangena kwindawo endithe ndakuyiqwalasela ndabona ukuba yiofisi sabundlu yokuxilongela (surgery).
'Uvele nje emnyango wakhweba umfo webala.  Akubanga kudala waphuma lo mfo 'eronta' okwesitshingitshane,'. engathimli esenza umhlola.  Lowo uphume waba selebiza omnye, nomnye, nomnye.  Bonke babethimla into endingazange ndayibona oko ndazalwa.  Yayingathi zizinja ezi zifunyenwe ngumgada okanye amahashe edliwa ziipapisi.  Ayethimla iti agilane amadoda, egqushalaza.  Sithe sisajonge leyo wabuya wavela uKhotso eze kuthatha omnye.  Wathi phala phala wajonga kum wabe selendikhweba.  Elo xesha ingwatyu le yam idlal' ikatala.  Ndavela ndatshiswa ngumchamo, kwekwe, ndaxakana nesiqu sam.
"Ndinge ndingabuza kubahlobo aba bam ukuba ndiye na ndafika bejale bemdaka ngebala nditsho neqhaji eli lalapha eLusikisiki.  Ndibe buthalalisa andangena.  Uthe momfu kwakhona wathi,'Akuvanga ukuba ndithe ngena?  Usisidenge saphi?' Dyulukudu ukungena egumbini.  Ndifike apha itafile ithe thande ziingcucu ngeengcucu zamayeza.  Umhlekazi ubuzile ukuba ndize kuthwala ngantoni na.  Yintoni ingxaki yam?  Ndambandaza ndaxakwa nakukuphendula.  Eyona nto ndandiyoyika kukumxelela ukuba andizanga kuthwala.  Ndandingayazi into awayeza kundenza yona.  Ndazincama ndathetha:
"'Hayi, Mhlekazi, andizanga kuthwala.'
"'Kanti uze kwenza ntoni apha kwaKhotso?'wabuza ejamile.
" Hayi, Mhlekazi, thina besizihambela nje sikhenketha sagqiba ekubeni size kubona umhlekazi.'
"'Nize kumbonela ntoni?'
"'Kudala sisiva ngokubaluleka kwakhe elizweni liphela, nditsho ihlabathi mna.  Inene umhlekazi yingangalala edumileyo.  Siye saqonda ukuba asingekhe sithi sesilapha singazi kubamba sandla kule ngangalala, sikwazi ukuyincoma, sibalisele nabantwana besikolo.'
"'Nisuka phi nina?'
"'Sisuka ngapha kwelasegcuwa.'
"'O, niziititshana`?'
"'Ewe, Mhlekazi.'
"'Baphi abanye?'
"'Nabaya behleli kweliya gumbi.'
"'Ningabantu bani?'
"'Amadoda mathathu nenenekazi elinye.'
"'Idikrazi elinye?'(Mh yalumeza le nto)
"'Ewe, Mhlekazi.'
"'Okuthi ke idikrazi eli nihamba nalo lelenu nonke?' (Owu, Thixo, lo mbuzo ndiza kuwuphendula njani?) "'E-e-ewe, Mhlekazi.'
"'Ngoku ke akukho nto uyifunayo apha kuKhotso?'

45

"'Hayi noko, Mhlekazi, bendingakhange ndicinge nto.'
" 'Nc,nc,nc,nc,nc, sidenge sikatitshana!  Phumani!  Asiyondawo yokuhilizela le.'
"Saba ngathi sidliwa zizinja ukugxalathelana ukuphuma ukuya emotweni.  Ngoku nako lo mfo ugcine izitshixo engafiki.  Sithe xa sisalinde yena saphawula ukuba kwelinye icala lale ndlu inkulukazi kukho abelungu abathi kanti baziindwendwe zikaKhotso.  Babekwe bodwa kwaye bayonwatyiswa ngomculo wabafazi abawucula bengqungqa.  Kwelethu icala khange siyibone le nto.
"Sithe sakuphuma emva kweeyure ezintathu saqala ukugxekana, ukuhlekana, nokunxwalana.  Mna ndadliwa ngalaa mazwi athethwa kum athi'sidenge sikatitshana"
"Yintoni ekudlayo kuloo nto?" kwabuza uthambo.
"Andiqinisekanga nanamhla oku ukuba ndenza ubulumko bokuthi sendifike kwindawo ethwala amadoda mna ndithi ndize kukhenketha kuphela.  Mhlawumbi ukuba ndandibe nesibindi ndacuntsula, ngendiyingamla namhlanje.  Intokunayo umntu oyititshala udla ngokucinga kuphela ngaloo nto ayiqeqeshelweyo.  Yiyo le nto iititshala ezininzi zilamba kangaka namhlanje.
"Kweso sithuba kukhe kwakho ingxoxo ende kuphikiswana abanye besithi ngenene ndabhatyaza, abanye besithi ndenza kakuhle kuba besithi eneneni akukho nto ikukuthwala.  Sikhe saphazamiseka encokweni yethu kukufika ezibukweni emzimkhulu.  Emveni kokuba sibonise amapasi okukhenketha sibuye saluqhuba uhambo lwethu.  Ngoku kuye kwabuzwa ukuba kakade uKhotso lo ndimazi kangakanani na.  Ndichaze ndenjenje, 'Njengoko benditshilo ekuqaleni lo mfo ndandingenalwazi lungako ngaye kodwa ndithe ngokufunda amaphepha ndafumana obu buncinanana ngaye.'
"Mhlawumbi nathi olo lwazana unalo lungasinceda.  Kaloku uKhotso umele abantu abasebenza bada baphumelela banegalelo kuqoqosho lwethu eMzantsi Afrika.  Ukuba abamhlophe bazigobha amacala ngokuba nezityebi ezinjengooOppenheimer, ooLouis Luyt, ooSol Kerzner, nathi kumelwe ukuba sibalise ngezityebi zethu ezinjegooKhotso Sethuntsa.  Qhuba ke mfo kaCikili," kwatsho uSeth obe eyinqununu yesinye isikolo nobesoloko ephulaphule ngomdla kula mabali kaMpahleni.


46

"UKhotso Sethuntsa yenye yamadoda akhe aduma ngento yonke kweli lethu ngakumbi ubutyebi.  Abaphandi-zimfihlelo babuyamanisa obu butyebi noPaul Kruger owayeyiprezidanti yeriphabliki yaseTransvala ngowe-1883.  Nangona kungekho bungqina bokuba uKhotso wakha wambona uKruger lo kodwa akho amarhe okuba wayembona emaphupheni yonke imihla.  Abaphandi bayithatha lula le nto ngokuthi wayebazi apho babufihlwe khona ubutyebi bukaKruger.  Nam ndifuna ukulungqina olu lwayamaniso noKruger kuba ngeliya xesha siphaya saphawula ukuba zininzi izitatyhu (statues) zikaPaul Kruger ezazijikeleze ipoma eli likaKhotso.  Nangaphakathi ke zazininzi.
"Olu lwayamaniso luqala phambi kokuba uKhotso azalwe.  Uyise wakhe uSpeelman wayesebenzela uPaul Kruger esalusa amahashe.  Ngokuhlala apha esebenza wada waba ngumsebenzi kaKruger osondele kuye kakhulu.  Ukuzalwa kukaKhotso ngo- 1899 upaul Kruger wathi makabizwe ngokuba nguVrede' waza uspeelman waliguqula eli gama languKhotso, into ethetha uxolo.  Esi sigqibo sikakruger senziwa emveni kokuba enze uxolelwaniso nomfo wakwaMapasa owayesaziwa njengekumkani yamasela, nowayesoloko ekhathaza ngokuya kuba iinkomo zikaKruger aye nazo ezintabeni zaselusuthu.
"Kwathi kwakubakho imfazwe yamabhulu (Anglo-Boer War) uSpeelman waya kufihla umkakhe nosana lwakhe kwaMapasa, yena washiyeka kwaKruger.  UKhotso akazange aphinde ambone uyise kwakhona kuba waxelelwa ukuba uyise wafa ngexesha laloo mfazwe.  Abakhona amanye amarhe okuba uSpeelman waba sisibonda sohlanga oluthile lwabeSuthu kumantla ePitoli. lyonke le ngxelo izama ukuthi uKhotso lo obu butyebi wabufumana kwaPaul Kruger.  Ayingqineki ke le nto kuba uKhotso yena wayesithi ubutyebi anabo wabufumana ngokuzisebenzela.
"Uninzi lwabantu lwalumazi uKhotso njengexhwele elisebenzisa amayeza nekuthwalwa kulo.  Loo nto yamenza wangumntu owoyikwa ngumntu wonke.  Kwakudume ukuba uthwalisa abantu ngeenyoka ezinkulu namachanti, imishologu namachiza.  Yayisithi nendoda ekubonakala ukuba ifumile, inentsebenzo, nesoloko isebenzisa inkqayi, kuthiwe ithwele kuKhotso.  Okhe wathi ebesebufudumala ebutyebini wabuya wehla, kwakusithiwa uphose imigqaliselo yokuthwala.
"Maninzi kakhulu amabali awayesakubaliswa ngemihlola eyenziwa ngulo mfo.  Kuthiwa wathi eseyinkwenkwe, alusele omnye umfama omhlophe kweliya laseKokstad, suka ngenye imini webiwa bubuthongo, zaza iinkomo zahamba unothanda kwada kwakho nezilahlekayo kuzo.  Yathi yakwenzeka le nto umnini-fama ngomsindo wamgxotha.  Yamcaphukisa le nto uKhotso wamshwabulela wathi loo fama yalo mfo yovuthuluka tu.
"Kungekudala emva koko kwavela isivondoviya somoya omkhulu okhatshwa yimibane namahamba-namvula.  Ayibetha yalinikiniki loo fama.  Kwafa zimpahla kwatyoboka zilimo, kwayimbuqe nje.  Into eyaba sisimanga ke kukuba ezinye iifama ezikufutshane nale azizange zibe nanto yenzeka kuzo.  Abantu batsho bamhlonipha bamoyika lo mfo.
"Enye yezinto awayezithanda kukuzingela iinyamakzi athengise izikhumba zazo kubarhwebi basekokstad.  Wayeyithetha ngokwakhe into yokuba inzuzo awayeyifumana wayedla ngokuyigcina.  Kuloko wakwazi ukuzakhela umzi wakhe omkhulu nomhle eKokstad.  Abanye oonobalisa ngoKhotso babesithi wayethenga iinkomo, iigusha, iibhokhwe, namahashe ngemali yakhe abuye azithengise.  Watsho wakwazi ukwakha lo mzi waseKokstad.
"Esemtsha waba ngumntu oshishina ngeempahla ngaphandle kobuxhwele.  Yiyo le nto wakwaziyo ukuthenga iifama koomaLusikisiki, Qonce, Kokstad nakwezinye iindawo.  Kwezi fama wayefuyile elima kuzo.  Lukho nomingimingi lokuba iifama zakhe zazikwisithuba samashumi amahlanu ize imizi yakhe ibe kwisithuba sama-27.  Wayeneemoto ezininzi kukho neebhasi.
"Abafazi bakhe babeqikelelwa kuma-23, abantwana bekuma200.  Imali kuthiwa yayihlala ngaphantsi ezitrankini kukho neekruger Rands kwakunye needayimani.  Ngomnye unyaka iintatheli zamaphepha-ndaba zakha zamndwendwela.  Akazange abufihle obu butyebl Wazibonisa loo makhipha zada zamfota.
"Xa athenga imoto wayeyibhatala yonke ngaxeshanye aze ephethe iitranki zizele yimali ayibhatale ngoko nangoko.  Ayekho namabalana okuba wayengazihluphi ngetshintshi.

48

Enyanisweni kude kuthiwe wayesuka abhasele lowo ebethenga. Nangona wayeyiphika into yokuba unonxibelelwano nopaul Kruger, likho ibalana elithi wathi uyise mhla wagodusa
usapho lwakhe elusa kwankosi uMapasa, bahamba ngenqwelo eyayilayishe iibhokisi ezininzi.  Ngokwebali elo kuthiwa ezo bhokisi zazisisiwa emqolombeni.  Kodwa kwayena ujika athi akawazi umqolomba lowo ukuba wawuphi na.  Bakho nabathi unina wamhlebela uKhotso waza ke wayifumana ngexesha lakhe.  Nangokufa kwakhe ngowe-1972, akukho mntu wakha
	waphinda waliva eli bali lezi tranki.
	"Lo mfo kuvakala ukuba ngomnye unyaka wakha wafuna ukuthenga iidolophu zaseLusikisiki, kwaBhaca, nesiPhaqa.
	Ikho nento ethi wakha wafuna ukuthenga inqanawa eyayiza kuhlala esajonisi.  Ngonyaka we-1964 kwakha kwana imvula enkulukazi.  Kwavakala ukuba izikhukhula zimke namagqongo
	(drums) anamayeza akhe..Wathi umntu ongaba uwabonile uya kumnika amehlw'akaboni akumawakawaka.  Akukho mntu
	wakha weza ngaphambili wathi uwabonile.  Atsho amaxabiso eli yeza enyuka kubathengi emva koko.
	"Kwakudume nento yokuba kangangendlela eyayininzi ngayo imali yakhe eyayiphantsi komhlaba, umntu wayengathatha iintsuku ngeentsuku eyibala.  Kodwa bakhona nabathi wathi mhla wafa, akwaphuma nesigidi esinye nangona
	yena wayeyiqikelela kuma-34 ezigidi zeeponti.  Unokuyiqonda
	ke phofu nawe into enokuba yenzeka.  Bakho ke nabo bathi
	wathi phambi kokuba afe loo mali mayibuyiselwe apho yayivela khona.  Lawo ke ngamabali amaninzi awayethethwa ngale nqeberhu.  Akukho mntu wakha weza ngaphambili wathi eyona nyani yile.
"Abantu abaninzi baya kumkhumbula uKhotso ngobutyebi bakhe.  Kodwa bakho nabo baya kumkhumbula ngobuntu bakhe kwabo basengxakini.  Kwelam icala kwimihla yam yokumazi kwam ukhotso mna ndimfanisa nomntu owayenedumasi lokoyikwa nokuhlonitshwa kanye ngoku komntu wasentsomini."
Uthe akugqiba ukubalisa uMpahleni kwavuka ingxoxo kucukucezwa eli bali.  Umntu wokuqala othe wenza igalelo ngauNokuzola owayesoloko ethule emamele ngomdla.  Uye wenjenje: "Kuyacaca ngenene ukuba eli bali likaKhotso linobunyani kuba nam ezi zinto ubuthetha ngazo ndiyazazi.  Ke ndifuna ukuqonda ukuba obu butyebi wayenabo lo mfo thina usenzele ntoni ngabo?"
"Xa usithi'thina'ubhekisa koobani?" ubuzile uMpahleni.
"Ndibhekisa kwisizwe esimnyama nabantwana baso."
"Uthetha ngokomntu ongaqondiyo ngokwenene.  Kaloku bendithe baninzi kakhulu abantu abathe bacuntsula kubutyebi bukaKhotso.  Laa nto ithi wayethwalisa abantu ithetha ukuthi abantu babesiya kuye beneengxaki babuye bephethe into, nokuba ngamayeza, nokuba ngamacebiso nokuba ngamava.  Ukuba ngaba bakho abantu abaya kuthwala kuye baza bazizityebi emveni koko, loo nto ithetha ukuthi ube nenxaxheba ekuhlumeni kwabo.
"Ukuba ngaba ubhekisa kumcimbi wemali, nalapho ube negalelo kuba baninzi abantu awayebaqeshile bephangela kuye.  Wayevakala futhi kunomathotholo ebhatalela abantu bakwaSethuntsa xa kukho iphulo lokuqokelela imali iqokelelelwa isehlo esibi nesilusizi esehlele usapho oluthile.  Ngapha koko uqoqosho lweli lizwe walubeka kumgangatho ophezulu kuba imali yakhe wayethenga kakhulu ngayo iti athenge nangaphezu kokuba wena nam besinokuthenga ... "
"Le kuthiwa wayeyembele?" uphazamise wabuza kwakhona uNokuzola.
"Sokhumbula ukuba abantu bakudala imali babeyembela ummo lo wabo.  AsingoKhotso yedwa.  Nawe ukhe uve ukuba ootat' omkhulu babeyembela imali yabo nasebuhlanti kuba yayiziingqekembe ezazikwazi ukuhlala ixesha elide zingonakali.  Ukuyembela kwakhe uKhotso laa mali wayesenza laa nto kuthiwa yi'investment'.  Imali egcinwe ithuba elide ithi xa seyibuyiswa isetyenziswa ibhatale kakhulu.  Nangoku zikhona izindlu zokushishina ezisagcine iiKruger Rands nanamhlanje.  Zenza imali eninzi apho ekugcinweni kwazo.  Uvile ukuba ukhotso wayekwaneedayimani.  Sisimbiwa eso esinexabiso ngeyona ndlela."
"Irhafu wayeyibhatala?" kwabuza uspokes.
"Ndiqinisekile wayengenakuze ayekwe irhafu engayibhatali.  Nangoku koku kuthanda kwakhe ukubhobhoza ngobutyebi bakhe kuvakala ukuba waxelela iintatheli zaza zayifota njengoko besenditshilo.  Into eyalandelayo yeyokuba abaphengululi-zincwadi-mali (Internal Revenue Auditors) bamhambela besuka emonti bafika bamrhafisa imali engangeeponti ezilishumi elinesine lamawaka.  Zazimrhafisa kuleyo wayebabonise yona.  Abangayibonanga yayingafuni mntu yayifuna ukhotso yedwa.  Kaloku amacebo endoda ngawayo kuphela."
"Kutheni le nto singakhe sive nokuba kukho isikolo esinye esakhe sakhiwa nguKhotso kodwa wayenemali engaka?" waphinda wabuza uspokes.
"Sikho isikolo phaya eLusikisiki esibizwe ngaye.  Andingeqiniseki ke nokuba zikhona na iimali zakwasethuntsa ezincedisileyo ekusakheni.  Kodwa ke nokuba zikhona nokuba azikho ndifuna ukuchaphazela le ndawo: uKhotso wayengesosifundiswa sifana nawe nam sona sinokucinga ngokwakha izinto ezizezemfundo.  UKhotso wayengusomashishini owayefana nqwa naba banamhlanje ungasoze uve nokuba kukho galelo lingako balenzileyo emfundweni yabantwana besizwe nangona bezizityebi ezifumana imali yazo kubazali babantwana abafuna ukwakhelwa izikolo.
"Apha egcuwa besinosomashishini omhlophe owayetyetyiswe ngabantu abamnyama ababesebenzisa iibhasi, iitrakhi, nezinto zokwakha besakha imizi yabo.  Ezi bhasi nezi trakhi nezi samente zazithuthwa zisiwe koomaNgqamakhwe, Centani, Gatyana, Gcuwa, Dutywa, njalo njalo, into ethetha ukuthi wayesesitheni esikhulu ngenene lo mfo.  Ngenye imini ndakhe ndathi ngenxa yokuxakwa sisikolo endandisiqala singekakhiwa, ndamndwendwela ndiye kucela amancedo ndisithi okokuqala makandakhele nokuba ngamagumbi mabini, okwesibini ndisithi makenze iibhasari zabantwana nokuba kunge-.5% yengeniso yakhe.  Lo mfo wala kuzo zonke ezi zinto wasuka wandibuza ukuba yinto ebendiyikhathalele ngantoni na le ndiyizele kuye ndingalindi urhulumente andakhele.  Wathi imali uxakekile ngayo yena ujonge amashishini akhe akanaxesha lakwakhela abantu abamnyama izikolo abaza kuzitshisa xa bethanda.
"Omnye ke yena wayengumntu omnyama owayeme kakuhle gqitha.  Kuye ndandicela isipho (donation) ndifuna ukuthenga izinto zezifundo zobugqi (Science equipment).  Wandibuza ukuba sendizigqibile na ezakwaCikili le nto ndizixakekise ngezinto zesikolo, watsho ethatha isitshixo engena emotweni yakhe esimka.  Xa sibuyela kulo mcimbi kaKhotso ndifuna ukuthi andinabungqina buthi kukho isicelo esakha senziwa sokuba makakhe izikolo waza yena wala.  Ukuba ngaba bukho thatha usiba ubhale ngabo wazise ilizwe aze kufakwa kuluhlu lwabantu abangazange bafune kunceda bantu nangona benayo indlela."
"Ndiyakuva Bra Ciks.  Kodwa ndinento endidlayo kwezi zityebi zethu thina bantu bamnyama.  Sithi sakufa silandele eliya qhalo lithi yakufa intaka endala amaqanda ayabola.  Kutheni le nto ndiba ngaya kwezi ndawo uKhotso wayekhe kuzo, iqonce, uqumbu, kwabhaca, ikokstad, njalo njalo ndifike ezi zindlu zikaKhotso zidilikile zimbi zingenamntu uzihoyileyo?  Kwenzekani kwizinto zethu zexabiso?" wabuza uSeth.
"Lowo ngumbuzo endingekwazi ukuwuphendula ngokwam kuba basekho abantu.bakwaKhotso, bambi basaphila.  Ngabo abanokusixelela ukuba kwathini na ukuze eminye yale mizi kaKhotso ingabikho selugcinweni nangona kungekudala ngolo hlobo umniniyo wafayo," waphendula uMpahleni.
"Kodwa ke xa benindivumela ndikhe ndiphokoze uluvo lwam mayela nombandela ololu hlobo, mhlawumbi uya kwaneliseka Seth.  Njengokuba ndijongile nje, ndiyibona into eqhubeka apha phandle, mininzi imizi ehamba indlela enye nale kaKhotso.  Uyakwazi ukuva ukuba indoda ethile yaye isebenze kakhulu yanezinto ezinjengemali, imfuyo, imizi, amashishini, njalo njalo kodwa ithi yakufa zivuthuluke zonke ezo zinto kungashiyeki nempunde.  Yintoni unobangela waloo nto?  Kukuba abantu abadla ngokuba ziindlalifa badla ngokungafani nalo mntu wayesebenza lo msebenzi ungaka le minyaka ingaka.
"Ukusuka apho kudla ngokuxatyanwa, kuxhwithwane de ngamanye amaxesha kubulawane okanye kusiwane ezinkundleni zamatyala.  Le ngxwabangxwaba iqala lo mhla wasweleka umnini-mzi.  Ukuba ngaba wayengumntu onabafazi abangaphezu kwesinye, koxhwithwana ngesidumbu eso side ngamanye amaxesha siqhotseke emkhenkceni iinyanga ngeenyanga kusaliwa.  Omnye uthi selezifumene ezo zinto asuke azibhubhise axakwe nakukuwugcina naloo mzi.  Ufika sewuxwebe unjalo kuba kaloku awuzange uhlaziywe, ungazange ulungiswe nokuba ikho indawo efuna ukulungiswa.  Eminye iyathinjwa ithengiswe kubhatalwe amatyala umfi abhubhe

52

engawabhatalanga.  Yenzeka into enje kumashishi selethengiswa kwintengiso kawonkewonke."
Kungekudala iye yangena ibhasi ethekwini.  Nabo ke abahlobo bethu bengqungela                                            
 ukwehlika  nabo baye kubethwa ngumoya bathenge nasezivenkileni.



53
KwaTyeke


Ilali yaseBawa kwelaseGcuwa apho uMpahleni azalwa khona ikhe, ngonyaka we-1993 kwinyanga yeDwarha, yehlelwa lishwangusha lokushiywa ngabantu abalishumi elinanye ngaxeshanye.  Esi sihelegu senzeka kwiblorhwana ekumlambo iCerhu omanzi awo ampompozela kwiingxangxasi zakuNdotshanga.
Eli bali libaliswa kakuhle nguMpahleni ekwathi kanti ngethamsanqa ngaloo mpela-veki ukokwabo ebawa ngenjongo yokuza emngcwabeni wenye inkosikazi apha elalini.  Ibali ell ulibalisela uGeorgina enye yeetitshalakazi asebenza nazo.
"Udaba lwentlekele yokumka kwabantu nomsinga eblorhweni eCerhu lwafika kanye emva kwesidlo sangorhatya xa ndicinga ngokuya emlindweni wenkosikazi yakwaMagida eya yiza kungcwatywa kusuku olulandelayo olwaluyicawa."
"Lweza nabani olu daba?" kwabuza uGeorgina.
"Lweza nentwazana yam enguNotozi eyayiye edolophini eGcuwa kusasa.  Siyibone ifika ngorhatya olukhulu imaphikana kubonakala ukuba yothukile.
"'Tata- into endiyivileyo namhlanje andisoze ndiyilibale.  Kuthiwa iveni ebilayishe abantu abavela edolophini imke nomlambo iCerhu.'
"'Bekutheni na Notozi?  Yinto obuyifumana phi leyo, Thixo wam?'
"'Nindibona nje nam ndiphantse ndakuloo ngozi.  Ndibe nethamsanqa nje endingalaziyo kuba ndijike sendiza kungena kule veni nangona kwasekufunwa umntu wokugqibela.  Ndiphawule ukuxinana kwabantu ngaphakathi.  Mna ndiye ndalinda enye ikhumbi nethe yafika emva kwesithuba seyure emva koko.
"'Le ntlekele ndiyive ngomfo ebesikhwele naye esithi ebe kulaa veni imke namanzi.  Iveni le icime phakathi eblorhweni kwaza kweza umsinga othe wayibhukuqa wemka nayo.  Ngethamsanqa uthi luye lwavuleka ucango lwangaphambili baza abantu abathathu kweli shumi linantathu belikhwele ngemva basarhazwa ngumsinga.  Yena utyekezwe kweli cala lingasedolophini.  Uthi akakhange abone nomnye umntu kuba ebothuke ngeyona ndlela.  Akakhange aphinde ayibone iveni ebizele ngabo bantu.  Uthi ubalekele edolophini kwakhona waya kuhlaba umkhosi emapoliseni.'
"Uthe ukuba eme kule ndawo uNotozi sangathi sibethwe ngumbane sonke sakucinga ngabantu belali nezalamane ezihamba edolophini imihla nezolo.  Siphinde sabuza eminye imibuzo enjengokuba impempe leyo yekabani na, ibiqhutywa ngubani na nokuba bekutheni ukuze icime.  UNotozi akakhange akwazi ukuyiphendula le mibuzo kuba nathi besibuziswa kukothuka.
"Nangona sibe siminxwe kukothuka ngolu hlobo, zona iziganeko zaloo mini zilenze elo bali lakholeleka.  Emini ngaloo Mgqibelo kwagaleleka isiphanga esatsho yonke loo mifula yaseBawa yazala yaphuphuma.  Zatsho ezo blorhwana zakhala ngaphantsi, nam ndatsho ndalurhoxisa uhambo endandiza kuluthatha oluya edolophini.  Into endasuka ndazixolisa ngayo kukuya emlindweni ndijonge nokusabela kwabanye abantu esi sihelegu siza nentombi yam.  Ukuba ndithi umlindo lowo waba nempumelelo ingaba ndithetha ubuxoki.  Amahumhum ale ngozi kwasekucaca ukuba baninzi asebenamanakanibe awo.
"Wayesithi esashumayela ongqina ilizwi kuthi kwakungena umntu abhunge nomnye athi akugqiba aphume, iphele ingoma babe baninzi abamlandelayo.  Ubusiva nje ngokukhuza komntu asitsho isikhalo.  Le nto ikakhulu yayisenzeka kwizizalwane zabantu abebengekabuyi edolophini.  Kwasa kusenzeka le ntshukumo watsho wambi ngokwenene umlindo.  Kuthe kanti silindile apha nje sebekhona abayitshaye isaqhuma ukuya ku khangela ezibukweni, babuya nembande yesikhova kuba
kwasekumnyama.
"Kusasa ngecawa ndivuke ndaphathelela ukuya ezibukweni eCerhu.  Ndithe ndiseza nje ndabona iimoto eziliqela kukho namadoda elali.  Izidumbu ezibini zabantu ababhinqileyo zasezifunyenwe ngamapolisa namadoda elali.  Ndanele ukuzi kroba nje ndaba sendisinakana esinye sazo.  Yayiyintwazana eyayifunda esinaleni kwibanga leshumi.  Owu yhini Bawo ukunqanyulwa kobomi bomntwana ongaka eseze ngobuso elizweni?  Ndiwubuze loo mbuzo iinyembezi zithe gwantyi ndicinga ngokuhlupheka nehambo-nzima kanina obezama ukuqwebela lo mntwana ikamva eliqaqambileyo.
"Ukuthi gogololo kofuba, amehlo am atsalwe yindoda endithe ndayazi.  Ndiye kuyo ndifuna ukuqonda nokuva ubunzulu bale ntlekele.  Le ndoda ndifike iphatshile mpela.  Ibingazinzanga konke.  Ibiphikele ukuhla inyuka ingathethi namntu ngaphandle kokusuka iqhwabe izandla, inikine intloko ikhuze.  Ibimane isithi,'Thixo, ngumhlola nesimanga endiza kusithini esi Mdali?'Ibuze ibindekile.  Ithe ukuba ime ndasondela ndayikrweca ngelam ndifuna ukuncina iindaba.  Ndithe ukuba ndiyibuze yasuka yafuna ukubaleka indlongondlongo.  Yabuya yandijonga amehlo ethe ndlaa ngathi ayikho zingqondweni.
"'Hi, mfondini, ngunyana wam bonanje lo wenze le ngozi.  Yiveni yam le ibulele aba bantu. Ibiqhutywa ngunyana wam.' Ndiye ndakhwankqeka, kwashwabana isikhumba somzimba.
"'Thixo wam, uthini na mfondini?'
"'Ndikuxelela ukuba ndingakuxokisi mfo kaCikili.' :"Uphi yena, uSindile?'
"USindile kuba ndimshiye ekhaya.  Yintoni kodwa le ndiyenziwe ngulo mntwana?'
"'Uthi bekutheni?'ndizive nam sendibuza ndibhidekile.
" 'Mfondini khawundiyeke ngesi silingo sindehleleyo.  Andazi ukuba uThixo uthi mandithini na xa evumela into enje ize ngekhaya lam.  Owu Yehova abantwana babantu!'utsho lo mfo wakhala, wakhala.  Nam ndizive ndingakwazi ukuzibamba.
"Ndiye ndazulazula ndixakwe nayinto emandiyenze sendizisola ukuba bendimbuzela ntoni na lo mfo.  Ndisondele kuye ndamthuthuzela ndincediswa nangamanye amadoda.
"Baye bathontelana ngokuthontelana abantu.  Nangani umlambo lo ubuse uwuthile, akukhange kuphinde kubhaqwe zimbi izidumbu.  Ingxelo eze namadoda ehle nomlambo kukubonwa kobutyobo beveni emazantsi omlambo phezu kweengxangxasi zakuNdotshanga ezikwalapha kulo mlambo.  Abaninzi kuthi babuye bahamba baya kulungiselela laa mngcwabo wakwaMagida.  Emngcwabeni kwenziwa isibhengezo sokuba onke amadoda makabekele ezingxangxasini ukuya kukhangela izidumbu ezisibhozo ekucingwa ukuba zilapho.

56
"Ezi ngxangxasi zihla kwiliwa elide lakwaTyeke apho lomlambo iCerhu unqumla khona.  Iliwa eli likhulu, lide kwaye liyoyikeka.  Ngokuqinisekileyo akukho mntu ungaze ehle kwezi ngxangxasi abuye aphile.  Ukuba umi phezu kweli liwa uba nesiyezi esingummangaliso.  Nokuba sekusithiwa unxile urhubuluza ngesisu uxela inyoka, uphela uthi dlwe loo mqhele
wakuma phezu kweliya liwa.
Kukho ibali elithi ndoda ithile yasuka ngenye imini yadinwa ngamabibi omzi wayo yaza yagqiba ekubeni ize kuziphosa kweli liwa ize kubona ukuba lo mfazi wayo uza kuthini na yakungabikho.  Yazinkcinkca ngotywala imini yonke kwala emva kwemini yaya kwaTyeke ngelithi iya kucima'iiwari zayo ngonaphakade.  Yathi ngqo khona ikhawuleza ingasacingi ngeli lizwe lenyama sikulo.  Yathi ngokuya isondela yacimela.  Ithathe nyawo mbini ntathu yeva ngohelehele womoya usitsho ebusweni.  Ithe xa iza kuthi ngomlomo,'Shiyeka MaDlambulo nentlamba yakho!'kwakho into ethi makhe ithi balulu ijonge okokugqibela, nqwakaqhwa amehlo nentywankantywili yesibhakabhaka sikhongozelwe nguloo ndilambile weliwa. "Dlwe umqhele, merhe uvalo, guququ ukufulathela. Yasimbela isinqe uvalo luyithe minxi. Yafika ekhaya imaphikana. Kaloku le mizi ikwakufutshane nezi ngxangxasi. Ngelishwa
idibene noMaDlambulo ephuma ehokweni yeehagu. " 'Yintoni, ubaleka ntoni Sa'Nokhontoni? 'Hayi ndibone inyoka enkulu yomlambo, mfazi.' "Lihlile ke ihlokondiba lamadoda lihamba kuhle lilumkele ukutyibilika. Abanye abafana nam bashiyeka ngaphezulu laza iqaqobana lamatsha-ntliziyo lakhethakhetha iindledlana zeebhokhwe eliweni apho ukubheka ezantsi. Lide laya kufika kwintywenka yesiziba esisemazantsi eliwa. Athe akuphica
entlabathini amadoda azibona izidumbu ezibini elunxwemeni lwesiziba eso. Ezinye akakhange azibone. Nango ke eqokelela amanqwanqwa ezibophelela kuwo ezityatha.  Ahintsize kwelo
liwa enyuka ehamba esiwa kuba kaloku kwakumanzi.  Emva kweyure iti aqabela nazo a afika azibeka evenini yamapolisa. "Kwabonakala ukuba ezinye izidumbu zinokuba zehle nomlambo.  Kwazanywa icebo lokuba kuze uphephela (helicopter).  Yaphala inqwelo yamapolisa ukuya kudibanisa kwisebe lomkhosi waseTranskei (Transkei Defence Force).  URhulumente womkhosi usivumile esi sicelo waba selethumela loo phephela othe wavakala eqweqwezela elundini esuka eMthatha emva kweyure.

"Bathe ukuba bambone abantu bezi lali zikufutshane beza bebhekeqekile entilini ephezu kweengxangxasi nangona kwakuthiwe zekungabikho mntu ubhinqileyo usondelayo' Yafika yathi ngcu le nqwelo kwaba sekucelwa abafana abangoyikiyo ukuba bakhwele behlele emlanjeni ukuya kuncedisa ekufuneni izidumbu.  Bakhwela abafana abaziititshala nabelali bekhokelwe ngumfana wakwaCekwane owayengumhloli wezikolo.

"Bakufika eludadeni bakhangela besihlisa umlambo bada baya kuma ngeziziba zaseGcuwa.  Bathi badibana nezigodo zemithi, imizimba yezilwanyana, iinkomo, iihagu neegusha.  Bamane bezichola nganye izidumbu zabantu zixhomeke emithini, ezinye zitshone entlabathini.  Bekuye ngamanye amaxesha kufuneke omnye kubo ebotshelelwe esinqeni athotywe ngehelikopta aye kubophelela isidumbu.  Yaba nguloo mbono ulusizi ukulengwa esibhakabhakeni kwezidumbu zabantu ezazihlutywe zaze ngamanzi.  Ndivakele ndisithi noko sisohlwayo esibi esi kwaba bantwana babantu de ngathi bafe besenza isikizi nenyala.  Zathathwa zonke ezo zidumbu zakufumaneka zathunyelwa emkhenkceni edolophini.
"Umoya wonxunguphalo, ulothuko nokhamnqo washiyeka usisizungu kwezo lali zaseBawa nakuMqambeli, abantu bezibuza imibuzo engenampendulo.  Kwathuthuzelwa kuthuthuzelwe kwizizalwane nezalamane zabafi.  Abanye kwaba bantu yayiziititshalakazi, abanye ingoomama bamakhaya ngamakhaya abebeye kufunela iintsatshana zabo umfunzelo bezishiya zonwabile emakhaya ukumka kwabo.
"Ngosuku lomngcwabo olwalutyunjwe yikomiti eququzelela le nyhikityha, zafika iibhokisi zabafi ezisixhenxe ziziswe ziinqwelo zomfo waseMazangweni ongumngcwabi owaziwayo kule dolophu.  Inqwelo nganye yayithwele isidumbu sayo.  Zafika zathi thantalala entilini ekufutshane neblorho le kwakumke kuyo isithuthi.  Kaloku isigqibo saba sesokuba aba bantu baza kungcwatywa phezu komlambo lo njengoko bekusakuba njalo ntlandlolo mhla kwenzeke isiganeko esifana nesi.  Umntu omke namanzi wayengcwatywa ngasemlanjeni.

58

Ayesele ekho amangcwaba agrunjwe ngugandaganda.  Esinye isithathu sabafi sangcwatyelwa emakhaya.
"Abantu baphuma bayimiqodi ukuza phezu kwalo mlambo apho kwakumiswe udwadwane lwentente enkulu.  Zadweliswa ngokwamagama abantu iibhokisi, inye kuzo inomnqamlezo wayo obhalwe igama lomfi lowo.  Abafelwa bahlala kufutshane nezi bhokisi, kwibhokisi nganye kusondele isizalwane somfi.
"Zathetha izithethi zagongqoka iinkaba zibalula unxunguphalo nokhamnqo lwesizwe saseGcuwa ngakumbi inqila yamaZizi le lali ephantsi kwayo.  Inkosi yamaZizi ugqirha Bikitsha yayikho ngokwayo idibene nabasebuRhulumenteni baseTranskei.  Izithethi zawuthuthuzela umzi waseBawa, owakumqambeli nowakuMthintsilana apho abafi babesuka khona, zibethelela into yokuba isenzo esinje yintando kaThixo.  'Nakwezinye izizwe ikho im- ihlola enje mzi waseBawa nani bantu balahlekelweyo,' igqibele ngokutsho inkosi yamaZizi, umfo wakwaDlamini.  Yathuthuzela yatsho kwavokotheka ngakumbi kwezo ntsapho zilahlekelwe ngabantu abasuka mzini mnye.
"Emva koko zathatyathwa iibhokisi zasiwa emangcwabeni zagqutyelelwa emveni kokuba kwenziwe imithananango yenkonzo yobuKristu.  Kwalile xa kuqala ukugqutyelelwa eyokugqibela kwawa izandyondyo zemvula enkulukazi okusisimanga.  Kwanyanzeleka ukuba abantu babaleke ukuya ententeni abanye ezimotweni.  Uvakele omnye esithi,'Madoda sikhulu esi silo sikulo mlambo sibize aba bantu.  Ndijongile nje ingathi siseza kuzala omnye ugilikanqo.'Utsho lo mfo evuthulula amanzi.  Emva komngcwabo kwafuneka iimoto ezazilapho zithuthe abantu kuba yayingani, yayisiwa amaxhegwazana.  Nam ndithathe esam isikotokoto ndagoduka."
"Heyi Bhut'Mpahleni, eli bali ulibalisayo lilusizi kakhulu.  Liyandikhathaza kuba kufe abantu bengenasono.  Khawufan' ucinge xa ndinokuthi ndiziyele edolophini ndizibone sendikwelemimoya, umzimba wam ulengwa ze esibhakabhakeni ngathi ndenze ihlazo.  Khawundichazele unobangela wale nto.  Bekutheni ukuze umqhubi angene emanzini umlambo uzele?  Ebengawaboni amanzi?" uyibuze le mibuzo uGeorgina ekhathazekile.
"Andinabucalucalu bale ngcombolo, Georgina, kuba kwavakala iintetha ngeentetha.  Abanye bathi umqhubi weza iblorho ibonakala amanzi engekafiki.  Kuthiwa kweli qela likhweleyo bakho abawabona esiza ngentla bathi umqhubi makeme waza akabeva wangena.  Wathi kanye xa asesizikithini seblorho afika amdudula.  Phaya esifihlweni kuthiwe xa kuchazwa unobangela wengozi, iveni ibise iwelile kodwa yabuya yacima xa iqala kanye ukushiya iblorho.  Iye yabuya umva yada yaza kuma esizikithini seblorho ilungiselela ukuqala okutsha.  Kulelo xesha kanye athe amanzi afika.
"Soqaphela ukuba lo mlambo unendawo ebugoso.  Amanzi aza ngentla awukhawulezi uwabone esekude.  Ubona selegalelekile.  Phofu ke ayizi kubasasinceda nto xa iyonke le nkcaza kuba elokufa alityeli.  Mna ndingathi ibiyintando kaThixo."
"Khawume bhuti ngeleCawa.  Mna ndikholelwa ekubeni uThixo akangeze enze into embi kangaka yokubulala abantu abaninzi kangaka bengenatyala.  Ingasuka kum ibe nguSathana umntu owaphelelwa sisazela.  Makhe sime ke ngokutyhola aba bantu babini.  Ndisafuna ukuqonda ngale blorho le yenziwe ngabantu ingenziwanga nguThixo okanye uSathana.  Uthi kanene iblorho le yagqunywa ngamanzi?"
"Ewe.
"Ingakanani?"
"Imfutshane kakhulu."
"Imfutshane?  Yayakhiwe nini?"
"lbali lale blorho linje: kulo mlambo kwakukade kungekho blorho yaza yakhiwa."
"Kwakunini ngoko?"
"Kungexesha likamaziphathe (Self Government) waseTranskei."
"Ngexesha nikhululekileyo?"
"Hayi, inkululeko ifike seyakhiwe."
"Kwakutheni ukuze yakhiwe ibe mfutshane?"
"Hayi ke andinakuyazi loo nto."
"Yayisakhiwa ngabantu belali?  Yinkampani yangasese?

NguRhulumente?"
"Yayakhiwe ngurhulumente, ukutsho oko isebe lezeendlela nemisebenzi (Roads and Works)."
"Ndivile.  Ndithatha ukuba aba bantu babesakha le blorho nababethunywe nguRhulumente babebadala benengqondo bekwamele isizwe.  Uthetha ukuba babengayiboni into yokuba iblorho emfutshane kangaka ingakhawuleza igqunywe ngamanzi kwakuzala kwenzakale abantu?  Babesenza into abayikhathaleleyo nokuba babesenza uphela-sonwabe?"
"Andingetsho Georgina.  Mhlawumbi neemali zokwakha iblorho yodidi ephakamileyo zazingekho ngaloo maxesha."
"Zaziye phi?  Andifuni nokuyiva oku loo nto.  Indenza umsindo uyithetha nje.  Ukuba iblorho yayisakhiwa ngurhulumente kumelwe ukuba yakhiwe kakuhle iphakame ukwenzela ukuba amanzi angaqabeli enzakalise abantu.  Ukuba loo nomgogwana worhulumente wamaphandle uthetha ngaye wayezimisele ukwenza uncedo ebantwini ngewayenze iblorho eyiyo.  Imali xa wayengenayo ngokwaneleyo ngewayeyitsale kuyise uVorster eMzantsi Afrika apho kwakugcinwe iibhiliyoni ngeebhiliyoni zeerhafu zoobawo."
"Ukuba akayifumani ... ?"
"Yima uyandiphazamisa.  Ndithi urhulumente nokuba selengokanomgogwana ohebukayo kumelwe ukuba imali yokwakha iblorho abe nayo.  Ukuba loo Rhulumente kaVorster waloo mihla wayengayikhuphi imali wayezenzisa kuba yena xa esakha iindlela neeblorho zaseMzantsi Afrika apho kuhlala abelungu wayezakha zibe nde ziqine ziphakame.  Nangoku akuzange ufane uve kusithiwa amanzi akha aqabela eblorhweni abulala abelungu nakweyiphi na indawo apho bahlala khona.  Zonke ezi blorho zimfutshane zikwiindawo zethu."
"Khawume MaNdlovu khe ndibuze lo mbuzo.  Uyaqonda phofu ukuba iimeko zokusebenza phantsi koRhulumente kamaziphathe zazinzima?  Kwakungekho mali yokulungiselela abantu zonke izinto ezaziziimfuno zabo."

"Wethu musa ukundifundekela ngaloo nto.  Ngubani owayethe apho eTranskei thathani uR hulumente kanomgogwana?  Naninyanzelwe ngabani?  Seningenamali nisakha amanyala eeblorho nje naniyithathelani into engacacanga?  Nanifuna ukumunca ithambo nicinga ukuba yinyama?  Uthetha ukuba akukho namnye umntu kuye wonke laa Rhulumente wenu 'blorho zimfutshane ziza kubuwakha wacinga into yokuba ezi lala abantu ngenye imini?"
"Hayi kaloku Georgina umntwana akaqali ngokuhamba

61

engekakhasi.  urhulumente waseTranskei wayeqala ngokwakha iiblorho ezimfutshane nje wayesenziwa kukungabi namali.  Wayeza kuthi akukhula afumane inkululeko abe nemali athi akuyifumana akhe yonke into ngendlela efanelekileyo."
"Bhut' Mpahleni uthetha ngathi uthetha nomntwana.  Ingqondo le yam uyayilinganisela.  Inkululeko aniyifumananga ngowe-1976 eTranskei?  Ezi blorho zikhe zakhiwa emveni kokuba niyifumene?  Andithi. laa blorho yaseCerhu isemfutshane unanamhla?  Zingaphi iiblorho ezimfutshane kule 'Transkei yayidume ngenkululeko?  Nani aniyiboni loo nto Bhut' Mpahleni kodwa iselalini kuni.  Nenzeni ngale mfundo yenu?  Niziinkokeli zokwenzani xa abantu baza kufa nijongile?"
"Hayi kaloku Georgina andikho burhulumenteni.  Kaloku ndiyititshala umthetho wam."
"Uyabona, ukuba ubungemdala uhloniphekile, ngendisithi uthetha ububhanxa.  Koko andizi kutsho kuba ungumntu endimthandayo nendimhloniphileyo.  Mna into endiyibonayo apha kuwe kukuba utye amanqatha amdaka karhulumente wamaphandle.  Ngoku uzilibele izinto ezidla isizwe.  Uphikele ukuthelela lo nomgogwana wenu."
"Kuleyo ke nawe uhluthi loo manqatha amdaka kuba usuka kwiphandle laseCiskei elingahlukanga kuyaphi kweli laseTranskei.  Apha eMzantsi Afrika ufike izolo.  Nalapha usafana nokuba useseCiskei kuba uphantsi kwesebe lemfundo yocalucalulo.  Isisu sakho asikadibani namanqatha amhlophe okwakalokunje.  Sigqulela amdaka odwa."
Kweso sithuba ziye zahleka ezi titshala bezilapha egumbini lazo, zimbi kuzo ziyeke nokusebenza zimamele le ngxoxo kaMpahleni noGeorgina.  UGeorgina akakhange ahleke kwanto koko usuke wambakraza ucango wakhwitshila ukubheka eklasini ethe qhiwu loo ntloko yakhe.  Kaloku uGeorgina ngunongqwaza owaziwayo kwaye ke xa iphuku selimngene akanqandwa mntu.  Ndiyabasizela nabo bantwana wayeza kubafundisa ngaloo period yakhe.
Emveni koko kushiyeke kuvuka ingxoxo enkulu ezititshaleni abanye bengqinela uGeorgina kugxekwa ooRhulumente bamaPhandle xa bebonke.  Abanye babebathethelela ngelithi zikhona izinto ezintle abazenzayo nangona zazikhona iziphene kwi-

62

nkqubo yabo.  Uninzi lwabantu lwakhuphuka entlalweni yalo luncedwa yimithetho yoorhulumente bamaphandle eyayilungiselela abantu.  Kwakungekho lucalucalulo.  Ingxoxo ipheliswe kukubetha kwentsimbi yokuba kuyiwe eziklasini emva kweli khefu leti.








63

Umaqandeni

Ngenye imini kwabakho ikhonsathi yomculo eququzelelwa nguOld Mutual apho kwakukhuphisana ikwayala zabantu abadala kule ngingqi yebhoda ukuqala eBhayi-'Tinarha ukuya kuma ngeMonti.  Olu khuphiswano lwalusenzelwa kwiholo yesixeko saseMonti.
Kwakuzele ziikwayala ezaziindidi-mbini, ezikwaStandard nezikwaLarge.  Kwakuchonga okanye kujaja iingcungela zodwa kwezomculo.  Kwakukho iprofesa kwezomculo eyayisuka kwiYunivesithi yaseFort Hare.  Kwakukho nenenekazi elaliphuma kwisebe lemfundo leMpuma-Koloni kwingingqi yaseTranskei kweli cala lomculo, kwaza kwakho nengcungela yomfo oligcisa kakhulu ekuqeqesheni nasekubhexesheni ikwayala, noxelenga eBhayi.  Aba mpondo-zihlanjiwe baqala ukusebenzana nesi sihomo ngentsimbi yethoba kusasa.
Imini le yayizinyaswe ziindwendwe ezisuka kulo lonke eli laseMpuma-Koloni kwada kwakho nabaserhawutini ababeze kulolonga ubugcisa nobuchuphathi bamaqela eemvumi zeli.  Kaloku babelungiselela ukuze bakwazi ukuthatha amanqaku zebakwazi ukuzibetha ikwayala zeli cala mini kukho ukhuphiswano lukazwelonke.
Imini le kwakhona yayithanda ukubanda, ikwanayo nemvulana emana ukuthi waxa ibuye iyeke.  Kwakusasa zazala izitalato ezirhangqe iholo yedolophu ziimoto neebhasi zada ezinye zazinyanzela phambi kweholo le.  Abantu bamana ukuphokoka kwezi moto baze kungxanga phambi komnyango. Abaququzeleli bamana ukungenisa abantu emveni kokuba bebathengisele amatikiti.  Kodwa ngokuye kufika iindimbane ezasezingxamele ukuphulaphula umculo ophuma kwezo zikhwakhwa zeekwayala zaziwayo ezinjengeeMathews Singers, East London Serenade, Zwelitsha Adult Choir, njalo njalo, kuye kwafuna ukuba ngumbhodamo ongafuni kulawuleka.
Kuye kwenzeka isiganekwana sokuphela kwamatikiti okungena.  Bange bayalinda abantu xeshikweni kwakusithiwa

64

aye kuphuthunywa kwenye indawo.  Mawo!!  Basuka badudulana abantu bangena benguloo mndilili ungabhatalanga bagcwalisa iholo akwabikho nendawo yokunyathela.
Phakathi kwaba bantu badudulayo nabo badudulwayo kwakukho noMpahleni owayehamba nenkosikazi yakhe umamJwarha.  Njengoko babetyhalwa baphawula ukuba phambi kwabo kukho umva womntu abamqhelileyo abathe bawunakana njengokaMateyisi, umhlobo kaMpahleni wakudala.  Nalo ke igeza elinguMpahleni limntlonda limbamba apha entloko ngemva macala omabini lingamvumeli ukuba ajonge ngemva.  Uthi xa eqala ukunyeka aziqinise zozibini izandla uMpahleni angakwazi ukunyeka ngemva omnye.  Ngelo xesha ke bonke bayadudulwa, akukho kuma.
Ube ngafuna ukubhekabheka uMateyisi ethe fixi efuna ukuqonda ukuba ngubani na lo,umqhela kakubi ngokumphatha entloko, akafumana thuba ngenxa yokutyhalwa ngumsinga wabantu.  Nako enxanxaza ethukisela engenandlela yakulwa.  Uthe bakungena eholweni waguquka efuna ukufundisa isifundo lo mntu ugeza kangaka nomdelela ngokokude ambambe entloko.  Kaloku akukho nto icatshukelwa ngumntu oyindoda ngaphezu kokubanjwa okanye ukuphathwa entloko.  Uthe akuguquka wafika inguMpahleni engayihleki ephelile, iinyembezi zisihla ngezidlele.
Hi mani, wenzani, ngubani lo umbamba entloko ngolu hlobo?" wabuza uMateyisi ejalile.
"Uze kufuna ntoni apha xhegondini lesikhotsholo elize kuphephezelisa intshebe phakathi kwabantwana?  Njengokuba neli qamfana lakho lesisu liza kuputyuzwa ezikhonsathini zabantwana kukucikidwa nje, uza kuthini xa ugabhela abantu apha?  Tshotsho bakutyhilize uze kuqabuka uthanda ukuhamba kangaka nje.  Uvukuza ngentseni usuka ngapha kweza ndawo zakuGatyana uleqa ikhonsathi eMonti ungumntwana kakade?  Khona iMonti uyazela phi ungumxhaka nje?" wabuza uMpahleni ephelile.
"Hayi kodwa usile bonanje Mpahleni, uyazazi?  Ifuna wena into yokuza kwam apha?  Uzilibele ukuba nawe ugugile?  Into esahleliyo apha kuwe kukusa.  Kakade wena uze kufuna ntoni apha?  Uyawaze kutyebisa amehlo kolu khosazana?"
"Ukhosazana lwantoni?  Yintoni loo nto kum?  Akwazi ukuba

65

ndasindiswa?  iti wanesihlonipho khona namhlanje kuba ucinga ukuba le nkosikazi yakho ayizazi ezo zinto.  Yho!  Uza kuphutshuluka umsila wona.  Into ebhetele yicele ukuba ikuvumele uze kuhlala nam kuba iza kukubhaqa xa uvuza amathe ubona iidiliya zijinga.  Ndim ke umntu okwaziyo ukukulawula.  Anditsho?"
"Tsi!  Andiyazi nento ebendize kuyenza apha.  Ukuba bendisazi ukuba ndiza kudibana nawe use kangaka ngendingezanga apha."
"Ungade ungezi wena uzithanda kangaka iziyunguma?  Kukho umntu onokusuka ngapha kulaa miqengqelezi yaseVovayisi ehamba ekhwela iidonki, ehamba elala, eleqa ikhonsathi eMonti kanti akathandi ziyunguma?  Inkomo ingazala umntu.  Masifune indawo mfo kabawo sihlale kunye ndize kukugada.  Akunachance yokufisha namhlanje tu.  Uza kujonga iqonga lodwa qha.  Emacaleni soze uthi tshawu nakanye."
"Mpfim!  Uzenza bhetele ngam kuba ubona aba bafazi.  Ukuba bebekwazi."
Ziye zatsholoza ikwayala eqongeni zikhuphisana ngamazwi acwengileyo.  Asithethi ke ngemiwunduzo ebukekayo nebiziindidi ngeendidi.  Kube sisaqhwabe kumndilili wabaphulaphuli kunconywa apho kuvokothekayo, kugxekwa apho kungatsitsi nto.  La madoda athe ngokuya umdla usihla apha kukhuphiswano aqala avula incoko yawo.
"Hi, Parcels, kakade nihleli njani kule Monti naba baMhlophe?  Abazange baniphathe kakubi ukufika kwenu apha?"
"Hi, mfondini, yiyeke loo nto.  Sakha saphatheka kakubi ukufika kwethu apha isithuba seenyanga ezintandathu, nangona loo nto yaphela seyiyinto esiyihlekayo."
"Njani?  Kwenzeka ntoni?"
"Ngexesha lokufika kwethu saqaphela ukuba akukho mmelwane wabantu abamhlophe owakha wazinika ithuba lokuza kusibona nanjengabantu abafikayo esixekweni.  Abo bakufutshane nabo bagqithayo babesuka basijonge nje bambi bangabulisi, bambi bafane bayenze ke loo nkwalambisa xa uthe nawe wazidina wambulisa umntu kuqala.  Abanye kubo babengabonakalisi mdla nangona yabakho loo mbinana yayikhangeleka ngathi ingasondela.  Kodwa ke abona belungu sasingabathembanga mpela ngabo kuthiwa ziiright wingers

66

na baphandle ekungamfuniyo umntu omnyama ecaleni kwabo."
"Ucinga ngamaqela anjengeC.P, A.WB., B.B.B., RB.K.G., Wit Kommando, Wit Wolve nentlaninge yabamhlophe abangazibandakanyanga nabangasekunene nangona becinga ngokufanayo?"
"Ikakhulu ndibhekisa kwabo babengafuni ukuba laa mthetho kuthiwa yiGroup Areas Act mawuguzulwe kuba bexhalele ukuhlala kunye nabantu abamnyama.  Nkqu norhulumente wabamhlophe owayekhokelwe ngumnu.  F.W de Kerk wayerhuqa iinyawo xa kufuneke eguzule lo mthetho."
"Unabo ubungqina bale nto?" ubuzile uMateyisi elungisa ukuhlala.

"Ndiyikhumbula kakuhle loo nto kangangokuba ngexesha lereferendum yowe-1992 eyayiphakathi kwabamhlophe bodwa abantu abaninzi babenqwenela ukuba kuphumelele iqela lamanashinali (Nationalist Party) endaweni yokuba kuphumelele iconservative Party.  Kaloku yona yayingayifihli into yokuba ukuba kuphumelele yona soze iwususe lo mthetho.  Endaweni yoko ingasuka iqinise ityathanga nakweminye imithetho engathi ingakhulula abantu.
"Kwakhona kuthe kwakwehla isiganeko sokudutyulwa kubulawe uChris Hani nguJanus Walus owayelilunga leA.W.B. nesokungena komkhosi weA.W.B. ukroboze iingcango eWorld Trade Centre apho kwakuxoxwa ngekamva loMzantsi Afrika, saziva noko sisoyika.  Enye indawo aba bafo basekunene banentlondi embi ngakumbi xa uthe waza kuhlala phakathi kwabo.  Awukhumbuli eBoksburg ngomnye unyaka mhla um-Indiya othile wayethenge indlu kumhlaba ekwakusithiwa uvulelekile, waza waphatheka kakubi?  Wathi ukuba ayithenge asuka amabhulu eRight Wing amtshutshisela ukuba abhace.
"Ayingcolisa indlu ngepeyinti ebhala zonke izithuko zobuhlanga anazo esenza nemibhalo yentlamba.  Akroboza iifestile neengcango zendlu abeka nemigqomo ngaphandle kwendlu ukwenza ukuba umniniyo angangeni kuba esithi lo mhlaba ngowabamhlophe.  Wazisindisa ngokusuka emke nentsapho yakhe wayincama loo ndlu ngoku kanye seleyibhatele.  Akuzikhumbuli iziganeko zokungavunyelwa kwabantwana abaMnyama eKapa, ePotgietersrus, Pietersburg nezinye iindawo?

67


Xa zizonke ezi zinto zenza ukuba kungabi lula ukuzinza. Kwelethu icala noko kwenzeka iziganekwana ezasixhalabisayo nangona zazizincinci." "Kwenzeka ntoni?"
"Sathi sigqibe iveki nje sifikile, suka kwakho umkhwa wokugityiselwa kwamaqanda eludongeni 
lwendlu yethu rhoqo ngorhatya. Eyona nto yayindicaphukisa ngaphezulu mna kukuba le ndlu sasisandula 
ukuyiqaba ngepeyinti nanjengoko sasiyifumene noko seyithanda ukuxweba'
"Ayegityiselwa ngubani la maqanda?"	0
"Hi mfondini, siza kwazi njani? Sifika qho xa besingekho ibubutyadidi bomthubi wamaqanda abolileyo uhlisa iindonga kungamagobhoza nje phantsi. Inkosikazi yakuthi nabantwana
babehlelele ukucoca nokuhlamba obu butyadidi mihla le. Khawucinge ke nawe indlu ebisandula ukuqatywa. Saba ngagada asabona mntu. Ndikhumbula ukuba mna ngokwam ndandidla ngokuphatha umpu wam nemvubu yam ndixhwarhe emnyameni ndizimisele ukuba lowo ndimbambe esenza le nto ndiza kumfundisa isifundo angasokuze asilibale. Usapho lwakuthi lwaluselumbiza ngokuba ngumaqandeni lo mntu wenza le ntlondi. Isikrokro sethu sasikula makhwenkwe amhlophe ayedla ngokwenza isigqubu apha esitalatweni.
Kodwa isimanga sesokuba asizange side siwabone."
"Anizange niwaxelele amapolisa ngale nto?"
"Sawaxelela. Ajikeleza nje kambalwa abuya anyamalala. Kwakuba kubi ngakumbi xa sithe sahamba sabuya sekurhatyele. Sasifika ngamanye amaxesha kude kwagityiselwa namagade phezu kwamaqanda neetumato ezibolileyo."
"Njengoko ningabakhonzi nihamba enkonzweni yabaMhlophe, kwakutheni ukuze le nto ningayixeleli amagosa
ukuze wona ayithethe? Mhlawumbi abanye baba bantu babehamba kule cawa nanihamba kuyo."
"Nangona icawa esasingena kuyo ukufika kwethu yayiyile yabamhlophe neyayikufutshane nathi sabuya sasijika isigqibo sethu sayishiya ngokubonakala ukuba injongo yokuya kwethu kule cawa ayifezekiswa.
Mhlawumbi ke nokuba sasiyithethile le ngxaki kwakungekho nto iza kwenziwa. Thina sasijonge
ukuya kufumana ilizwi lenkosi kuphela kodwa endaweni yoko sabona sesidibana nenyoka iphunga umhluzi."

68


"Kwenzekani?"
"Sathi kwakwicawa yokuqala ukufika kwethu sajongwa ngumntu wonke kuba kwakukuphela kwentsapho emnyama eyayihamba apha.  Saziva ngathi asamkelekanga apho.  Njengoko safika saxubana nabamhlophe yathi iphela icawa yesithathu saba sesihlala sodwa kule ndawo inye sasidla ngokufikela kuyo.  Bonke aba bantu babehlala ecaleni kwethu basuka baya kuzifunela ezinye iindawo.
"Ikho yona le mini yabangela ukuba senze isigqibo sokuba asisobe siphinde silubeke unyawo ecaweni yabo.  Siyaqonda ukuba basibhunga.  Ngale mini kwakushumayela umfo owazibiza ngokuba nguRudolph.  Wazixela lo mfo ukuba yena ulilungu leIsrael Vision Church yalapha eMzantsi Afrika.  Apha wayemenyelwe ukuba aze kushuma ela.  Wathi kwintshumayelo yakhe wachaphazela ukuba ngabamhlophe bodwa abanokuya ezulwini kuba bona bangumlibo wabo bantu 'bakhethiweyo'- (the chosen race) abangamaSirayeli.  Wabalisa ukuba amalungu amabini eA.W.B. nathi abanjelwa ukubulala abantu abamnyama abasixhenxe athi xa abuzwa enkundleni yamatyala ukuba anetyala na nokuba akanalo athi akanatyala.
"Omnye wabo ekwakusithiwa nguPiet wathi xa abuzwa isizathu sokubulala wathi,'Bonke abo bantu bangengomasirayeli abadalwanga nguThixo koko badalwe nguSathana.  Abantu abamnyama ngabantu abafana nabantu ingengabo phofu.  Yiyo le nto ingelotyala ukubulala bona.'
"Ukususela loo mini sahamba icawa yaseRhabe eMdantsane phakathi kwabantu bethu.  Kumhla sayazi into esiyiyela ecaweni."

"Olu luvo lukaRudolph naluthatha njengoluvo lwabantu bonke ababehamba kule cawa?"
"Andingetsho kodwa ke samangaliswa kukuyekwa komntu athethe izinto ezibhentsisa ubuhlanga nocalucalulo epulpithini kaThixo.  Asizange siqiniseke nokuba lo mfo wayethunyiwe ukuba asigxothe ngeli cebo.  Nangona uninzi lwabamhlophe selulubona ucalucalulo njengesono nento embi ebanga iintloni phakathi kwesizwe, kodwa lisekho igcuntswana lamaphambana asacinga ngalaa ndlela indala yooVerwoerd."
"Azikho ezinye iziganeko enakha nadibana nazo ngaphandle kwezi?"

69

"Zikhona kodwa noko azingako.  Ngenye imini ndakhe ndathi ndivela edolophini ngemoto ndadibana nemoto ethile iqhutywa ngumfo omhlophe oseligatyana nekubonakala ukuba unxilile okanye ke zimshiyile.  Yasuka le moto yema phambi kwam njengokuba ndihamba nje.  Zange mna ndime koko ndayigqitha.  Yaphinda yabaleka yajikela ngaphambili.  Yabakho indawo ethi fixi ngumsindo kuba le ntwana yayindigezela.  Ndakhumbula ukuba kanene imvubu yam ndiyishiye ekhaya.  Nompu wam wawungekho.
"Samana sisenza le nto nalo mfo de ndasondela ngasekhaya.  Musa ukucinga ukuba uthule.  Uyathetha, uyathukisela, ubhenguza nezandla koko andiziva kakuhle ezi zithuko zakhe.  Ndase ndizamela ukuphephisa imoto yam kule mpambano kuba eyam yayikumgangatho obhetele kakhulu kuneli'gxoks' wayeliqhuba.  Wabona ndingena kule ngingqi yaseBeacon Bay.  Naye walandela wangena endingazi nokuba wayesiza apha na. Ndathi xa ndifika ekhaya ndakhwaza omnye woonyana bam ukuba makeze nemvubu yam.
'Yintoni tata kwehleni?'
"'Ndigezelwa ngulo mfo nimbonayo.  Andiyazi kanye eyona nto ayifunayo.  Uyandithuka kwaye undiqhiwulela ndizihambela.'
Uthini?  Yho!  Nanku umntu edlala ngomqa kulanjwa.  Sizwe!  Sizwe!  Phuma nentonga yakho mfo kabawo!'ikhwaze yatsho le ntwana.  Athe ukuba athi thu la makhwenkwe egaba enye iphethe intonga enye iphethe imvubu, ndabona 
ngokusuka kakubi kwale moto, seyijika ingxamile.  USizwe undithe hlasi wandisusa emva kwevili wayithatha ngokwakhe imoto.  Hayi ke kukhale amavili ukubaleka emva kwemoto yeli nxila.
"Ibe seso sithonga sokubetha kwamavili etheni iimoto zileqana ukubheka ngasedolophini.  Kuthe cwaka isithuba semizuzu eli-15 yabuya-yavela le yakuthi.  Bathi abafo bam libaleke laya kutshona edolophini, phinye phinye ukuzimela, balikhangela balincama.  Babengacaphuki ngako oonyana bam.  Sekwanceda nje ukuba bankalifumani.  Mhlawumbi ngekwathethwa enye into."
"UMaqandeni yena waphelela phi?"wabuza uMateyisi kubonakala ukuba uchazekile zezi ziganeko.

70
"Ngenye imva-kwemini ndathi ndifika ndivela Phesheya kwenciba ndabona inkosikazi nabantwana benxubile kubonakala ukuba ikho le nto ibaphazamisileyo.  Kwathi kanti yile nkunzi'uyibuzayo."
"Ehawutsho."
"Ndafika icala lendlu lilila umthubi wamaqanda.  Wawusahamba ukuhla into ebonakalisa ukuba wayesandula ukudlula apha umfo omkhulu.
" 'Heke ukholisile ufike tata.  UMaqandeni usuka apha ngoku.  Ngoku ndiphuma endlwini ndibizwa nguMaGcwanini lo uncedisa apha endlwini efuna ukundibonisa lo mbono.  Ndithe ndakuthi phala phala ngamehlo ndabona kusithi tshe umthinzi ongena apha kummelwane.  Lo mntu wenza le nto uphaya khona.  Masiye khona ngoku.  Sukuba sangena endlwini.  Namhlanje kuza kwaziwana.' Hayi ke ndiye ndamelwa yingqondo akuthetha ngolu hlobo uMamJwarha
kuba kaloku bendisafika, andinabungqina ndinabo.  Ndiye ndabuza:
"'Uqinisekile ngale nto uyithethayo?'Ndabuza ndothukile nengqondo yam igabangxekile.
'Hi wethu SekaTamara uthetha ukuthini ukuthi ndiqi nisekile na?  Akuva ukuba ndithi ndibone umthinzi usithi tshe ulakatyula kubonakala ukuba ubalekela ukungabonwa? Akuboni ukuba laa mntu usuka apha kwammelwane?  Ukuba uyoyika ndixelele ndiziyele ngokwam. Ndidiniwe mna kukusoloko ndigutyula umthubi wamaqanda aphikele kukugityiselwa ngabom ngumntu osileyo.  Andoyiki mntu mna ngale yam indlu.'
"Nako ke ndintotholozela ndilandela emva kwemazi yam eyayiseyinkqenkqeza phambili ifutha okwerhamba seyingakhathalele nezo zinja zommelwane.  Ixhala lam kukuba uMamJwarha lo uza kufika ayinyophe, ayinyove, ayipotye engacwangcisanga kuthetha, ndiyamazi.  Ndikhawuleze ndangena ikhonsathi.'E, Jwarha, uze uyekele kum yonke into sakufika phaya.'Yandithi xexebu nje le mazi ngeliso elibonakalisa ukuba liyandidelela'kuba kaloku mna bendiphole okwamanz'endonga eli xa yona ibikwiqondo eliphezulu lokubila.
"Siye sangena sakube sinkqonkqozile.  Thwasu ukuphakama

71

indoda nenkosikazi bebonakalisa imbeko yokusamkela.  Obungakanani bona ububele.  Sahlaliswa kwezitofotofo kwasondezwa neembawula (heater).  Ithe indoda xa ibuza impilo wabe umfazi engena ekhitshini ecofa amaqhosha ekhitshi lakhe.  Ngesithutyana kweza eshushu nemkhuma ikofu ekhatshwa ngamaqebengwana.  Kwahlaliwa phantsi kwaqevwa iindaba, ukuqala kwezasemonti ukuphuma singene kwezobupolitika.  Akukho nento ebonakalisa isazela kwaba bantu.  Into esayiphawulayo kukuba babevuya ukukhe bahanjelwe ngabamelwane babo.  Ndathi ndakumthi tshawu ngekona yeliso umamJwarha ndabona ukuba ubhidekile.
"Ukuphela kwekofu indoda iphakame yaya efrijini yakhupha iziselo zamadoda - iindidi ngeendidi yabuza endisithandayo sabe sesibetha.  Ngelo xesha nanko umfazi wayo ethe chu imazi yam ukuyingenisa emagumbini ukuyibonisa ekhoyo nengekhoyo.  Kuthe xa sekuphele imizuzu eli-15 sekukudala sifunxa, ndaqalisa ukutyhila inqontsonqa yomcimbi esiwuhambele kulo mzi wakwaVan Wyk.
"'Hi Mmelwane, sinento esoloko isikhathaza apha oko safika apha ekuhlaleni.  Sesifuna ukugqiba iinyanga ezintandathu iqhubeka le nto.'
 'Yintoni leyo?'
 'Ngumntu okanye abantu abaphikele ukugibisela amaqanda apha eludongeni lwendlu yethu ngaphandle.  Amanye ala maqanda abolile kwaye anomthubi onuka kakubi nosuka
nzima
"'Ungandixeleli ngesimanga samaqanda agityiselwa endlwini yenu sakugqiba ukuba nengxaki enjalo oku kwethu Mmelwane.  Aba bagibisela kule yam indlu kudala bewagibisela.  Ngoku bagqithele eludakeni.  Njengoko sidla ngokuphuma phantse yonke imihla soloko sifikela kwinto enjalo.  Indlela esichekrwe ngayo Mmelwane ayithetheki.  ULydia osincedisayo udikwe yeyokosa.  Ungambuza ukuba uyafuna.  Kangangokuba ndijongile nje ufUna simbhatale ngalo msebenzi uthe chatha.'
"Kuthe xa kukweso sithuba sime nematha, singazi nokuba lo mfo uyasiqhatha na nokuba unyanisile ukuba naye unale ngxaki, suka yatsho intsimbi emnyango.  Ndilibala into ke mfo kamgolombane.  Ngeliya xesha ndifik'a ekhaya kuthethwa

72

ngale nto phandle, ndimvile uMaGcwanini encokola nomnye umfo obesihla ngendlela emxelela ngesi simanga sikamaqandeni. Ude ekuthetheni wayithetha into yokuba sikrokrela ummelwane lo wethu.  Uthe kanti lo mfo usebenza emzini wommelwane lo wethu.  Ndiyabona ke ukuba ufike wayincokolela umama okwancedisa kwakulo mzi akuwo, yayinto ethethwayo ke njengalo naliphi ibholo ... Masibuyele kwakummelwane wethu.
"Yakutsho intsimbi emnyango thwasu umaxwell (van Wyk), gqi inkosikazi emhlophe ihamba nentwazana ekwisithuba seminyaka elithoba ...
"'Maxwell, kukho into endisandula kuyiva ngoku.  UEmily, usisi osincedisayo phaya endlwini, ubalisa ukuba phaya egumbini lakhe kusandula ukufika uRichard umsebenzi-gadini kamnu.  Van der Merwe, ummelwane lo wakho ungezantsi kwakho.  Uthi uRichard lo ugqithe ngendlela kammelwane wakho lo ungentla kwakho ulusapho olungabantu abamnyama abasandula ukungena apha phakathi kwethu.
" Uxelelwe ngumncedisikazi wabo ukuba banesihelegu sokugityselwa kwendlu yabo ngamaqanda rhoqo.  Uthi bathi bakrokrela nina bamelwane babo.  Kangangokuba bathi babone umntu ongena apha kwakho ...'
"Uthe ukuba atsho lo mama ndaziva ndinendawo exuxuzela amathumbu.  Ndakuthi krwaqu kuMamJwarha ndafika eyebeyebeza ngathi yinja le ibe amaqanda.  Ndandiziqonda kakuhle ukuba ndiza kukhanyela ndime ngobhontsi kule ndawo yesikrokrelo ndingakhange ndithi ndikrokrela mntu nje.  Uthe xa aqala ukujonga kum umaxwell elindele ukuba ndiphendule yaqhuba le nkosikazi:
"'Hayi Maxwell, apha ndize kulungisa loo nto.  Andifuni kunibona niphaxulana naba bamelwane benu.  Ngabo aba?'Watsho ejonga kuthi.
"'Ewe ngabo.  Bebeze kuthetha kanye into elolo hlobo "'Akukho nto uyenzileyo.  Inyaniso yile yokuba abona benzi ntlondi ngaba,'watsho ekhomba kule ntwazana ahamba nayo.  Xhungu ukothuka komntu wonke satsho sonke sayijonga le ntwazana eyayise iyinyhididi kukulila, ingxengxeza.  Ndikhawuleze ndabuza kuyo ukuba yinyani na le nto ithethwa ngulo mama?  Iye yavuma.  Ndabuza bufudumala ukuba ibiyenzelani na le nto?  Iphendule ngokulila icela uxolo.
73

"Sibuzile ukuba iwenza yodwa na lo mkhuba.  Ubuzile unina wayo ukuba singaba bantu bagityiselelwa indlu ngamaqanda na. Sivumile ukuba sithi nangona singakhange sithi sikrokrela bani.  Intombazana ithe bangabantwana abathathu, amantombazana amabini nenkwenkwe.  Unina uqhubile ecacisa:
"'Ngolu rhatya uSusan (le ntwazana) ubhaqwe nguEmily ngokwakhe ephethe amaqanda wathi akumbuza wathi uya kudlala ngawo.  Uthe akumncina wayichaza inyani wabe seleqondisa kum ukuba la maqanda ndihlala ndiwakhalazela ukuphela kwawo msinyane akatyiwa nguye koko amoshwa ngususan.  Nam ndimncinile wathetha inyani wandixelela ukuba bawagibisela ezindlwini.'Ubuzile umaxwell ukuba nale yakhe bakha bayigibisela na, wavuma ususan.
" 'Nayiqala nini le nto?' ndibuye ndabuza ndithe fixi noumsindo ndanga ndingayishwabanisa le ntwazana ngempama.  Andithethi ngoMamJwarha.  Wayemana esuka amadlu nendulumbane.
"'Saqala kwisithuba seenyanga ezintandathu ukususela ngoku,'yaphendula le ntwazana.
" 'Niyenzela ntoni le nto?'
"'Sukuba sidlala umdlalo wokhuphiswano.'
"'Lwantoni?'
"'Lokokuba nguwuphi na apha kuthi okwaziyo ukugibisela achane indawo enye ngamaqanda akhe engabonwanga.' "'Uwenza nabani lo mdlalo?'wabuza umaxwell.
" 'Siwenza noAnita noDickson namanye amakhwenkwe.  UDickson namanye amakhwenkwe bathi masithi xa sifika kulaa ndlu yabantu abamnyama sidlale umdlalo othi: Go away, Blackie, go far away.  Bebegibisela nathi sigibisele.'
"'You see that was very naughty,'kwatsho unina eyijamele.  'Anyway, Sir,'waguqukela kum, 'I want to assure you that we as parents are not party to this.  In fact we did not know anything about it.  I have decided that her punishment will be to go tomorrow morning to your house and clean iti.  I'll also talk
to the parents of the other culprits.'
"Nangona lo mama wasiqrnisekisa ngolu hlobo, igwele lokugezelwa ngabantwana ngolu hlobo lalibila ezintliziyweni zethu.  Sasingonelanga mpela kukusuka sithule nje ngokungathi akukho nto yenzekileyo sakugqiba ukungcungcutheka iinyanga ezintandathu kanti sigezelwa ngabantwana.  Ndandilinde nomaxwell ukuba naye abonakalise umsindo koko wathanda ukumamela le nto ithethwa yile nkosikazi.  Ndayijamela le ntwazana ndifuna ukuyirhwaphiliza.  Ndasuka ndathi, 'You dare throw eggs or rotten stuff on my house wall again and I'll kill you, you rotten little thing.'
"Kusasa kusuku olulandelayo sathi sivuka kwabe sekuphithizela eyadini ngabantwana nabantu abamhlophe.  Yayingabagibiseli kwakunye nooyise noonina.  Kwakuphethwe amabhakethi, imitshayelo neesepha.  Kwakulixhaphetshu kucocwa ndawo zonke.  Bakhawuleza abantu abadala babulisa babeleza sakuthi gqi, nto ke leyo sasingazange siyifumane kubo.  Ngelo xesha mna nenkosikazi sasinxibe ezi dyasi zamakhumsha zinxitywa kusasa emva kokuba umntu evukile.  Ndathi kuMamJwarha masifake izandla ezipokothini aze nogqitha ngendlela abone ukuba sinesipani esisiqeshileyo namhlanje.  "Nyani ke abantu abahamba ngendlela babesima babukele, andithethi iimoto zabamhlophe ezazidlula ngendlela.  Yayingumnqa kubo le nto.  Ndathi zekungabikho nomntwana wam oncedisayo.  Yayingabo bodwa kungekho nabancedisi babo.  "Ndaqonda nje ukuba abahambi bathi esi sikhulu singene apha kule ndlu sesi singawothiyo umlilo xa sinokuqesha abangaka bona abamhlophe.  Yaye ke sasingatyhafanga nosapho lwam.  Sasiphithizela phakathi kwabo simane sikhomba iindawana ezingathi zishiyelelwe, bakhawuleze batsibe ukuzihlamba."

'Lilonke Parcels, waphela loo mini umkhuba wokugityiselwa?"

'Nya emva koko, cwaka yonke into.  Ngoku sihleli ngoxolo nenzolo."

"Into ethetha ukuthi le nto yayingenanto nakwenza nezobupolitika?"

'Ndifuna ukutsho.  Kude kube leli langa akuzange kuphinde kubekho nto ikrokrisayo entlalweni yethu nabamelwane bethu abamhlophe.  Qha into esiyibona isenzeka ngoku kukusuka kufike abantu abamnyama abeze kusijoyina.  AbaMhlophe abazi bayathengisa bemke.  Loo nto ke ayisihluphi nganto kuba ke abagxothwa sithi."
"Mna ke Parcels, le nto ndiyibona ilusizi xa ndiyicingisisa.

75

Aba bantu bamhlophe basengxakini ngenxa yepolisi yocalucalulo abakhula bekhuselwe ngayo.  Abazange bayicinge into yokuba zingaze zifike iimini zokuba bazibone behleli nathi emveni kokuba sasithukwa iminyaka ngeminyaka singabenzanga nto ngaphandle nje kokuba sisuke samnyama bona bamhlophe.  Abo bafuna ukuhamba mabahambe kodwa liya kufika ixesha apho baya kwenza isigqibo sokuba bahlale nathi sibe ngabantu abanye abaya kwakha uMzantsi Afrika omnye ongenamkhethe."
ikhonsathi yaphuma emva kwemini kwagodukwa.
INGCACISO-MAGAMA
C. P.	Conservative Party
A.W.B.	Afrikaner Weerstandsbeweging
B.B.B.	Blanke' Bevrydingsbeweging
RB.K.G.	Pretoria Boerekommando Group








76

 Uphumle kamnandi

Ngomhla wama-30 kuJuni kowe-1990, igqala letitshala nomhloli weesekethe ezininzi zaseTranskei, umfo kaNombembe wenzelwa itheko lokuhlala phantsi ekhayeni lakhe.  Le nqeberhu yayizibeka phantsi iintonga zayo zokulwa edabini lemfundo emva kweminyaka engaphaya kwama-40 ifunda, ikwaxelenga phantsi kwesebe lemfundo.  Yaqala ngokufundisa kwizikolo ezincinci apha eTranskei yabuya yenziwa umhloli kwizithili ezinjengoomaTsomo, kwaBhaca, Gcuwa, Ngqamakhwe, njalo njalo.
Esi sihomo sokuvuyisana nayo senzelwa ekhayeni layo kwilali yaseCerhu eGcuwa.  Zakhawuleza zafika iindwendwe ngeminyobo yeemoto zazo baza abakufutshane kwiilali zaseCerhu, Bawa, Mpenduza, Mishini, Mthintsilana, Ndabakazi, njalo njalo, zeza ngeenyawo namahashe.  Umfo lo wayezihlinzeke ngenkomo neegusha eziliqela iindwendwe
zakhe.  Asithethi ke ngeento eziselwayo.
Wayezonyulele umfo kaCikili uMpahleni isifundiswa esaziwayo nesinamava ngasemfundweni ukuba abe sisithethi sembeko.  Lo mfo wamkhetha ngenxa yokuba wayengumntu ozalwa kwalapha eBawa, eGcuwa, emazi kangako ke ngoko.  Entloko kwintsimbi yeshumi elinanye, laqala itheko ngomthandazo neentethwana ezingenamsebenzi ezaziyingabula-zigcawu kwintetho eyayiza kwenziwa ngumnu.  Cikili.  Lathi lakufika ithuba lakhe emva kokuba ephakanyiswe ngomculo wenjenje:
"Ibiye ithi imbongi yakwaXhosa yomthonyama xa ijongene noxanduva lomgomo wokubonga ngesiganeko esikhulu kwaXhosa, isiganeko esinjengokukhapha umkhosi wamafanankosi xa usiya edabini ulindele ukoyisa okanye ukoyiswa; xa ubuya edabini uthwele indwe; xa kufuneka le mbongi ithethe nenkosi ngezinto ezithunuka umzi; xa kufuneka ithuthuzele umzi ngokubanzi ngamaxesha osizi, intlupheko nodandatheko, bekuye kufuneke kuqala ukuba icele ithongo

77

lokwazi, ithethe nezinyanya ukwenzela ukuba zikwazi ukuyikhapha, zihlahle indlela ukuze ikwazi ukuwakhetha amagama emayiwasebenzise khona ukuze kuthi xhokro emphefumlweni kumphulaphuli, kube chosi kube hele nakumanyange omzi.
"Yothi yakwenza eso sicelo itsho ikwazi ukwenza izagwelo, inqashe ngesabhokhwe solwimi itsho kuvokotheke kunge ayingehlali phantsi.  Anisazikhumbuli na mzi kaphalo izigigaba ezenzeka kwityala lamawele likaMqhayi mhla uDumisani imbongi yakomkhulu yayibonga, ichithachitha abantu emva kokuba indembelele uHintsa into ayichaza uMqhayi ngokuba:
'Ngujongwa-ntshiyini bath'uqumbile,
Inkunz'abayikhuz'ukuhlaba ingekahlabi.
Azi boze bathini na mhl'igwebayo'
"Yayisandula ukugweba ityala?  Nantso le mbongi isenza izabhengu itshila.  Ekuthi kunjalo suka ithi enye indoda ilinganisa itsho hele ngegqudu kwenye indoda, ibe ngunomji zibambane ziye kuphosana emahlahleni.  Uthi nomfazi obekhuphe ibele ngaphandle eza kuncancisa suka athi nkebe umlomo emamele, eve ngokutshiswa kwentlonze lilanga ukuba ibele lingaphandle nomntwana akakancanci uphulaphule olu ncuthu.
"Nam mawaba nani mawasakazi akuthi, kuthi xa ndiza kuphakamisa le ngqayi iphuphumayo yomfo kaNombembe, mandingasuki ndiyigxavule nje ndingenzanga mazwi asisimemelelo kwizinyanya khona ukuze ndikwazi ukuhamba nani ngokunifunqula ndiye kuniphosa apho lothi ithongo lakokwethu mandiphele khona.  Uthi uTyhali kumthunywa:
'Ndibhotisa kwishologu, ndibhotisa kwishologu; Ndibhotisa kwiminyanya, ndibhotisa kwizinyanya; Ndithi camagu, camagwini minyanya yakokwethu.  Ndithi makube chosi kube hele mishologu.
Ndithi makuded'ubumnyama kuvele ukhanyo.  Ndithi susani nisunduz'ithunzi lobumnyama.  'Tyhilani, nityhudise, nisityhilel'ukukhanya.  Tyhilani, nityhudise nisityhilel'indlela.
Xa kunje impeleko yenu siyiswel'okwelitye elinqabileyo:
Xa inje imeko sibeka nina ngaphambili.'
"Kaloku iindedeba nezihandiba zalapha ekhaya zibone ukuba mayibe ndim mna ncakasana owothi afunde le ncwadi yalo nyana kaStewart Nombembe xa ezibeka phantsi iintonga

78

esidla umhlala-phantsi.  Ndingubani ke mna ukuba ndingasuka ndithi umsebenzi ongaka omele amadoda aziindwalutho ndiwugxavule ndakugqiba ukuba yimveku?
"Namhlanje kuthiwa mandenze amazwi ngawe Nokhala, Maduna, Jiyane, Msuthu.  Kakade esi siduko sithi 'Msuthu' uyasazi?  Yiva ke Lawundini.  Ithi imbali abakwaThuse nabakwaMaduna babengabeSuthu ngaphambili abathi bachithakala emahlubini, baza bakhongozelwa ziinkosi bangeniswa emzini ngamaphakathi.  Enye ingxelo ngabo ithi abakwaMaduna nabakwaThuse ngamahlubi ngqo.  Bayinzala kaDlamini wangqangi owala ukuza esuthwini elalinomthimkhulu.  Wathi ufuna eyakhe indlu yesuthu.  Kwathi kusakwaliwa komkhulu wasele esimka eqabela eUndi waza walukela kwelo zwe esekusithiwa lelabesuthu ngoku.  Wazeka apho waza emva kwexesha elithile wabuya wawasingisa amabombo kwelakubo emzinyathi wafika selethukwa ngelithi: aba ngabeSuthu kuba bemka ekhayeni labo ngesuthu.
"UMnu.  Maqoma Nombembe yinzalelwane yeli lizwe ethe yakufumana imfundo yayo yasebenza kwalapha. Imfundo yayo iyifumene ngexesha lemfundo yabefundisi belizwi ababefike kweli lizwe ngexesha amaNgesi ayelawula.  Nangani imfundo yayiphantsi kwecandelo leCape Provincial Education, lwaluselukho ucalucalulo kuyo kuba wayeba ngafuna imfundo yobutitshala umntwana womntu omnyama kuthiwe makanikwe imfundo enesitampu esino'Native'.  Kuloko kwakukho amasebe ekuthiwa yinative Primary Lower nenative Primary
Higher Certificates.
"Ngezo mini abantu abanematriki babenqabile, ukuze nabo bayifumeneyo basebenze njengeetoliki eziofisini zoomantyi apho kwakuxoxwa amatyala abantu abamnyama.  Esi singesi sasifundelwa ukuze umntu omhlophe akwazi ukutolikelwa ngumntu omnyama.  Kwakugxininiswa ekufundeni (Reading), ekubhaleni (Writing), nasekubaleni (Arithmetic).  Yayingengako imfundo yezandla.  Eyobugcisa nobuchuphathi, neyobungcaphephe kwezenzulu-lwazi nezorhwebo yayingekho okanye ke singathi yayinkinkishwa.
"Ngezo mini wayesithi umntu ephuma nje esikolweni njengetitshala, abe selesenziwa ilungu lombutho weetitshala ekwakusithiwa yicape African Teachers'Association (Cata),

79

mbutho lowo owawunxityelelaniswe kwimibutho emibini ephambili eyayisilwela inkululeko, iall African Convention neAfrican National Congress.  Nangona icata le yayigudlana amagxalaba neA.A.C. neA.N.C., iinjongo zayo eziphambili yayikukwalusa inkqubela yomntwana ngokwasemfundweni.  Yayinemagazini yayo ebizwa ngokuba yiTeachers'Vision nesaci okanye isilogani sayo sasisithi 'A Nation without vision perishes'.
"Ukungena kweqela lamanashinali eburhulumenteni ngowe-1948, inkulumbuso yokuqala eyayingunozala wepolisi yocalucalulo ngokwebala lomntu yaba ngugqirha D.F. Malan.  Kwintetho yakhe xa wayefuna ukuvotelwa ngomhla wama-20 kutshaziimpuzi kowe-1948 wathetha la mazwi:
'I want to pose a question as to whether the European race in South Africa will in future succeed to maintain its rule, its purity and its civilisation.  Or will it float along until it vanishes for ever, without honour, in the Black Sea of South Africa's Non-European population?  The removal of segregation will mean that South Africa will sooner or later have to take its place among the half-caste nations of the world.'
"Yaba ke iqalile intshutshiso yabamhlophe eyazala ingcinezelo engummangaliso kubamnyama.  Kwathi kwakufikwa kwimfundo yabantu abamnyama kwabonakala ukuba makuthatyathwe naloo ntwana yayinikwe abantu ngamaNgesi.  Kaloku phantsi kwale mfundo yamangesi ayekho noko amadoda afunda ada ayityekeza.  Sinawo wona ada abalasela aqaqamba.  Lawo ziinto zooJabavu (Prof.  D.D.T. Jabavu), ooMathews (Prof Z.K. Mathews), oogqirha Dube, ooGqirhaA.B. Xuma, njalo njalo.  Kwathi kwakungena ugqirha H.F. Verwoerd njengomphathiswa wemfundo yabantu ngonyaka we-1953 zaqala zavakala izingqi zomfo owakhuliswa ngocalucalulo nokuthiya umntu omnyama.  Uthi ngenye imini epalamente ngowe-1953, ephethe umcimbi wemfundo:
'Native education should be formulated so as not to show Natives the green pastures of the Virhite society where they are not allowed to graze.  Wlien I have control over Native Education I will reform iti so that Natives will be taught from childhood that equality with Europeans is not for them.  There is no place for the Bantu in the European community

above the level of certain forms of labour.  I just want to remind the honourable members of Parliament that if the Native in South Africa is being taught to expect that he will lead his adult life under the policy of equal rights, he is making a big mistake.  The Native must not be subject to a school system which draws him away from his own community and misleads him by showing him the green pastures of European society in which he is not allowed to graze.'
"Kwathi kwakuba nje, aqala avela amadoda ayichasa le mfundo inyekenyeke, inyumbululu, yonyanyekayo nenyanzelwa ngesikhonkosi kumzi kaPhalo.  Ayila umbutho ekwakusithiwa yicata.  Zazilapho iinto zooMchitheka, zooMbhalo, zooHonono, zooMzimba, zooSihlali, zooMaja, zooMkhentane ndibala ntoni na.  La makhwenkwe akazange aqhelisele.  Ayitshikelela ayibhentsulela loo mfundwana kanomgogwana.  Amanye kuwo agxothwa aza amanye athiwa tshwa kwezimnyama izisele.
"Ekuhambeni kwethuba icata yaqhekeka kubini zaza iititshala ezininzi zayishiya icata zayila omnye umbutho ekwakusithiwa yicape African Teachers'Union (Catu).  Amalungu aphambili kuyo yayingooJ.D. Zeka, H.H. Bubu, C.K. Ngqangweni, Z.K. Mathews, nabanye.  Ekuhambeni kwexesha nawo lo mbutho waphelelwa.  Lo mfo kaNombembe ezi zinto zonke zenzeka eyititshala . Ngezo mini kwakungekho mhloli wamntu Mnyama.  Loo nto yenza ukuba asebenze eyititshala phantsi kweento zooPope, zooDugard, zooCaley, zooMacquarrie, zooFletcher, zooSteyn, zoole Roux, zooPotgieter, zooVan Rooyen, njalo njalo.
"Ufukuze njalo nezinye iititshala phantsi kwaloo meko injalo yabantwana neetitshala kwada kwafika ithuba lokungena kukamaziphathe waseTranskei, Maziphathe lowo uthe wazala inkululeko yowe-1976 yephandle laseTranskei.  Uye wenyuselwa waba ngumhloli wezikolo de waba ngoyingqonyela eyongamele isekethe, sikhundla eso awasibamba wada wafumana umhlala-phantsi.
Apha ebuhlolini ufumene n'toni?  Zininzi izinto athe wazifunda nezithe zamenza umhloli oqinileyo, ofundileyo, othembekileyo nobethekayo.  Kwiingxaki athe wadibana nazo ubuvile ubunzima bokuhamba ehlala, engxungxa ematyotyo-

81

mbeni, emagumbini, emizini, ephekelwa ngabantu ngabantu maxa wambi angatyi.  Kaloku abahloli aba abazange bakhelwa zindawo zokuhlala nokuba umhloli selesuka kude kangakanani na. Bangoomahamb'ehlala, iinkukho zabatshakazi.
"Uyivile ingxaki yokuba yibhola ekudlaliswa ngayo kuba kweli cala ngabantu ize kwelinye ibe ziititshala.  Bonke aba bantu kufuneka ebakholosile.  Kuthi kwakubakho impixano phakathi kwabantu neetitshala kubizwe umhloli ukuba aze kulamla.  Uthi esazama ukulamla abuye akhujnuzwe le nale lisebe lemfundo ngemigaqo ekufuneka eyilandele nokuba ayikholisi yena.  Kukho isimbo sokuthi kwakubakho imbambano abantu bashiye umhloli babe zizibhene ukuya kubonana nomphathiswa, inkulumbuso, usosiba nayo nayiphi na ke ingqonyela esemagunyeni.  Abafiki bathethe kakuhle ngomhloli xa bephambi kwezi ndwalutho nangona engekho ephungulelweni.
"Abanye kubo bade batshintshwe basiwe kwezinye iisekethe bengathandanga.  Iinzima zokuhlola umsebenzi weetitshala omhle nongemhle zibaphatha kakubi.  Ezinye iititshala ziba zizifede zezigqudetya zingakwazi ukubusebenzisa ubuchule nobuchuphathi bokuhlohla le nto kufuneka ifundisiwe.  Le nto ide ibange umdintsi netyheneba ebantwaneni.  Abanye babantwana bagqiba ekubeni basinikele umva isikolo baye esitratweni okanye emakhaya sebeqhutywa ke phofu nazezinye iimeko.  Ukutshona kakhulu kwabantwana esekethini iba lichaphaza elibi kuye kuthiwe akasebenzi ukuzenza iititshala zikhwentshele imisila.
"Ngamanye amaxesha uthi umhloli lo akushiywa zizinto, ngamaxesha naziziganeko zalapha emfundweni, adibane nenyok' iphung' umhluzi kwezi titshala zizilola zibe bukhali iintolo zazo kwezemfundo ngokufunda rhoqo, ukunyusa umgangatho wemfundo yazo, ukuya ezikhosini, ukukhenketha, njalo njalo.  Sinayo imizekelo emininzi yabahloli abakhe baphoxwe ziititshala xa beze kwiipanel inspections ngokuthi bafunyanwe belabalaba kuba kaloku basadla ngendeb'endala.  Siyathemba ke ukuba lo kaNombembe akazange adibane nezi nyoka ziphungayo.
"Zikho zingekho ezi nzima singatsho ukuthi xa kuzezi mini, akukho namnye umhloli ongasengxakini xa bekunokuthi

82

emveni kokuba ititshala eyinqununu inyuselwe yangumhloli, kubekho iisemina apho wonke lo mgomo wokuhlola ubuxovulwa khona ngobuchule.  Kwakhona ukuba abahloli bebeyihoya imibutho enjengeSouthern African Educational Society, iiPublic Servants Association, iiField Worker and Association, njalo njalo, iingxaki ezininzi bezinokusonjululwa ngokulula batsho nabo lo msebenzi bawuphathe ngeengalo ezingenamkhinkqi.
"Enye ingxaki esiqinisekileyo ukuba lo kaNombembe uye wayifumana kukunqaphazeka kwabahloli ezisekethini ngokweemfuneko zemfundo.  Ukuze umsebenzi wokuphucula imfundo uphumelele, bekumelwe ukuba umhloli oyintloko unesekela lakhe eliza kuthi xa yena ejongene nezinto ngezinto zokusebenza (administration) esekethini, lona lijongane nezinto ezijongene neetitshala (professional services) ukutsho oko ukuhlolwa kwezikolo, iisemina, iikhosi, njalo njalo.  Ukanti umsebenzi ubungalula ngakumbi xa isifundo ngasinye besinomhloli waso othe gromomo ekhondweni leso sifundo esafunda, esafundisa.
"Le nto yokwenza izinto zethu zithi xazalala imele ukupheliswa kuze kusetyenziswe imeko yomrhiba omnye xa kusenziwa into (specialisation).  Lo xazalala nobu buxazalala xa kusenziwa izinto ezijonge ukuphuhlisa ikamva lomntwana ngepheliswa kuxozwe mphini wumbi apho kuza kufundwa ngokuhamba ngomba kwizinto zethu apho kuya kukhutshwa iincutshe neengcungela ezize kujongana naloo miba ziyifundeleyo.
"Ndiyathemba ukuba eli lizwe loMzantsi Afrika emva kokufumana inkululeko yalo imfundo iya kutshintshwa xa iyonke.  Ndingaqgibelisa ngelithi ngoku uza kuhlala phantsi emva kokuba uzibekile iintonga.  Ingaba le nto ithetha ukuthi imfundo yabantwana bethu uyinikele umva?  Ingaba iingxaki zemfundo ayisezozakho ukususela namhlanje?  Ingaba aba bantu bakuzalayo, bakukhulisa, bakugcina kwada kwaleli thuba ngoku uza kubanikela umva ngelithi iintonga uzibeke phantsi?  Bekumelwe ukuba oko knjalo kuba iminyaka iyangqina ukuba ihambile kwaye namandla selephelile mfo kabawo.
"Kodwa ke umntu esaphila ayikho into ekukuphumla.  Into

83


-----------

ekhoyo kukutshintsha izikhundla ungene kwenye indawo ekulindeleyo ekuza kufuneka uyisebenze ngokweemfuno zale mihla yokuguga kwakho.  U-Ulysses kumbongo kalord Tennyson uthi akubizwa ukuba abuyele ekhaya emva kokuba ebelikhenkethe lonke elimiweyo isithuba seminyaka engamashumi amabini, azive elabalaba kuba kaloku ebeqhele iimfazwe, iingozi nobomi obuzele izivunguvungu.  Uhlala nje iivekana ephethe endaweni kayise abuye azive edikiwe, echekriwe, ekruqukile bobu bomi bunomdintsi.  Ngenxa yokuba wayengumntu osisiquququ, isinxadanxada, isitshu esiqhele ubomi obungobunye bokusebenza nokulwa, uvakala ngenye imini esithi kubalandeli namahlakani akhe amhla-mnene:

'Come my friends,
'Tis not too late to seek a newer world.  Push off, and, sitting well in order,
Smite the sounding furrows; for my purpose
Holds to sail beyond the baths of Western
Stars, until I die.
iti may be that the gulfs will wash us down:
iti may be we shall touch the Happy Isles,
And see the great Achilles, whom we knew.
Tho'much is taken, much abides; and tho'
We are now not the strength which in old days
Moved earth and heaven: that which we are,
We are: One equal temper of heroic hearts,
Made weak by time and fate, but strong in
Will to strive, to seek, to find and not
To yield.'

"Uze uwudle ngokuzolileyo lo mhlala-phantsi wakho.  Sikunqwenelela ukuphumla okumnandi, inzolo nochulumanco wena nosapho lwakho.  Yanga inkosi inganawe ikubeke kude kufike imihla yokuba iti lo Mzantsi Afrika ukhululwe usaphila khona ukuze usibone isiphelo segongqongqo uapateti otshutshise uluntu olumnyama iinkulungwane ngeenkulungwane.
"Maz' enethole nkomo zikajiyane, zikanokhala, zikaMaduna, zikamsuthu."


84


INGCACISO

La ngamadoda ayesezintanjeni zombutho icata nathi aphatheka kakubi nguRhulumente kaGqirha H.F. Verwoerd aza amanye kuwo agxothwa eli xa amanye azirhoxelayo.
N.	Honono - iPrezidanti yeCata.  Xeshikweni wayeyinqununu yasenqabarha wesaba wawushiya uMzantsi Afrika wabhacela ezambiya apho wabhubhela khona ngowe-1986.  Ubuye wagrunjwa waza kungcwatyelwa Transkei ngowe-1992.
T.M. Mbhalo - isekela Prezidanti.  Xeshikweni wayeyinqununu yasenyanga warhoxa ebutitshaleni waza wenza umthetho.  Waba ligqwetha emzimkhulu apho waswelekela khona. ,Z.K. Mzimba - unobhala.  Akuba egxothiwe ebutitshaleni wajikeleza lonke elaseTransvala, Freyistata, Natala ehamba ephuhlisa iinjongo zombutho.  Wakha wangumthengisi zifoto okwexeshana wabuya wajoyina inkampani yeebhasi zakwaBam nakwamayibuye.  Ubuye wathathwa lisebe lemfundo et'ranskei wayititshala.  Ukufumana kwakhe umhlala-phantsi ubuyele kwabroadway Bus Service emthatha apho aselapho nangoku ukubhala kwethu la mabali.
C.M. Mchitheka - isekela nobhala - waphuma ebutitshaleni wenza umthetho.  Usebenze elusuthu wabuya waya ebutswana apho asweleke kwingozi yemoto.
J.L. NEkhentane - unondyebo.  Ukushiya kwakhe ubunqununu baseFort Malan uye ekapa apho afike wenza ii'articles'phantsi kosam ]Khan.  Waba ligqwetha engcobo kwelakokwabo apho waswelekela khona.
L.L. Sihlali - umhleli weTeachers'Vision.  Uhleli ekhaya emva kokuba egxothiwe wabuya waya emonti apho afike wahlela iliso lomzi.  Uthe xa azama ukutsiba imida yeli wabanjwa kunye nolouis Mtshizana.  Wafakwa esiqithini sikaMakhanda.  Ukuphuma kwakhe apho wabuyiselwa ebutitshaleni ngurhulumente kankosi uK.  D. Matanzima.  Ngoku akasekho.
Uninzi lweetitshala ezagxothwayo zaquka oothembekile Maja, Sastri Mda, B.V. Jordan nabanye.




85


	linkumbulo

	
		10
		-h
		n
	"Hi Parcels, yibleyiza yaphi na le inebheji entle kangaka uyithe	zi
	gxugxe ebhankini ngomgqibelo nasezintsukwini?" kwabuza	iti
	ugxogxo lomfo obuso busiqhendevu obuzele ububele bokulanga-	'D
	zelela umhlobo walo ekudala bagqibelana.	t]
	"Ngubani na lo undibiza ngegama lam lasesikolweni phaka-	e
		!i:
	thi kwabantu? Tyhini nguwe lo Sikhotsholo?" kwaphendula
	umpahleni naye emvomvozela bububele, seleyixhawula	I
	ngesandla sabuyanga le ndoda inde negama lingumateyisi.
	Eli gama ambiza ngalo likasikhotsholo umateyisi lo walini-
	kwa ngabafana awayefunda nabo enqabarha ngeemini
	zobuntwana besikolo. Kuvakala ukuba wayedla ngokutsiba
	abanye abafana phaya emzana zide nezi ntokazi zilwe ngaye.
	Kuloko kwathiwa usisikhotsholo somfana.
	"Hayi mfondini, loo magama akasasetyenziswa ngoku.
	Kwakhu, yintoni le undenza yona phakathi kwabantu? Kaloku
	ndingasikwa ecaweni ukuba kungeviwa ndibizwa ngolu hlobo,"
	batsho bahleke bebhantsana.
	"Wena undibiza ngeepasele nje, baza kuthi abantu ziipasele
	ezivela phi ezi? Uyazi ukuba akunantloni?"
	"Baza kwazi abantu ukuba zazithunyelwa ngoosisi abaya
	babedla ngokukukhwaza emidanisweni. Inene uzenzile izinto
	mfo kacikili, kweliya Gcuwa kwaye uyihambile le ndlela aku-
	nasikrokro. Khawude uphendule umbuzo lo wam kungekade
	kuviwe ezinye izimanga ngawe."
	"Le bleyiza mfo wam yeyaselovedale leya yakudala. Nditsho
	ilovedale uqobo."
	"Ngoku uyivumbulula phi?"
	Uthe xa alungiselela ukuphendula yakhala intsinjana embi-
	zela kumbali-mali. "Into ebhetele, Skhotshi, masidibane
	endlwini ukuphuma kwethu edolophini size kuncokola kaku-
	hle. Ndiza kukhe ndikubonise nedolophu le nolalindini
	owasoloko erhuqeka emva. Mna ke, Tutu, ndihlala kwanombo-
	lo 16 Brunsfelcia ebeacon Bay le yasemonti. Uze ungalahleki

86


ke; uya kuhlekwa ngamajita." ni ugalelekile umat ngentsimbi yesibini emva kwemi ugalekile uMateyisi,
 lebalisa indlela ahambe elahleka ngayo engawuboni lo mzi "Bendisazi ukuba uza kuhamba utyhobeka yonke indawo  mxhakandini kuba kaloku kuqhuma uthuli lweelali zaseVovayisi apha kuwe.  Kudala ndayithetha le nto yabantu abasolok belandela emva kweedonki ezihamba zisidla iishiti zabantu Yinto oya kuyigqiba nini leyo yokuphendula amatyala eehagu ezidla iigadi zabamelwane neziqubula imiphanda entselweni' Kodwa kwedini uyandidanisa.  Bendikuthembe gqitha ndisithi  uyalayita.  Hayi ndoyisiwe.  Ndiqinisekile nobu bukhotsholo kho sebaphela kuzezi ntsuku nie, ugcine nje itayitile egqo
lileyo."

Akazange abe nalo nethuba lokuphendula uMateyisi yintsini' eyayihlekwa lusapho lwasekhaya apha olwaluze kumamkela. Ibe ziziselo, isiqhazolo sentsini nokonwaba kule ndlu de kwafika ixesha lokuba umpahleni achazele umhlobo wakhe ngeLovedale
		
	"Ngenye imini ndithe ndivela kweliya laseBhofolo, ndakha ndathi mandidlule phaya eLovedale ndikhe ndibone imeko yesikolo sam endandifunda kuso ngeemini zam. Ndazisola sendiyenzile le nto ndakufika kwindawo eyayingumfanekiso WeLovedale. Ndeva ngathi intliziyo yam isukile esihlalweni sayo, ndaba ngathi ndisephupheni xa ndibona izakhiwo zaseLovedale ziyimiqolomba engenazo neefestile nexwebe ngathi akuzange kwahlala bantu. Yini le isehlelayo Mzi kantu ukuthi singazixabisi izinto zethu ezindala nezazihlala zilixabiso ebomini bethu? Ndivakele ndizibuza lo mbuzo. "Emva kokujikeleza isikolo esi ndivakele ndinesingqala
	sendifuna nokuchiphichiphiza. Ingqondo yam yathatha ibeka ndakukhumbula ukuba kanene ndinjenjenje ndakhiwa yile ndawo. Imfundo yam ndayifumana apha ndada ndafumam
	nembasa eyayisakubizwa ngokuba yiDux Prize neyayinikwa oyena mfundi ubonakalise iitalente zakhe."
	"Yayiyimbasa eluhlobo luni le?" kwabuza umat'eyisi. "Yayisisatifikethi."
	Siphi?"
	"Mfondini yiyeke le nto uyibuzayo. Asikho salahleka. Yile nto ndiyithethayo le yokulahlekwa zizinto ezilixabiso ebomini,

87

bethu.  Andisazi ukuba saya kutshona phi na kule nto yokuhamba sifuduka."
"Kuphela kwesatifikethi sobunkokeli into owayifumanayo?"
"Kaloku negama lam lalikrolwe kwicwecwe lwezinye iinkokeli phaya elovedale njengoko ndahamba sendiyi'Head Prefect'.  Ndathi ndileqa eludongeni lwesikolo semfundo ephakamileyo saselovedale, ndafika sekungasekho kwacwecwe elo."
"ILovedale le yayisisikolo esinjani?  Khawundityebisele."
"Ibali ngelovedale liqala ngonyaka we-1821 xeshikweni ujohn Bennie omnye wabefundisi bokuqala ukuthunyelwa liqumrhu laseGlasgo (Glasgow Missionary Society) wesuka eskotlani ethunyelwa leli qumrhu ukuba aze kuvangela eMzantsi Afrika.  Wabonakalisa umdla kwiilwimi zesintu waza waguqula ibhayibhile yesiHebhere, eyesidatshi kunye nezinye iilwimi wazisa esiXhoseni.  Injongo yayikukufumana ubugocigoci bolwimi lwaba bantu wayeza kusebenza phakathi kwabo.
"Kwenzeka ngoSeptemba wowe-1823 kwafika umfundisi, ujohn Ross ephethe umatshini omncinci okanye ilitye lokushicilela nayo yonke into efunwayo xa kusetyenzwa.  Wahamba nazo ezithwele ngenqwelo yamahashe ukusuka ekapa.  Nako ecanda iKharu waza kufika ngomhla we-16 kuDisemba waza waqala ukusebenza umsebenzi wokushicilela.  UBennie lo kunye noross kwakunye nomnye umfundisi ekwakusithiwa nguThompson bashicilela incwadi yokuqala ethi:


INCWADI YOKUQALA EKUTHETHENI NGOKWAMAXHOSA ETYHUME ILIZWE LAMAXHOSA YABADE-

KWA LUBABALO LWABATHUNYWA EGLASGO 1823

"Ngowe-1824 uross nobennie bafima isitishi esitsha esaziwa ngokuba yilovedale eyathiywa ngomnye umfundisi ugqirha John Love.  Emva koko ubennie wabhala ezinye iincwadi.  ILovedale yaqala ukusebenza njengendawo yokushicilela kuphela iincwadi zegrama.
"Kwisithuba esiphakathi kowe-1821 nowe-1840 kwabakho iimfazwe ezininzi Phonoshono Nciba.  Ngelo xesha ayizange ikwazi ukuzimela ilovedale njengesikolo de kwangowe-1841 unyaka eyaqala ukuvulwa njengesikolo esinabafundi aba-

88

fundayo.  Le ngingqi yabekwa kuyo ilovedale ngumhlaba eyawuphiwa ngunkosi ungqika onyana wakhe uNtente wayengomnye wabafundi bokuqala ukungena kwesi sikolo.
"Yaqalwa ekuqaleni iLovedale yakhiwa emva kwezi mfazwe yada yaba sesi sikolo saba nodumo kuwo wonke uMzantsi Afrika naselizweni liphela.  Abafundi babengasuki eciskei kuphela koko babesuka kumazwe amaninzi alapha eAfrika anjengooMatanganyika (Tanzania), Khenya, Malawi, Uganda, Swazini, Lusuthu, Butswana, Transkei, njalo njalo.
"UMgangatho wemfundo yabefundisi wawusoloko uphakamile kuba apha kwakuthathwa wonke umfundi, omhlophe nomnyama.  Kodwa ke babuya basuswa abelungu ngenxa yocalucalulo lweentlanga olwathi lwenziwa nguRhulumente wamaNgesi..."
"Awu, kanti kudala I!e Apateti yabakho na?" ubuzile uMateyisi.
"Impazamo yenu kukucinga ukuba iapateti yaqalwa nguRhulumente wamabhulu.  Kaloku usenziwa nje umdibaniso weli (Union of South Africa: 1910), kudala ucalucalulo luqalile.  Sasesikhutshelwe ngaphandle kakade.  ILovedale yayifundisa izinto ezininzi.  Yayiqala epriskulu, iye ePrayimari, igqithele kwisikolo esimfundo iphakamileyo, ide ingene kuqeqesho ziTitshala.  Yiyo ngokubanzi eyazala iKholeji yasefort Hare ngowe-1916.
"Kwakukho nemfundo ejongene nabasebenzisa izandla.  Kwavulwa udityaniso-ncwadi (Bookbinding), ubuchweli, ulwenziwo nokhando-zinqwelo (Blacksmithing), imfundo yokwakha (Bricklaying), ukupheka kwakunye nokuthunga.  Ezi khosi zazivulwa emveni kokuba kungqutyenwe ngeentloko nabantu (Community) ababeyixela ngokwabo into abayifunayo.  "Kwezenkcubeko iLovedale yayidume ngezemidlalo, umculo, icawa, ukuqhubela phambili kwabantwana ezifundweni.  Ngezi zinto ke yazenzela igama.  Ngexesha layo kwakuthandwa umdlalo wombhoxo apho kwakudla ngokungquzulana yona, iFort Hare, inxukhwebe neFort Cox. 0yena mqeqeshi ophambili 

kule midlalo kudibene neemb;leki yayiyinqununu `yesikolo esiPhakamileyo, umnu.  J.R Benyon.Akhona amagama abafana awayengalibaleki kwezombhoxo: iinto zooWatson Bongeo, Sidonti Ceko, Patrick Katiya, Sipho Johnson, Sipho Tanana, Cyril Mandindi, Qaqambile Vena, njalo njalo.
89

'Kwezeembaleki singabalula iinto zoosikhumbuzo Dekeda, Fezile Gxaweni, Chris Madyibi, Mbekeni, Sipho Letlaka, Duma Mdledle nomfo kantandane owayebaleka i'marathon'.  Umculo yayikukutya kwalapha.  Kwakukho ikwayala yecawa eyayibhexeshwa ngumfo kasiDzumo, ugraham, neyayidla ngokuntyiloza phantsi kwemiokhi ikhatshwa ngumfo kaJolobe uoscar okanye umfo kaMacTavish okanye unkosikazi Dreyer epiyanweni.  Kanti ke kwakukho neBrass Band eyayiqeqeshwa ngumfo kaLindstroom.
"Ngaphandle nje kwezi zinto zazisenzeka apha ngaphakathi eLovedale, eyona nto esi sikolo sazenzela igama ngayo kukukhupha iinkokeli ezathi zaziwa kulo lonke elaseAfrika kude kuye kwamanye amazwe.  Ezi nkokeli zazibalula kwezobupolitika, kwezemfundo nakwezenkcubeko.  Singabalula nje ezimbalwa ezinjengooThengo.Jabavu, Profesa D.D.T. Jabavu, Sir Seretse Khama, owaba yiPrezidanti yaseButswana, ukumkani usoBhuza wesibini owongamela eSwazini, uProfesa Z.K. Mathews, owaba yinqununu yaseFort Hire, umfu.  Tiyo Soga, unkosz.  Ellen Kuzwayo, uRobert Mangaliso Sobukhwe, George Matanzima, K.D. Matanzima, Lennox Sebe, Todd Matshikiza, B.B. Mdledle, H.H. Mdledle, Nkosi Victor Poto, Chris Hani, Thabo Mbeki, nezinye izihandiba.
'Abafundi babeqeqeshwe kakhulu kwicala lezenkonzo.  Babenamaqumrhu ezengqobhoko awayengenisa izikolo zecawa kwezi lali zikufutshane neLovedale, ooNtselamanzi, ooGaga, ooGqumahashe, ooSheshegu, njalo njalo.  Baba baninzi abefundisi abaphuma eLovedale."
"Wena ke Parcels wawuyintoni owakho umsebenzi kwezi zinto uzibalileyo?"
"Mateyisi kaMgolombane akuvanga ukuba ndithe ndandiyi'Head Prefect'?"
"Uphelele apho?"
"Kwowu, kwedini unenkathazo.  Into oyifimayo wena yedibane nam.  Andikagqibi nokukubalisela.  Kulungile ke.  Umdlalo endandiwuthanda yayiyisoka, nokubaleka imigama emifutshane ebaleni nemarathon'.  Umbhoxo wona ndawuyeka ndisawuqala ngenxa yokudikwa kukunukiselwa ngamakhwapha'eskramini'.  Ndandikruqulwa ngaba bantu bangahlambiyo."
"Ifana nawe ke leyo.  Qhuba yintoni enye?"

90

Enye indawo njengoko ndandiyiPrifekthi nje ndandibancedisa kakhulu abafundi ekuyileni amaqumrhu abo anjengeMissionary Society, iCultural Society, ikwayala zamadoda, njalo njalo.  Kanti ke eyona nto ndandiyithanda kakhulu yipiyano.  Nakulaa Brass Band kaLindstroom ndandikho ndidlala itrombone needrums.  Ndandikho nasekwayalini yecawa.  Mhla la maxhwangusha adlala ipiyano ecaweni angekhoyo kwakufakwa mna lo."
"Unayo apha endlwini nokuba wayigqibela ngoko?"
"Undithatha kanjani?  Ndineogani nePiyano mfo wam.  Ndiza kukudlalela ukugqiba kwam uthi shwam qabandini laseVovayisi eliqhele iikhodiyane neepotsoyi.  Makhe kuqala ndikubalisele ubunzima endabufumanayo ekuyifundeni kwam naloo piyano.  IPiyano endafika ikho eLovedale neyayidlalwa ngabantwana besikolo yile yayiseHostele.  Ikakhulu kwakuthandazwa ngayo.  Abantu ababenemvume yokuyidlala ngexesha lam nguOscar Jolobe noPat Matshikiza.  Mna ndatsho ndancama andavunyelwa.  Ndagqiba kwelokuba ndiyifunde ngokuyiba xa kuthe cwaka.
"Ngenye imini ke mfo kaMgolombane akha angena amanzi endlwini.  Kwakuyimini yomdlalo ebaleni.  Wonke umntu wayelapho.  Ndachwechwa ndaya eholweni.  Ndathi ndisabetha sendiyekile ngoku nokubetha iiClassics, ndikhumbula ezasePotsoyini emva ezilalini zaphaya kuNdotshanga nanjengoko ndandisakuba nguMaskhanda owaziwayo ekhodiyanweni ezipotsoyini, gungxu ucango, gqi ubless, owayelikhankatha lamakhwenkwe.  Thix'onofefe!  Yangen'intak'endlwini.  Ndithe ndakuthi tshawu ngamehlo ndabubona obo buso bumhlophe buqumbileyo, bulandelwa bobeNkosikazi.
"'Damn it!  What is happening here?  Who told you to play this piano, Cikili?'
"'Excuse me, Sir, I ... I ... I
"'Hey, you get it!  You undisciplined little devil!' utsho lo mfo engcangcazela ngumsindo.  Eli xesha ke umi apha phambi komnyango kule ndawo afuna ndiphume kuyo.  Kaloku bekungekho wumbi ovuliweyo ngaphandle kwalo wakhe.  Nako ke ndintanta, ndisondela, ingwatyu ibeth'ikatala.
"'I say get out of this hall, you fool!'Tyhini, lo mfo uthi ndiza kuphuma njani exabile nje?  Nako ke ndisiza kuye ngqo ndinyo-

91

ngoba.  Uye wee cebu kancinane umfazi wakhe emi emva kwakhe.  Heyi Skotshi, ndaqonda mfo kabawo ukuba lo mfo akazi kundibetha ngempama okanye ngesihlangu uza 'kundivusa edastini'ngokolwimi lwamajita.  Ndathi ndakusikrwaqula isandla sakhe ndabona ukuba singangesezim kwaye siya kubugqiba tu ubuswana bam sibubethe bube yintlama.  Ndiye ndaya'ndimthayimile'.
"Ndithe kanye xa ndimelene naye wayikhulula engakanani yona impama.  Ndithe nkqwili ndeva isandi esivuthuzayo phezu kwam kanti undiphosile.  Ndithe ndivuka ngaphaya kwakhe ndeva gilili kwakho nesikhalwana kanti uyitsho yaphelela emfazini wakhe lo kaloku wayemi emva kwakhe.  Ndeva bunkentenkente, 'I'm sorry darling.  I'm sorry.  it is this bloody fool.' Emveni koko ndimvile ugxashigxashi oza emveni kwam ngatbi zizingqi zenkabi yehashe.  Hayi ke ndalithwala itshoba oku kwam.  Ngelishwa ndidibene nomfo owayesebenza eofisini kaBless ogama linguJohnny.  Kwangoko uye wahlaba umkhosi.
"Wayefuna ubless lo.  'Hey, why you running, Blue Stomach?  Ube ntoni?' Kweso sithuba udibene nobless ebekekile emva kwam.  Hayi ke ndakhwazwa ndileqwa.  Kanye ngoku ndibalekayo ndimvile uJohnny ebuza-
"Master, what the matter?'
"'Johnny, that boy ... that boy
"What he done, Master?'
"'I slapped my wife because of him, that bastard!'
" What!  He slept madam, Master?  Silly boy!  No shame!  Sleeping with madam?  Hit him, hit him big, Master.  And kick him; don't kick him small Master.  Silly fool!  Your big foot must travel inside him, the Blue Stomachl'
"Andibanga sayiva yonke into kuba ndandiqhawule.  Edomatri kwahlekwa gqitha ndakuwabalisela amajita ngolwimi lwawo ukuba eneneni andikhange ndimenze nto ubless lo konke mna, 'Into endiyenzileyo mna kukuba ngeliya xesha adiliva impama yogonyamelo kum e-eyime ukundibetha itechnical knockout, ndiye ndadaka yaphuma ngaphezulu impama ikhawulezile yalendisha straight emfazini wakhe yamflorisha zacima iilights.  Le ibiyiboxing match mos phakathi kwendoda nomfazi.  Mna bendingangeni ndawo.  Into yokuba aleqane nam ndakube ndingeyiyo nereferee andiyazi

92

'E, sonny`, lo mac ufuna ukutshajelwa iattempted child abuse neh.  Kodwa usebenzile mjita ulithayime elaa ol thayima finguBless.'Andithuthuzela atsho amajita asuka esoweto nawayeziitshomi zam."
"Usile; akwaba wayekubethile.  UJohnny lo wayeyintoni kanye?" wabuza umateyisi.
"Mandiqale kule ndawo kabless.  UBless lo ligama lekhankatha awalithiywa ngamakhwenkwe ehostele.  Elona gama lakhe yayingumac Gillivery owangena endaweni yomnye umskotshi ogama linguMajor Geddes nowayedume kakhulu ekwathandwa ngabafundi.  Mna ndifike ngeli xesha likabless naye owayethandwa nangona wayengqwabalala.  Kwakukho umfo owayeyiponi nogama linguJohnny owayesebenza eofisini kabless eqoqosha, etshayela, njalo njalo.  Into eyayindimangalisa kukuba ubless yena wayethanda ukuthetha isixhosa apha kujohnny aze ujohnny akhumshe.  Khawuve ke bencokola bebaliselana ngengozi yemoto:
"'Hey Johnny itown izele yigazi yonke.  Moto zimbini Johnny ziyakholayida, indlela yizele iglasi ... igazi ichithekile everywhere Johnny.'
"'Is anyone pass away Master?' kubuza uJohnny ngelizwi elincinci ekhuphe amehlo.
"'Andiyazi Johnny kodwa inyam'izel'istrata, igazi ibaleka yonk'indawo.  Azandifune kuyibona laa damage.  Wena ubuphi Johnny?'
"'Me Master go to Ntselamanzi to have my trouser abbreviated.  Then I see one of these silly boys crouching the Ntselamanzi girls.  I chase him Master.  He run ofcourse to the forest . I'll assassinate him when I see him and bring his dead body here to be infinitesmal.'
"Whowu, nanineekhomikhi kwesi sikolo.  Size kubulawa yintoni ngoku?"
"Mandiqoshelise ngelithi isiqendu sokuqala kwincwadi engeLovedale siphela ngonyaka we-1955 ukungena kweMfundo yabantu.  UGqirha Shepherd, inqununu yokugqibela yemfundo yabefundisi warhoxa njengenqununu aza amantombazana asuswa eLovedale asiwa eSt.  Mathews.  Amakhwenkwe wona ashiyeka eLovedale.  Laa macandelo obuchweli, ukupheka, ukufundela ubutitshala, apheliswa.  ILove-

93

dale yashiyeka isisikolo semfundo ephakamileyo samakhwenkwe kuphela, waza umnu.  J.R Benyon wayinqununu yalapha kudibene nehostele.  Ehostele kwangena Umfundisi uC.D. Jonas owaba likhankatha elimnyama lokuqala eLovedale.
"Ekuhambeni kwexesha kubekho ungquzulwano phakathi koRhulumente kankosi ulennox Sebe waseciskei kwakunye necawa yaserhabe ngentengiselwano yezakhiwo zehostele yakube ilovedale iphantsi kweciskei.  Oku kungevani kwenza ukuba urhulumente emke nabafundi bakhe ashiye isikolo sodwa singenamntu.  Yiyo loo nto sahlala silihamte iminyaka emininzi."
"Phofu uyazi ukuba siphinde savuka ngoku?" ubuzile uMateyisi.
"Ewe, ndivile."
"Yima ke Parcels, ndibuze.  Ukuba isikolo esinjengeLovedale le osincoma ngemfundiso yaso ngexesha labefundisi, singaphinda sivuswe sifane nangaphambili loo nto ingakwanelisa?"
"Andingeneli ncam kuba ke ngoku amaxesha akafani.  Isikolo sanamhlanje mna ndicinga ukuba phezu kwezinto esinazo kumelwe ukuba zekongezwe imfundo eza kumenza umntwana aziphilele.
"Iikhosi ezazingekho ngexesha labefundisi nelemfundo yabantu (Bantu Education) kumelwe ukuba zibekho.  Njengoko ipolisi yohlaziyo nophuhliso (R.D.R) isitsho kumelwe ukuba phezu kobo buncinane sasibufumana kwizikolo` ezinjengoomaLovedale, makugxininiswe yinkqubo kweze'curriculum'kwezo zifundo zinjengemathematiksi, ezobugqi, ubugcisa (teknoloji), ubugcisa bempucuko nezinto zentlalo (arts and culture) kuze kongezwe kwezo zifundo zazisakufundwa mhlamnene.  Kungenjalo ezi zifundo ngezinto zentlalo mazibandakanywe nesilabhasi esetyenziswayo."
"Injongo yintoni?" wabuza uMateyisi.
"Mna ndicinga ukuba iiijongo kukuphuhlisa imfundo eza kuthi imenze umntwana akwazi ukuzimela abuye akwazi ukufumana ingqesho lula, esebenzisa zonke izixhobo zemfundo anayo."
Bathe besaxoxa njalo, suka babizelwa etafileni ukuba baze kufumana into etyiwayo.  Emva koko kungenwe emculweni.  Wayengayibethi umpahleni iogani wayeneendawo ezihla ama-

94

cala.  Hayi ke kube yiloo ntsholo endlwini, umateyisi naye ecula kuba kaloku uParcels wayemkhumbuza iingoma zeemini zabo besahamba imidaniso emaholweni, iipotsoyi neekhonsathi ezilalini.  Wayesithi ekoo'Blue Moon','In the Mood','Blueberry Hill', 'Love is the sweetest thing', 'I'm in the mood for love' abe ekoo'Into yam ndiyayithanda,'Isono sam',Abuya amathambo', njalo njalo.
"Betha mfan'aseGcuwa, kusekhaya nalapha eBeacon Bay!" watsho umateyisi egqiba ukubeka uMamJwarha phantsi emveni kokuba bebekhe bajikeleza bedanisa.  Elo xa umatshambase ongumpahleni ubile umdaka, uzosula ukubila ukuphela kwengoma.








95

Amahlathi aphelile

"Hi mfondini, ndiva ngathi beninomcimbi nje phaya ekhaya kutshanje, bekusenzekani? Khona kutheni le nto uzityela itheko lakho ungasimemi?" kubuza uBrian Madubela umfo wakwarhoyi ozalwa kuqumbu ebhekisa kumpahleni umfo kacikili.  La madoda ayekhwele emotweni esiya ebhisho kwintlanganiso yeStrategic Management Team eyayiza kushukuxa umcimbi ongokudibanisa onke amasebe ezemfundo kooRhulumente bamaphandle anjengeTranskei neCiskei, abe lisebe elinye elidibene namanye anjengoomaD.E.T., House of Delegates, kwakunye nehouse of Representatives, njalo njalo.
UMpahleni wayesandula ukuqala eofisini yesekethe yasezibeleni njengomhloli owongameleyo.  UBrian yena wayeyinqununu yaseFreemantle.  Njengoko isimemo esi safika ngaxeshanye, bagqiba kwelokuba bahambe kunye xa besiya eBhisho, ukuze bakwazi ukusebenzisa imoto enye kaRhulumente.  UMpahleni uwuphendule umbuzo kabrian wenjenje:
"Rhoyi, mandiqale ngalo wesibini umbuzo uthi kutheni na ndinganimemi nje.  Kaloku ukweziwa komsitho-buhomobunkonzo-bunqulo wasekhaya, bendisekweliya cala laseDutywa apho bendiseyinqununu yaseColosa.  Noko ke izimemo zam zaphelela kweliya cala lakoomagcuwa, Dutywa, Ngqamakhwe, Mthatha, njalo njalo, zona ndawo zikufutshane.  Andikhange ndizihluphe kangako ngabantu abakude kuba kakade badla ngokungaphumeleli."
"Hayi ke ndiyakuva, Mpangazitha.  Kanti ke xa usithi lo msitho ubusihomorha, bunkonzorha uthetha ukuthini?" uphinde wabuza uBrian.
"Lo mcimbi ubunxulumene nezinyanya zakuthi kwakunye nokutyhilwa kwamatye katat'omkhulu nomakhulu." "Andikuva kakuhle ncam.  Umcimbi wezinyanya udibana njani nowotyhilo-matye?  Zizinto ezimbini ezahlukeneyo ezi okanye yinto enye?"
"Ukuze ucacelwe mandiyibeke ngolu hlobo le nto.  Le nto ye
96
nzeka kanje.  Thina silikhaya lakwacikili sagqiba ekubeni senzele utat' omkhulu nomakhulu amatye, kodwa kuthe xa sesiphakathi kumalungiselelo kwenzeka isiganeko esaphela sesisikhomba ekubeni senze nomcimbi Olingene nesinyanya esisesinye ngaphandle kotat' omkhulu lo nenkosikazi yakhe.  Ekugqibeleni sazibona sesityhila amatye amathathu."

"Amatye amathathu?  Njani?" amabini, elikatat' "Phulaphula.  Siqale ngokuthenga amatye

omkhulu nelikaMakhulu, sawafaka.  Emveni koko senze amalungiselelo okuwatyhila sada satyumba nosuku olwalungumhla wama-26 kuJuni kowe-1994.  Emveni koko siye sahlaziya umzi ngeenjongo zokuwucoca.  Apho bekukho iisilingi ezindala sigqibe ukuba sifake ezintsha saza sacika neentanda sawuqaba wonke umzi.  Side sakha nendlwana encinane yokufaka inyama njengoko besiza kuxhela.
"Ibe ninzi kakhulu into ebekufuneka yenziwe - izinto ezinjengokuhlaziya iigathari, ukuthenga amatanki amatsha, ukukhupha iifestile ezindala sifake ezintsha.  Lo msebenzi usithathe ixesha elide kakhulu.  Kuyacaca ikhaya eli beselizixela ukuba lifuna ukuhoywa."
"Ndimamele.  Loo nto utsho ndaziva ndinesazela ngeliya lakuthi ikhaya.  Kaloku lijonge mna njengenkulu yakwaRhoyi.
"Heyi, oku kuba yinkulu mfo kamadubela kunzima.  Kuthe sisaxakeke sinjalo, kwabakho isiganeko esenze ukuba sibuye umva sesiphambili sijonge ezipalini."

"Siganeko sini eso?
"Ndithi xa ndifika ekhaya ngenye imini ndize kujonga umsebenzi wabakhi bam, suke ndifumane ingxelo yokuba elinye lala matye, kanye eliya likatat'omkhulu, liwile."
"Liwile?  Ilitye lengcwaba liwa njani?  Lalingagilwanga

ziinkomo?"
"Lingagilwa ziinkomo njani, amadlaka ebiyelwe egadini?"
"Kwasuka kwathini?  Alizange liwiswe ngumntu?"
"Andiqondi ukuba yayingumntu kuba le nto yenzeka apha ekwindla, umbona lo usegadini sewumde kakhulu.  Ingxelo ithi kusuke kwavela umoya omkhulu ngasentshona waliwisa kodwa elinye lashiyeka limile."
"Hi mfondini, andiyiva le nto uyithethayo.  Ndingumntu nje, oko ndazalwa, andizange ndive ilitye kusithiwa liwiswe ngamo-

97

ya kuba naliphi ilitye lisoloko linzima.  Amatye amangcwaba ahlala iminyaka ngeminyaka emile.  Ukuba liyawa sukuba ligilwe yinto okanye lisunduzwe ngumntu ngabom."
"Mamela wena, useza kuva.  Ithe le ngxelo yakuvakaliswa ndaya kukroba.  Ndafika ngathi lityhilizwe ngumntu ngawona mandla makhulu.  Uze uqonde, izikhonkwane ezi ziwabambileyo zazide zagoba ngolunya.  Mna ndisuke ndaya kuxelela abafaki bawo ukuba mabaze kulivusa.  Ndiye ndaqhuba nomsebenzi wohlaziyo andahoya nto.  Kodwa kwalile emva kweeveki ezintathu kanye kwinyanga kaTshaziimpuzi kwaphinda kwafika enye ingxelo ethi neli lesibini belingekawi nalo liwile.  Liwa lingekavuswa neliya lokuqala.  Kweli akuzange kubabazwe moya mkhulu nangona kwathiwa ubukho nje umoyana obungephi."
"Hi mfondini, hi Ciks, sisimanga santoni esi undixelela sona?  Wena yintoni ebangela ukuba ungaqondi ukuba eli yayiliyelenqe labantu abakulwayo phaya elalini?  Ngabantu, mani, aba batyhiliza la matye.  Yintlondi nje, ukusa nomona ngaphezulu.  Bangathini, mani, abantu ukwaphula amatye selefakiwe?  Wakha wayiva phi loo nto?  Sis!" uye watsho ebufudumala umfo wakwaRhoyi.
"Kanti ke uya kumangaliswa kukuba la matye ayengophukanga nangona ayewile.  Isuke ngathi injongo yayingekokuwaphula."
"Yayiyintoni?  Yayikukudlala?  Ukuba yayikukudlala, badlala kakubi abo bantu baloo lali yakho."
"Andiqondi kakuhle Rhoyi."
"Akuqondi ntoni?  Akusiqondi esi ukuba yayisisigezo?"
"Khawumamele Masoka.  Ndiyeke ndigqibe ibali eli kuqala ukuze ke unike ezakho izimvo ndakuba ndigqibile."
"Unyanisile.  Kodwa mna iyandicaphukisa le nto ... "
"Ngokunokwam ukubona ndicinge ukuba umoya lo ubuze ngamandla koko awukhange uqondwe.  Kwakhona ndicinge ukuba abenzi-matye banokuba basebenzise izikhonkwane ezifutshane nezingezikhulu ncam ngakumbi kuba la matye ayemakhulu wona.  Wonke ke umsebenzi wokuvusa ndiwuxhome kubenzi bawo.  Nabo ke baye bavuma ukuba baza kuwavusa nangona babekhala ngelithi le nto iyaqala ukubehlela kulo msebenzi wabo.

98

"Ndithe xa ndibuya emsebenzini kwakhona ndize ekhaya ndafumana enye ingxelo yokuba oodade wethu abathathu baya emntwini "Baya kwenzani?"
"Bathi babeye kuqonda ngale nto yokuwa kwamatye amangcwaba kuba abazange bayive
isenzekaloonto ngaphambili.  Babuya besithi bamfumene umntu othe kubo kukho isinyanya  sakuthi esikhalazayo "Sikhalazela ntoni?"
"Ukushiywa sodwa singahoywa iminyaka ngeminyaka.Mandiyithethe ngolu hlobo bayithetha ngalo le ntetha yeGqirha.  Bathi lithi iGqirha kukho ixhegwazana lakuthi elikhalazela ukuba likheswa, nelangcwatyelwa kude nekhaya.  Oko labhubhayo alizange lihoywe mntu.  Micimbi eyenziwayo
	phakathi kwekhaya lona alikhunjulwa nokuba seyiyimicimbi engezinye izinyanya.  Ngoku lithi liyabona ukuba kulungiselelwa ukutyhilwa kwamatye omnakwalo nomkakhe emveni kokuba bebuyisiwe, kodwa lona akuthethwa nto ngalo.  Lithe
	ke baze bayiphande le nto apha phakathi kwekhaya, baza kufumana ukuba ukho umntu olaziyo eli bali leli xhegwazana.  Umsindo walo ke liwubonakalisa ngokutyhiliza la matye enziwayo, kwaye lifungile ukuba kuza kubakho uqhushululu xa kutyhilwa la matye."
"Hayi yintsumantsumane le uyibalisayo Ciks.  Khawuqhube."
"Ndithe ndakuyiva le nto ndaphanda ngokwam.  Umntu endicinge ngokuphanda kuye ngudadobawo umntu obesele emdala kakhulu.  Udadobawo yena uthe ukhumbula isiganeko esinye esisondele kule ntetho yeli Gqirha.  Uthi yena wayenodade boyise kwindlu kayise omdala, ukutsho oko umkhuluwa kayise.  Ukhumbula ukuba lo dade boyise wayebizwa ngokuba nguXeliwe.  Wafulathela ikhaya ngonyaka we-1936 emva kokuba wayexabene nomnakwabo lo ungutat' omkhulu lo besiza kutyhila ilitye lakhe.  Ingxabano yabo yaye incinci kakhulu kuba yayidibene nento enemifino nokuphekwa kwayo umntakwabo
	engafuni.	"Kodwa loo nto ikhangeleka incinane injalo yabangela ukuba
	akhalale emke aye kuhlala kwadade bonina eMgcwe.  Wathi
 	eselapho wagula wabhubha.  Waba selengcwatyelwa apho.  Waba uyalibaleka ukususela ngoko."

99

"Khawume ke Mpangazitha ndibuze.  Kungokuba kwakutheni ukuze angcwatyelwe emgcwe?  Andithi nina ikhaya lenu lisebawa egcuwa?"

"Ewe, kunjalo kanye.  Nam andazi ukuba kwakutheni ukuze bangamphuthumi.  Nodadobawo naye akandiphilisi kuloo ndawo.  Usuka ababaze ukungakhathali kwabantu bakudala."
"Babekhe balibeka ilitye?"

"Ingathi abazange baye kuba ngokukadadobawo kwangcwaba elo lakhe belingaziwa."

"T'yhini!  Uthini na?  Ufanele ke mos ukukhalaza."
"Ubona nje abantu bakudala babeyingxaki.  Babengahoyananga oku kusisimanga.  Ungafika sisapetsha izinto zanamhlanje ababengazange bahoye kuzenza ngexesha labo.  Lithe eli Gqirha xa lithetha nala mantombazana, lingawabonisa apho likhoyo eli ngcwaba."
"Libabonisile ke?"

"Kaloku kuye kwafuneka umcimbi lo ndiwusabele ngokwam kulo kuqala kuba kubekho le ndawo iye yandixhalisa le yokuba olu tyhilo-matye luzayo luza kuba noqhushululu.  Ndicinge iindleko zam mfo kabawo.  Ndithathe umninawa wam kwakunye nenye yala mantombazana ayeye kweli Gqirha.  Sifike kwinto ebingathi kudala isilindele.  Isuke yacula ukusixelela iindaba zethu. lbethe kanye kulaa mazwi ayethethwa ngoodade wethu.  Siye salixelela ngento ethethwe ng-udadobawo.  Likhawulezile ukungqina ukuba eli bali likadadobawo lizalana ngqo nalo mbono walo.  Litsho lisithi lingasikhapha siye kubona ingcwaba elo ukuba siyafuna.  Siye salikhwelisa semka ukusinga emgcwe."
"He-e ndiza kukhe ndive

"Siye saya kugaleleka kwaNtshamanzi emgcwe.  Sathi khona sakusondela ndaphawula ukuba lifana nengesi eli lilanda inyamakazi.  Kwakungasuke liyiqhube ngokwalo imoto.  Liye lasibonisa yonke le migqaliselo belithethe ngayo ngokuya belivumisa.  Omnye wale migqaliselo nemiqondiso yindlwana elibhodlo engasahlali bantu nekufutshane namangcwaba... Sithe thu kule ndlwana sabe sesifika emangcwabeni.
"Ukuthi gxididi kwethu phantsi lathi wonke umntu makakhulule izihlangu.  Nako ke sisondela emangcwabeni lisikhokele.  Lihlasimle kakanye lema ngxi phezu kwengcwaba

100

elidala neseligqunywe nguqaqaqa.  Nathi siye safika salirhangqa.  'Gqirha eliyindoda, uqinisekile ukuba lilo eli?'ndifane ndabuza ndingazi nokuba mandivuye nokuba mandithini na.
"'Ukuba wena usafuna elinye, ungalifuna, nanga amangcwaba. Amakhosi am athi sifikile kwaye asigqithi.  Into ekufaneleke ukuba niyenze nina kukuwa ngamadolo ninqule isinyanyakazi senu esi kudala nasilibalayo maxelegundini.  Nicinga ukuba ndingasuka ngapha ecerhu kanti ndize kunibhanxa apha?  Kuphi khona apha?  Ukuba bendinini ngendisichazela ukuba noza kusiphuthuma nini na.  Kwaye futhi nize nisiphathele izinto ezintle nezimnandi nisenzele imbeko yaso.' "'Zizinto zini ezo, Gqirha?'ndibuzile.
"'Butywala besintu.  Ukuba niyathanda ningeza nabo nobesilungu kodwa bube mhlophe.  Kaloku sebusetyenziswa namhlanje.  Kwakhona niphathe iinkozo zombona, zamazimba, zeembotyi, icuba lesixhosa'okanye isnuff, nize nemali emhlophe.  Obu tywala niza kubuqabazela phezu kweli ngcwaba buze obuseleyo nibuselele apha.  Ezi zinto zihamba notywala zizipho eniya kuzishiya kweli ngcwaba ukwenzela ukuba azithathe lo mama aye nazo kwilizwe lezinyanya.  Wofika abonise ezinye ukuba ude wakhunjulwa kokwabo.  Obu ke yoba bubungqina.  Qalani ke ninqule.'Lathi lakugqiba lee gu bucala lasibukela."
"Hi mfondini, uthi le nto yenzeka ukho?" wabuza uBrian emthe ntsho emehlweni, ehlunguzelisa intloko.
"Andibalisi maphupha apha mfo kamadubela.  Kuqale udadobawo wenza intetho echukumisayo ecela uxolo kudade boyise ngokuthi bangazi nengcwaba eli lakhe; kwakhona ngokumlibala iminyaka ekuma-58.  Kwowu, wathetha kabuhlungu udadobawo.  Ndambona elila, egixa kubonakala ukuba uchukumisekile kwaye uyazisola.  Kaloku yena wayemazi ubuqu.  Emveni koko kwathetha nabanye, kwaza kwagqibela mna.  Kugqitywe ekubeni aze kuthathwa kwiveki ephambi kwale yotyhilo-matye ukulungiselela ukuba naye enzelwe elakhe ilitye."

"Naniza kumthatha njani?  Naniza kufudusa amathambo?"
"Thina phaya ekhaya asinayo inkolo yokuchukumisa amathambo omntu ongasekhoyo nowalala ukuphumla.  Sidla ngokuthetha ngomlomo, sithethe nomoya, oko kukuthi ishologu lakhe.  Ukususela ngaloo mini senza amalungiselelo okuza kuphuthuma ixhewukazi.

101

'Sabiza intlanganiso yamakhaya saphalaza udaba olunje.  Abantu babonakalisa uthakazelelo olukhulu kangangokuba ngabo abatyumba usuku lokuya kumthabatha ndawonye nabantu abaza kuhamba.  Ngaloo mhla kwakhutshwa iiveni ezintathu zizele ngamadoda nabasetyhini.  Kwakunxitywe iintsimbi nezacholo, kugaxelwe izinxibo zakwantu.  Kwakuphethwe utywala besintu nazo zonke izinto ezazixelwe liGqirha.
"Sathi sakufika emgcwe sagqitha phaya komkhulu.  Into eyasimangalisayo apha kukufika inkosi ikho isithi yonqene ukuya emngcwabeni owawulapha elalini.  Sathi sakuthi size kucela imvume yokungena kule lali sithethe nomakhulu, yabonakalisa umdla, yathi nayo ifuna ukusikhapha.
"Senjenjeya ukuya emangewabeni sihamba sicula iingoma zakwantu.  Kwakukhokele igqala lakwampangazitha elaliphethe umkhonto lityethe umbhalo walo.  Nanko ke loo mqokozo usiya emafihlweni.  Inkonzwana leyo ivulwe ngomtha ' ndazwana omfutshane phambi kokuba kungenwe emxholweni.  Zithethile izithethi zichaza umlibo wakwacikili zada zaya kufika kwibakala elinoxeliwe.  Zimchazile ngokuva nangokumazi kwazo.  Olu lwazi ngaye lukhokelele ekubeni izithethi zicele uxolo ngokumlibala iminyaka engaka, seziveza neemeko ezazikho ngaloo maxesha.

"Phambi kokuba kuthethe isithethi ngasinye bekuye kuhlatyelwe ingoma yakwantu kuxhentswe.  Emva koko kugadlelwe kwinto yokuba lifikile ixesha lokuba umakhulu agoduke njengoko beze kumthatha.  Emva kwezicengo nezingxengxezo ibe lixesha lezipho.  Umntu ngamnye uphose into ayiphetheyo ecela namathamsanqa.  Into eyasimangalisayo kukuba impahla yalapha eyayisidla kumadlelo akufutshane, yabuya yonke yaza kuthi rhangqe kufutshane nathi.
"Emva kokuba sigqibile ukuthetha kwakratyazwa obu tywala entlokweni yengcwaba.  Obuseleyo baselelwa kufutshane nengcwaba 'eli.  Iintombi zazimana ukuhlasimla, zisuke zihlabele ingoma yazo.  Nanjengoko kwakungazi kugrunjwa mathambo, kugqitywe ekubeni kuthathwe umhlaba wengcwaba eli kuhanjwe nawo.  Waya kugalelwa engcwabeni elitsha elalakhiwe lafakelwa ilitye kufutshane namangcwaba katat'omkhulu nomakhulu.  Le nto yenza imfezeko yokuba umsebenzi wokuphuthuma umakhulu wethu siwufezile, ama-

102

hlathi okusithela ngesebe lenkawu ngoku aphelile.
"Inkosi le ibiphakathi kwethu isibalisele elinye ibali elinike umdla nelithe lathungelana neli likamakhulu uxeliwe."
"Lithini elo bali? wabuza ubrian.
"lqale yabuza kuqala ukuba singabantu bomlambo na.  Impendulo yam ithe sizalwa ngabo kwicala lakulomama kuba ngaMahlubi, ooRhadebe, kanti ke nootat' omkhulu aba bayababazwa kwicala lasemlanjeni.  Ithe kubusuku obandulele ukufika kwethu, ibe nephupha ethe naxa ibizama ukulilawula ayakwazi.  Ngoku ithe iyayibona intsingiselo yalo.  Ngobo busuku ithi iphuphe ihamba nonina-khulu besiya ngasemlanjeni.  Apho bafike umlambo lo wahlulwe kubini, kukho indawo enesiqithana.  Kwesi siqithana bekuhleli umntu olixhegwazana.
"Uthe akubabona, waba nothakazelelo olukhatshwa luphephezelo lomoya nokukhanya kwelanga elalisoloko ligqunywe lilifana.  Eli xhegwazana likwesi siqithi liye lathetha libhekisa kweli ahamba nalo lisithi,'Kwowu, undincedile ude ufike nalo mntwana ade aze kundiphuthuma kule ndawo.  Kunini ndahlala apha!'Ithe inkosi emveni koko eli xhegwazana lisesiqithini laye layibungezelela lincumile langa lifuna ukuyibamba ngesandla kodwa ithe xa yolula isandla suka lee shwaka ixhegwazana."
"Ingaba lidibene njani eli bali nalo mcimbi?" wabuza uBrian emthe ntsho emehlweni.  Omnye umthe tshawu nje waba seleqwalasela endleleni kuba ibinguye oqhubayo.  "Kaloku kukho inkolo ethi isinyanya esilahlwe kokwaso siphelela emlanjeni.  Mna ndicinga ukuba eliya xhegwazana lalihleli esiqithini ibingumakhulu uxeliwe.  Xa ebungezelela inkosi le uyithatha njengokuba yiyo eze kumthatha apha imbuyisela kweliya dlaka lakhe ilungiselela ukufika kwethu.  Kakade yayiziiNkosi kwamfamlibe ekwakukholelwa ukuba zinonxibelelwano nezinyanya.
"Nokungayi oku emngcwabeni oselalini bekubangwa leli xhegwazana kuba belifuna ibekho xa thina sifika phaya.  Nokuzinikela oku kulo msebenzi ingacelwanga loo nto yayisalatha ukuba iye yatyunjwa ukuba yenze lo msebenzi wokudibanisa abangasekhoyo nezizalwane zabo ezisaphilayo."
"Hayi undohlule mfo kacikili, uyazazi izinto zakokwenu.

103

Andizange ndazi ukuba umntu angangcwatywa kabini kodwa engagrunjwanga."
"Into yokugrumba amathambo ixhomekeka ebantwini nakwinkolo yabo.  Abanye bayawagrumba baphinde bawangcwabe.  Thina saxelelwa ukuba ukuchukumisa amathambo  asele alala ukuphumla akulungile kuba ngokuwachukumisa angavuka enze inkathazo phakathi kwekhaya ngakumbi ukuba ikhaya elo belisoloko linetyala ngakuwo.  Into esikholelwa kuyo thina bakwampangazitha kukuthetha nabangasekhoyo basiphulaphule futhi."
"Nithetha njani nabantu abangasekhoyo?"
"Hi mfondini, uwubuza lo mbuzo unyanisile?"
:'Nj ani na Ciks?  Ndibuza ndinyanisile ... "
'Uthetha ukuba uyindoda engaka nje akuzange uthethe nabantu abangasekhoyo, abafayo?  Aninquli kokwenu?"
"Hayi, mani, asizange senze loo nto thina.  Uthetha njani nomntu owafayo wangcwatywa?  Utata wethu wayengumntu weCawa.  Akazange asifundise ukuba sikho esinye isinyanya ngaphandle kwenkosi yethu uyesu Khristu.  Asazi nto ke kwelo cala lokunqulwa kwezinyanya.  Yonke into ebhekiselele ezinyanyeni nasekuthakatheni nasemagqirheni esintu wayesithi utata zizinto zakwahedeni, masingazinaki."
"Into endingazi kuyenza kukugxeka uyihlo ndithi iimfundiso zakhe zazingalunganga.  Nawe uyindoda kwaye ufundisiwe.  Ukuba akuzazi ukuba unooyihlo-mkhulu nookhokho bakho abakugadileyo, abakuzisela amathamsanqa, abakukhuselayo, abajonge impilo yakho, abajonge kuwe ekubeni ubalungiselele xa bekhala, abajonge usapho lwakho, ikamva lakho, njalo njalo, yonke loo nto ifuna wena mfo kamadubela.  Ayifuni mna ngakumbi xa nawe inkolo yakho icala nye.  Undivile ndisithi inkonzo kamakhulu siyiqale ngomthandazo kodwa sajika sayiqhuba ngokwesithethe sakwantu."
"Hayi Ciks, kutheni- ngoku uthetha ngolu hlobo nje ngokungathi bendithe andifuni kukumamela?  Wangathi unendawo ekhalalayo nje, kutheni?  Ubungenakukhe utyatyadule kule ndawo yezinyanya nokus;benza kwazo?"
"Kaloku Brian, ingqobhoko yemveli abantu abanenkolo yobuluiristu nevela entshona, bayithatha njengento yokudlala ukususela oko kwangena kweli lizwe laseAfrika abefundisi

104

abamhlophe belizwi abavela Phesheya.  Izinto zabo eziyimveli nezisuka entlalweni yabo bazithatha ngokuba zizinto zakwahedeni njengoko ke notata wakho wakuxelela loo nto.  Ungafika izinto zabo ezinamasiko nezithethe zabo bezenzela ekhusini ngakumbi le mpi ifunde iincwadi ezinkulu.
"Uya kuthi umntu selegula sisifo sesiXhosa, ahambe bonke ooGqirha abafunde imfundo yaseNtshona, ebonwa ngumntu wonke.  Andigxeki nto kuloo nto kuba abaya gqirha ulwazi lwabo balufundele eziYunivesithi ezaziwayo.  Kodwa ke into endiyigxekayo kukuba kwalo mntu ugulayo nongancedekiyo kwaba Gqirha basedesikeni, uza kuxolela ukuba makafe endaweni yokuba alinge amanye amacebo okubonana namaGqirha esintu kuba kaloku waxelelwa ngabelungu nabefundisi abamhlophe nayicawa ukuba umntu othwase waliGqirha lesiNtu ungowakwahedeni.  Uthi node wazincama walifuna igqirha lesintu achwechwe ngobusuku kuba engafuni kubonwa mntu.  Isimanga ke kukuba la maGqirha akrexezwayo adla ngokunceda abantu abaninzi abancame kwiingcungela zooGqirha ezaziwayo zasedesikeni.
"Nombandela odibene nezinyanya ke mfo kamadubela awunakuze ubuchane ubucaducadu bawo ngaphandle kokuba uwazi, uwasebenzise amaGqirha esintu.  Kaloku kwintwaso yawo adibanisa kwizinyanya.  Yiyo le nto akwaziyo ukukuxelela ngesinyanya sakokwenu esiqumbileyo, esikhathazwe kukungahoywa, esifuna ukukwenzela into, njalo njalo.
'Uninzi lwezinto ezenzekayo nezintle phakathi kwekhaya sukuba zize nezinyanya.  Kukho abantu abadla ngokuchamza ebomini ngolu hlobo: umntu akhule ehamba lula, alungelwe emfundweni, emsebenzini, ekushishineni, ebantwaneni bakhe, nasebomini, njalo njalo.  Zonke ezi zinto zizinto abazilungiselelwa zizinyanya zabo ngakumbi ukuba bathe kanti nabo bayazilungiselela ngokuzibuyisa, ngokuzikhumbula, ngokuzihombisa, njalo njalo.
"Kwelinye icala udla ngokubona abantu abaninzi begogoza ebomini kanye ngoku sebefundisiwe banikwa imisebenzi ephucukileyo.  Badla ngokugog6za kube nzima nokuba umntu makazakhele umzi ofanele eli nqanaba akulo.  Omnye uthi selethenge imoto ingahambeli ndawo ngenxa yokuba iwa qho.  Abanye kuba nzima nasebantwaneni eli xa ingqondo benayo.

105

Ezi zinto zidla ngokwehlela abantu abangazihoyanga izinyanya zabo.  Nazo ke ziyabafulathela zibayeke batyhobeke.
'Omnye uchitha ixesha elininzi ekhonza ingqobhoko yaseNtshona elibele ngale yakhe.  Andithandi ukungathi ndiyagxeka ndakufika kule ndawo yabantu abankolo yabo yandeleyo kwingqobhoko yaseNtshona.  Banalo ilungelo lokwenza oko.  Eli lilizwe ledemokhrasi.  Kodwa ibuhlungu into yokubukela umntu etshabalala ngenxa yokuba ejonge calanye njengomnye ugqirha owakha wagula kakhulu egula yinto engabonwayo nengaziwayo.  Waziya zonke iingcaphephe zamaGqirha nezibhedlele eziphambili kweli wada waya naphesheya kodwa akaphila.  Zathi izihlobo nezizalwane makaye emntwini kuba zazikrokrela ukuba le yinto yesixhosa edibene nezinyanya.  Akazange aye ukuba ude abe unabela ingubo kaqaqaqa.
"Uyabona ke ukuba. aba bantwana bakuthi babengayanga kweliya Gqirha besingasoze sazi ukuba kanti sihleli nje kukho isinyanya esiqumbileyo nesangcwatywa kude nekhaya.  Amatye asamile onke.  Ndiva into embi ke kuba sesifika ebhisho.  Bendiza kukutyebisela ngaphezulu kwinto yonke."








106



